UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 14-15
Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa
Ngaphambi nje kwePasika yango-32 C.E., uYesu wenza ummangaliso ibe loo mmangaliso nguwo wodwa obhalwe ngabo bobane ababhali beencwadi zeVangeli.
Ngokwenza lo mmangaliso, uYesu wabonisa indlela yokwenza izinto asaqhubeka eyenza nakwimihla yethu.
- UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bondle abantu abaninzi, nangona babenezonka ezintlanu neentlanzi ezimbini kuphela 
- UYesu wathatha izonka neentlanzi waza emva kokuthandaza wazinika abafundi bakhe baza bona bazinika abantu 
- Okumangalisayo kukuba bonke abantu batya bonela. UYesu wondla abantu abaninzi ngezandla zabambalwa—abafundi bakhe 
- UYesu wachaza kwangaphambili ukuba ngemihla yokugqibela, wayeza kulungiselela indlela yokuba abantu bafumane ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’—Mat 24:45 
- Ngo-1919, uYesu wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqela elincinane labazalwana abathanjisiweyo, ‘phezu kwempahla yendlu yakhe,’ abo bondliwayo. 
- Ngokulungiselela eli qela lincinane labazalwana abathanjisiweyo, uYesu wenza into awayeyenze ngenkulungwane yokuqala 
Ndingabonisa njani ukuba ndiyayiqonda ibe ndiyayihlonela indlela uYesu ayisebenzisayo yokondla abantu ngokubafundisa ngoThixo?