INgqina linika umntu iphecana elithi, Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona? ngesiTuvalu
Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
VUKANI!
Umbuzo: Kutheni kubalulekile ukuzilungiselela ngaphambi kokuba kufike intlekele?
Isibhalo: IMi 27:12
Unokuthi: Le magazini isichazela ngento esimele siyenze xa ingekenzeki intlekele, xa isenzeka nasemva kokuba yenzekile.
FUNDISA INYANISO
Umbuzo: Sibonisa njani ukuba siyamthanda uThixo?
Isibhalo: 1Yo 5:3
Inyaniso: Sibonisa ukuba siyamthanda uThixo ngokuthobela imithetho yakhe.
NGABA ABAFI BANGAPHINDA BAPHILE KWAKHONA? (T-35)
Umbuzo: Nyaka ngamnye abantu abaninzi namhlanje benza imisitho yokukhumbula abantu abafileyo, bekwenza ngokunyanisekileyo oku. Ngaba singanalo ithemba lokuphinda sizibone izalamane zethu ezaswelekayo?
Isibhalo: IZe 24:15
Unokuthi: Eli phecana lithetha ngendlela elinokukunceda ngayo ithemba lovuko. [Ukuba kunokwenzeka, dlala ividiyo ethi, Ngaba Likho Ithemba Ngabantu Abaswelekileyo?]
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.