IBALI LOBOMI
Ukufunda Kwabanye Abantu Kwandinceda Ndasikelelwa
XA NDANDISEMNCINCI, ndandisoyika ukushumayela. Ndathi ndakukhula, ndanikwa imisebenzi endandicinga ukuba andinakukwazi ukuyenza. Makhe ndinibalisele ngabantu abandinceda ndayeka ukoyika ndaza ndasikelelwa kule minyaka iyi-58 ndikwinkonzo yexesha elizeleyo.
Ndazalelwa kwidolophu enabantu abathetha isiFrentshi, iQuebec City, ekwiphondo laseQuebec, eKhanada. Abazali bam, uLouis noZélia, babendithanda kakhulu. Utata wayengumntu oneentloni othanda ukufunda. Mna ndandikuthanda ukubhala, ndifuna nokuba yintatheli.
Xa ndandineminyaka emalunga neyi-12, ekhaya kwafika uRodolphe Soucy owayesebenza notata nomhlobo wakhe. BabengamaNgqina KaYehova. Kwakungekho nto ingako endiyaziyo ngamaNgqina ibe ndandingenamdla kwinkonzo yawo. Kodwa mna nabazali bam sayithanda indlela abayiphendula ngayo imibuzo yethu besebenzisa iBhayibhile, kangangokuba savuma ukuqhutyelwa isifundo.
Ngelo xesha, ndandifunda kwisikolo samaKatolika. Ngamanye amaxesha, ndandidla ngokuncokola nabantwana endandifunda nabo ngezinto endandizifunda eBhayibhileni. Ekuhambeni kwexesha, ootitshala, ababengabefundisi baziva izinto endandincokola ngazo eklasini. Omnye wabo wandihlaza phambi kweklasi esithi ndingumvukeli, endaweni yokuba aphikise ezi zinto ndandizithetha esebenzisa iBhayibhile. Ewe kona yandikhathaza le nto, kodwa yandinceda ndabona ukuba izinto esasizifundiswa kwesi sikolo zaziphikisana neBhayibhile. Ndaqonda ukuba ndimele ndiyeke ukufunda kwesi sikolo. Abazali bam bandivumela ukuba ndiye kwesinye.
INTO EYANDINCEDA NDAYITHANDA INTSIMI
Andizange ndiyeke ukufundelwa iBhayibhile, kodwa andizange ndikhawuleze ndihambele phambili ngenxa yokuba ndandisoyika ukushumayela kwindlu ngendlu. ICawa YamaKatolika yayithandwa kakhulu ibe yayingafuni nokuwubona umsebenzi wethu wokushumayela. Inkokheli yezopolitiko, uMaurice Duplessis wayevana kakhulu nabantu bale cawa. Waxhasa abantu abawaphatha kakubi amaNgqina baza bawahlasela. Kwakufuneka umntu abe nesibindi nyhani ukuze akwazi ukushumayela ngelo xesha.
Umzalwana owandinceda ndayeka ukoyika ukushumayela nguJohn Rae, owaphumelela kwiklasi yesithoba yeSikolo saseGiliyadi. UJohn wayenexesha elide eshumayela, ethobekile ibe kwakulula ukuthetha naye. Wayengafane andilungise kodwa ininzi into endayifundayo kwindlela awayezenza ngayo izinto. Wayengasazi kakuhle isiFrentshi, ngoko ndandidla ngokuhamba naye entsimini ukuze ndimncedise xa ethetha nabantu. Ukuba kunye noJohn kwandinceda ndaba nesibindi sokuba liNgqina LikaYehova. Ndabhaptizwa emva kweminyaka elishumi ndidibene namaNgqina, ngoMeyi 26, 1951.
UJohn Rae (A) wandinceda (B) ndayeka ukoyika ukushumayela kwindlu ngendlu
Ibandla lethu elincinci laseQuebec City lalinoovulindlela abaninzi. Indlela ababezenza ngayo izinto yandenza nam ndanguvulindlela. Sasisebenzisa iBhayibhile qha xa sishumayela. Kwakufuneka sizicacise kakuhle iZibhalo kuba sasingenazo iincwadi. Ngoko ndazama ukwazi iivesi ezaziza kundinceda ndikwazi ukuthethelela izinto esizifundisayo. Abantu abaninzi babengafuni ukufunda kwaloo Bhayibhile ukuba yayingafunwa yiCawa yamaKatolika.
Ngo-1952, ndatshata noSimone Patry, endandikunye naye ebandleni. Sahamba saya kuhlala eMontreal. Kungaphelanga nonyaka sasikelelwa ngomntwana oyintombazana, uLise. Nangona ndayekayo ukuba nguvulindlela emva kokuba sitshatile, mna noSimone asizange sizixakekise ngezinto ezininzi. Le nto yasinceda sakwazi ukuzenza kunye izinto ezininzi zebandla.
Emva kweminyaka elishumi, ndaphinda ndacinga ngokuba nguvulindlela. Ngo-1962 ndaya kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sabadala esathatha inyanga kwiBheteli yaseKhanada. Apho ndandihlala noCamille Ouellette. Ngelo xesha babenqabe kakhulu eQuebec oovulindlela abakhulisa abantwana, kodwa uCamille wayefuna ukwenza kanye loo nto. Wandikhuthaza ukuba ndicinge ngeyam imeko. Emva kweenyanga ezimbalwa, ndaqonda ukuba ndingaphinda ndibe nguvulindlela othe ngxi. Abanye abantu babengasiginyi ncam isigqibo endisenzileyo. Kodwa ndaba nguye uvulindlela kuba ndandimthembile uYehova ukuba uza kundinceda kuba ndifuna ukwandisa ixesha endishumayela ngalo.
SABA NGOOVULINDLELA ABAKHETHEKILEYO EQUEBEC CITY
Ngo-1964, mna noSimone saba ngoovulindlela abakhethekileyo kwidolophu yasekhaya, iQuebec City, ibe sahlala apho iminyaka emininzi. Babesekhona abantu abasichasayo nangona kwakungasafani nakuqala.
Ngomnye uMgqibelo emva kwemini, ndabanjwa ndiseSainte-Marie, idolophu encinci ekufutshane naseQuebec City. Ndasiwa entolongweni kuba ndandishumayela kwindlu ngendlu ndingavumelekanga. Emva koko, ndasiwa kwenye ijaji eyayisoyikeka kakhulu, uBaillargeon. Yandibuza ukuba ngubani igqwetha lam. Ndathi ndakuthi nguGlen How,a iNgqina elaziwayo eliligqwetha, yothuka yathi: “Owu madoda. Ingabi nguye.” UGlen How wayedume kakhulu ngokumela amaNgqina enkundleni. Inkundla yandichazela ukuba andinatyala.
Ngenxa yokuba sasichaswa eQuebec, kwakunzima ukuba sifumane indawo yokurenta esiza kuqhubela kuyo iintlanganiso. Ibandla lethu elincinci lalingenela kwigaraji endala eyayibanda kakhulu. Ebusika, sasilayita iheater. Ngaphambi kokuba kuqale iintlanganiso, sasidla ngokotha yona size sibaliselane izinto ezikhuthazayo.
Ndiyavuya xa ndibona izinto ezintle ezenzekileyo ngenxa yokushumayela kwabazalwana noodade kangangeminyaka. Ngeminyaka yoo-1960, kwakukho amabandla ambalwa amancinci eQuebec City, eCôte-Nord naseGaspé Peninsula. Ngoku baninzi kakhulu abazalwana noodade kwezi ndawo, kangangokuba kukho iziphaluka ezingaphezu kwezimbini neeHolo ZoBukumkani ezintle.
NDABA NGUMVELELI OHAMBAHAMBAYO
Ngo-1977, ndandikwintlanganiso yabaveleli abahambahambayo eToronto, eKhanada
Ngo-1970, saba sesiphalukeni saza ngo-1973, saba kwisithili. Ngaloo minyaka, ndafunda izinto ezininzi kubazalwana abanjengoLaurier Saumurb noDavid Splane.c Bobabini babengabaveleli abahambahambayo. Qho emva kwendibano, mna noDavid sasicebisana ngendlela esinokuphucula ngayo xa sifundisa. Ngenye imini, uDavid wathi kum: “Léonce, ndiyithandile intetho yakho yokugqibela. Ibimnandi kakhulu, kodwa bendingenza iintetho zibe ntathu kula ntetho yakho.” Ndandidla ngokuthetha ngezinto ezininzi xa ndisenza intetho. Ndabona ukuba kufuneka ndithethe nje ngezinto ezimbalwa.
Ndakhonza kwiindawo ezininzi ezikwimpuma yeKhanada
Abaveleli besithili kwakufuneka bakhuthaze abaveleli besiphaluka. Kodwa ke, abavakalisi abaninzi eQuebec babendazi kakhulu. Babefuna ukushumayela nam xa ndiye kwisiphaluka sabo. Ndandikuthanda ukushumayela nabo, kodwa loo nto yayindenza ndingahlali ixesha elide nomveleli wesiphaluka. Ngenye imini, omnye umveleli wesiphaluka wathi kum: “Ndiyayithanda into yokuba uhlale nabazalwana, kodwa ke ungalibali ukuba uze kum kule veki. Nam ndiyakufuna ukukhuthazwa.” Ininzi into endayifundayo kule nto yathethwa ngulo mzalwana.
Ngo-1976, kwenzeka into endandingayilindelanga neyayibuhlungu kakhulu. Inkosikazi yam endandiyithanda, uSimone, yagula kakhulu yaza yasweleka. Into eyandinceda ndakwazi ukunyamezela kukusoloko ndishumayela, ibe ndiyambulela uYehova ngokundixhasa ngela xesha linzima. Ekuhambeni kwexesha ndatshata noCarolyn Elliott, udade ozimiseleyo othetha isiNgesi nowaya eQuebec kuba sasidinga abavakalisi abaninzi. Kulula ukuthetha noCarolyn kuba unomdla kwabanye abantu, ingakumbi abaneentloni nabangenabantu basondeleyo kubo. Wandinceda kakhulu xa ndandingumveleli ohambahambayo.
OWONA NYAKA UBALULEKILEYO
Ngo-1978, ndacelwa ukuba ndifundise kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela sokuqala eQuebec. Ndandisoyika kakhulu kuba yayintsha nakum le nto ndandiza kuyifundisa. Kodwa ke, into emnandi kukuba, abantu abaninzi ababekwiklasi yokuqala endandiyifundisa, babeneminyaka emininzi bengoovulindlela. Nangona yayindim ofundisayo, ininzi into endayifundayo kwaba vulindlela.
Ekupheleni kuka-1978, saba neNdibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yokholo Olweyisayo’ kwibala laseMontreal. Sasiqala ukuba nendibano enkulu kangaka eQuebec, kuba kwakuze abantu abangaphezu kwe-80 000. Ndandisebenza kwiSebe Lenkcazelo. Ndathetha neentatheli ezininzi ibe ndavuya kakhulu ndakubona ukuba zibhale izinto ezintle zodwa ngathi. Zancokola nathi kwiTV nakwirediyo kangangeeyure ezingaphezu kweziyi-20, zaza zabhala izinto ezininzi ngathi. Le nto yenza abantu abaninzi beva ngeBhayibhile.
SATHUNYELWA KWENYE INDAWO
Ngo-1996, kwenzeka into endandingayilindelanga. Ndathunyelwa ukuba ndiyokuba ngumveleli wesithili kwintsimi yabantu abathetha isiNgesi, eToronto. Le nto yaba nzima kakhulu kum, kuba oko ndabhaptizwa ndandikwintsimi yabantu abathetha isiFrentshi, eQuebec. Ekubeni ndandisazi isiFrentshi, ndandisoyika ukunikela iintetho ngesiNgesi kuba ndandingasazi kakuhle. Kwafuneka ndingayeki ukuthandaza ndize ndimthembe kakhulu uYehova.
Nangona ndandisoyika ekuqaleni, ndingatsho ngoku ukuba yayimnandi kakhulu la minyaka mibini sayihlalayo eToronto. UCarolyn wandinceda ndakwazi ukusithetha kakuhle isiNgesi, ibe nabazalwana noodade babendixhasa yaye bendikhuthaza. Sakhawuleza sanabahlobo abaninzi.
Xa iza kuba yindibano sasixakeka kakhulu siyilungiselela. Kodwa qho ngoLwesihlanu emva kwemini, ndandisiya entsimini kangangeyure. Mhlawumbi abanye babezibuza ukuba kutheni ndisiya entsimini kodwa ndiza kuxakeka endibanweni. Kaloku ndandikhuthazeka kakhulu xa ndiye ndancokola nabantu ngeBhayibhile. Nangoku, ndonwaba kakhulu xa ndibuya entsimini.
Ngo-1998, mna noCarolyn saba ngoovulindlela abakhethekileyo eMontreal. Kangangeminyaka ndandilungiselela ukushumayela esidlangalaleni ibe ndandisebenza namajelo eendaba ukuze ndicacisele abantu izinto ababengaziqondi ngamaNgqina KaYehova. Ngoku siyakuthanda ukushumayela kubantu abafikayo apha eKhanada nabafuna ukuyazi iBhayibhile.
Ndikunye nenkosikazi yam, uCarolyn
Xa ndicinga ngale minyaka iyi-68 ndikhonza uYehova, ndingatsho ukuba ndisikelelwe nyhani. Ndiyavuya kuba ndade ndayithanda intsimi ndaza ndanceda abantu abaninzi bayazi inyaniso. Emva kokuba intombi yam uLise nomyeni wakhe bekhulise abantwana, baba ngoovulindlela abathe ngxi. Ndiye ndivuye kakhulu xa ndibona indlela ayithanda ngayo intsimi. Ndibabulela kakhulu abazalwana noodade abaye bandinceda ndangumhlobo kaYehova ndaza ndamsebenzela ngeendlela ezahlukeneyo. Ndibonile ukuba ngumoya oyingcwele qha onokunceda umntu ahlale ekuloo ndawo intlangano ethe makasebenze kuyo. (INdu. 51:11) Ndihlala ndimbulela uYehova ngokundivumela ukuba ndidumise igama lakhe.—INdu. 54:6.
a Funda ibali lobomi likaW. Glen How elinomxholo othi “The Battle Is Not Yours, but God’s,” kuVukani! wesiNgesi ka-Aprili 22, 2000.
b Funda ibali lobomi likaLaurier Saumur elinomxholo othi “I Found Something Worth Fighting For,” kwiMboniselo yesiNgesi kaNovemba 15, 1976.
c UDavid Splane ukwiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova.
Ndikunye nenkosikazi yam, uCarolyn