UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 1 KORINTE 4-6
“Igwele Elincinane Libilisa Intlama Iphela”
Kutshiwo njani ukuba ilungiselelo lokususwa komntu kubudlelwane luthando, kuba akubi mnandi?
Ukususwa komntu kubonisa ukuba kuthandwa . . .
uYehova, kuba kungcwaliswa igama lakhe.—1Pe 1:15, 16
ibandla, kuba likhuselwa ekumoshakaleni.—1Ko 5:6
umntu owonileyo, kuba uncedwa abuyele ezingqondweni.—Heb 12:11
Ungayinceda njani intsapho enomntu osusiweyo kubudlelwane?