INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Bonisa UYehova Ukuba Uyamthanda
AmaNgqina kaYehova asikelelwe. Njengokuba singamaKristu abhaptiziweyo, singakwazi ukuqhubeka siqinisa ubuhlobo bethu noYehova. Usitsalela kuye esebenzisa uNyana wakhe. (Yoh 6:44) Uyasimamela xa sithandaza.—Nd 34:15.
Singabukhusela njani ubuhlobo bethu noYehova? Enye indlela esinokubukhusela ngayo kukungenzi izinto ezimbi ezifana nezo zazisenziwa ngamaSirayeli. Emva nje kokuba enze isivumelwano sokuba ngabahlobo bakaYehova, azenzela isithixo esilithole lenkomo legolide. (Eks 32:7, 8; 1Ko 10:7, 11, 14) Singazibuza le mibuzo: ‘Ndenza ntoni xa ndilingwa? Ngaba izinto endizenzayo zibonisa ukuba ndiyakuxabisa ukuba ngumhlobo kaYehova?’ Xa simthanda uTata wethu wasezulwini, asizozenza izinto azicaphukelayo, nathi siza kuzicaphukela.—Nd 97:10.
BUKELA IVIDIYO ETHI KHUSELA UBUHLOBO BAKHO NOYEHOVA (KOL 3:5), UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Yintoni ukunyoluka?
Kutheni sifanele sikuphephe ukunyoluka nokukhonza izithixo?
Kudibana njani ukukrexeza nokukhonza izithixo?
Kutheni abantu abasetyenziswa yintlangano befanele baqiniseke nakakhulu ukuba babahoyile abantu abatshate nabo, nezinto abazidingayo?