Intshayelelo
Wawukhe wathandaza kuThixo, waza emva kwexesha wabona ingathi akawuphendulanga umthandazo wakho? Le nto ikhe yenzeka kubantu abaninzi. Baye bathandaze kuThixo becela uncedo, kodwa iingxaki zabo azipheli. Le Mboniselo iza kuthetha ngokuba kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo uyayiva imithandazo yethu. Ichaza ukuba kutheni eminye imithandazo ingaphendulwa, ize ithethe nangendlela esifanele sithandaze ngayo ukuze imithandazo yethu iphendulwe.