UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 44-45
UYosefu Wabaxolela Abantakwabo
Kusenokuba nzima ukuxolela umntu osikhathazileyo, ingakumbi xa loo mntu eyenze ngabom loo nto. Yintoni eyanceda uYosefu wabaxolela abantakwabo xa babemenze into ebuhlungu?
UYosefu akazange afune ukuziphindezela, kodwa wajonga ukuba batshintshile na ukuze abaxolele.—Nd 86:5; Luk 17:3, 4
Akazange ahlale enomsindo, kodwa walinganisa uYehova osoloko exolela.—Mik 7:18, 19
Ndingamlinganisa njani uYehova osoloko exolela?