INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Thobeka Xa Unconywa
Abantu banokusincoma ngamanye amaxesha. Le nto inokusikhuthaza xa beyenza ngokusuka entliziyweni, beneenjongo ezintle. (IMi 15:23; 31:10, 28) Kodwa sifanele silumke, singabi nekratshi okanye sizicingele ukuba sibhetele kunabanye.
BUKELA IVIDIYO ETHI UNGAGUNGQI NJENGOYESU—XA UNCONYWA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:
Ziintoni abanokusincoma ngazo abantu?
Abazalwana bamncoma njani uSergei?
Indlela abamncoma ngayo yabaxeka njani?
Ufunda ntoni kwindlela uSergei awaphendula ngayo ngokuthobeka?