UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IZENZO 1–3
Umoya Oyingcwele Wathululelwa Phezu Kwebandla LamaKristu
AmaYuda awayekho eYerusalem ngePentekoste ka-33 C.E. ayesuka kwezinye iindawo. (IZe 2:9-11) Nangona ayephila ngoMthetho KaMoses, ayehlala kwezinye iindawo ezazihlala abantu beentlanga. (Yer 44:1) Nangona ayengamaYuda, kusenokwenzeka ukuba amanye ayethetha njengabantu beendawo awayesuka kuzo, hayi njengamaYuda. Xa kwabhaptizwa i-3 000 yala maYuda asuka kwezinye iindawo, ibandla lamaKristu latsho laxubana. Nangona ayesuka kwiindawo ezingafaniyo, ayesiya “rhoqo etempileni ngamxhelo mnye.”—IZe 2:46.
Ungabonisa njani ukuba unomdla nyhani . . .
kubantu oshumayela kubo abasuka kwamanye amazwe?
kubazalwana noodade abasebandleni lakho abasuka kwamanye amazwe?