UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LUKA 10-11
Umzekeliso WomSamariya Olungileyo
UYesu wenza lo mzekeliso ukuze aphendule umbuzo othi, “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” (Luk 10:25-29) Wayesazi ukuba ibandla lamaKristu laliza kwakhiwa zizo “zonke iintlobo” zabantu—kuquka amaSamariya nabantu beeNtlanga. (Yoh 12:32) Lo mzekeliso wawufundisa abalandeli bakhe ukuba bamele bazame ngandlela zonke ukuthanda abantu, kwanabo bahlukileyo kubo.
ZIBUZE:
- ‘Ndibajonga njani abazalwana noodade bezinye iintlanga?’ 
- ‘Ngaba ndibuthelana kuphela nabantu endinezinto endifana ngazo nabo?’ 
- ‘Ngaba andinakukhe ndiqhelane nabazalwana abanemvelaphi engafaniyo neyam?’ (2Ko 6:13) 
Ndingamema bani ukuba . . .
- asebenze nam entsimini 
- eze ekhayeni lam esidlweni 
- eze kuNqulo Lwentsapho yam ngenye ingokuhlwa