INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
UYehova Akazilibali Izinto Ezintle Esizenzayo
Ingenzeka into yokuba bonke abakhonzi bakaYehova bamkhonze ngendlela angasoze ayilibale. Njengomzali omthandayo umntwana wakhe nonebhongo ngezinto azenzayo, noTata wethu uYehova akawulibali umsebenzi wethu nothando esilubonisayo ngegama lakhe. (Mat 6:20; Heb 6:10) Siyazi kona ukuba izinto esikwazi ukuzenza neemeko zethu azifani. Kodwa ukuba senza konke esinokukwenza ekukhonzeni uYehova, singonwaba. (Gal 6:4; Kol 3:23) Sele kuyiminyaka ngoku kukho abazalwana noodade abasebenza eBheteli. Wena, ungakwazi ukuvolontiya usebenze khona? Ukuba iimeko azikuvumeli, kutheni ungakhe ukhuthaze abanye abantu ukuba bavolontiye okanye uncede umntu osele esebenza eBheteli aqhubeke esebenza khona?
BUKELA IVIDIYO ETHI NAZI IZINTO EZINOKUKUNCEDA UKHONZE EBHETELI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Yintoni emele yenze umntu afune ukuyosebenza eBheteli?
Abanye abantu bathi yintoni emnandi ngokusebenza eBheteli?
Ziintoni ezifunekayo ukuze usebenze eBheteli?
Ungasifaka njani isicelo sokusebenza eBheteli?