UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LEVITIKUS 12-13
Funda Kwimithetho Yeqhenqa
Imigaqo esiyifunda kwimithetho yeqhenqa isifundisa ntoni ngokuqinisekisa ukuba ubuhlobo bethu noYehova buqinile?
UYehova wafundisa ababingeleli indlela yokubona iqhenqa ngokukhawuleza. Ngokufanayo, nabadala namhlanje bakhawuleza bambone nabani na odinga uncedo ukuze aqinise ubuhlobo bakhe noYehova.—Yak 5:14, 15
AmaSirayeli kwakufuneka azitshise izinto ezazineqhenqa ukuze angosuleleki. NamaKristu namhlanje kufuneka akulungele ukuncama izinto azithandayo ezinokuwenza one. (Mat 18:8, 9) Kusenokufuneka ancame abahlobo, indlela yokuzonwabisa kunye nezinto athanda ukuzenza
UmKristu angabonisa njani ukuba ufuna ukuncedwa nguYehova nyhani?