UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 12–13
Umzekeliso Wengqolowa Nokhula
UYesu wasebenzisa umzekeliso wengqolowa nokhula ukubonisa ixesha nendlela aza kulukhetha ngayo eluntwini udidi lwengqolowa, amaKristu athanjisiweyo, ukususela ngo-33 C.E.
‘Umntu wahlwayela imbewu entle entsimini yakhe’
Umhlwayeli: NguYesu Kristu
Imbewu entle iyahlwayelwa: Abafundi bakaYesu bathanjiswa ngomoya oyingcwele
Intsimi: Ngabantu
“Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula”
Utshaba: NguMtyholi
Abantu babelele: Ukufa kwabapostile
“Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni”
Ingqolowa: AmaKristu athanjisiweyo
Ukhula: AmaKristu obuxoki
“Qokelelani ukhula kuqala . . . ; nandule ke nihlanganisele ingqolowa”
Amakhoboka okanye abavuni: Iingelosi
Ukhula olwaqokelelwayo: AmaKristu obuxoki ayahlulwa kumaKristu athanjisiweyo
Bayihlanganisela kuvimba: AmaKristu athanjisiweyo ahlanganiselwa kwibandla elitsha
Xa kwakuqaliswa ukuvunwa, yintoni eyenza amaKristu okwenyaniso ahluka kwawobuxoki?
Ndincedakala njani ngokwazi lo mzekeliso?