UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | TITO 1–FILEMON
“Umisele Namadoda Amakhulu”
UPawulos wayalela uTito ukuba ‘amisele amadoda amakhulu kwizixeko ngezixeko.’ Le nto isenziwa nanamhlanje, kuba abaveleli besiphaluka bamisela amadoda amakhulu emabandleni.
IQUMRHU ELILAWULAYO
Njengoko kwakusenziwa ngexesha labapostile, iQumrhu Elilawulayo linike abaveleli besiphaluka umsebenzi obalulekileyo wokumisela amadoda amakhulu kunye nezicaka zolungiselelo.
ABAVELELI BESIPHALUKA
Abadala basenokucebisa abaveleli besiphaluka ngabazalwana abasebandleni, kodwa abaveleli bafanele baqale bathandaze baze baqiniseke ngaphambi kokumisela abo bafanelekayo.
AMADODA AMAKHULU AMISELWEYO
Nasemva kokuba abadala bemiselwe, kufuneka baqhubeke besebenza nzima ukuze baqinisekise ukuba bahlala bekufanelekele ukuba ngabadala.