IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Agasti iphe. 7
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ukugcina Ibandla Linoxolo Yaye Licocekile
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Ngaba Indlela Olungisa Ngayo ‘Iyayivuyisa Intliziyo’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • “Nibahlonele Abo Basebenza Nzima Phakathi Kwenu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Agasti iphe. 7

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba ukuphawulwa ekuthethwa ngako kuma-2 Tesalonika 3:14 kwenziwa ngabadala okanye ngabavakalisi?

UPawulos wathi kumaKristu aseTesalonika, “UKuba kukho nabani na ongayithobeliyo into esiyithethayo kule leta, mphawuleni.” (2 Tes. 3:14) Besikade sisithi wayethetha nabadala. Ukuba kukho umntu oqhubeka engayihoyi imigaqo yeBhayibhile nasemva kokuba abadala bemncede kaninzi, bebeye balungiselele ukuba kunikelwe intetho elumkisayo. Emva koko, abavakalisi bebeye bangachithi xesha nalo mntu uphawuliweyo xa bengekho kwiintlanganiso okanye entsimini.

Kodwa kuye kwafuneka itshintshwe indlela esicaciswa ngayo esi sibhalo. Kubonakala ukuba uPawulos wayethetha ngento emele yenziwe ngabavakalisi kwiimeko ezithile. Ngoku ayizukwenziwa intetho elumkisayo. Ngoba? Cinga ngeyona nto wayethetha ngayo uPawulos xa wayedlulisa lo myalelo.

UPawulos wabona ukuba abanye kwibandla laseTesalonika ‘babengalawuleki’. Babengafuni ukuthobela isiluleko esisuka kwiLizwi likaThixo. Xa wayebatyelele ngaphambili, wabanika lo myalelo: “UKuba umntu akafuni ukusebenza, makanganikwa kutya.” Kodwa abanye babengafuni ukusebenza ukuze bazixhase, nangona babenako. Babezifaka nasezintweni zabanye abantu. AmaKristu ayemele abaphathe njani abo bangalawulekiyo?​— 2 Tes. 3:​6, 10-12.

UPawulos wathi, “Mphawuleni.” Igama lesiGrike elisetyenziswe kule vesi lithetha ukumlumkela loo mntu. UPawulos wathi le nto mayenziwe libandla lonke, hayi nje abadala. (2 Tes. 1:1; 3:6) Ngoko ukuba umvakalisi wayebona omnye umKristu engasithobeli isiluleko esisuka kwiLizwi likaThixo, wayenokukhetha “ukubhekela” kuloo mntu ungalawulekiyo.

Ngaba le nto yayithetha ukuba lo mntu uza kuphathwa njengomntu osusiweyo ebandleni? Hayi, kuba uPawulos wathi: “Qhubekani nimlungisa njengomzalwana.” Ngoko umvakalisi wayenokuqhubeka echitha ixesha naloo mntu uphawuliweyo xa bekwiintlanganiso nasentsimini, kodwa akhethe ukungazonwabisi naye. Ngoba? UPawulos wathi, “Ukuze abe neentloni.” Ngenxa yokuba ephawuliwe, loo mKristu ungalawulekiyo wayenokuba neentloni ngento ayenzayo aze ayiyeke.​— 2 Tes. 3:​14, 15.

AmaKristu anokumphawula xa kutheni umntu kule mihla? Okokuqala, kuza kufuneka siqiniseke ukuba nyhani indlela aziphethe ngayo imenza abe ngumntu “ongalawulekiyo” ngalaa ndlela yayichazwe nguPawulos. Kaloku uPawulos wayengathethi ngabantu abathanda izinto ezahlukileyo kwezithandwa sithi, okanye abanezazela ezingafaniyo nezethu. Ibe wayengathethi nangabantu abaye basikhathaza. Kodwa abantu awayethetha ngabo, ngabo babekhetha ukungasithobeli ngabom isiluleko esisuka kwiLizwi likaThixo.

Kule mihla, xa sibona ukuba umKristu akalawuleki,a siza kuzenzela isigqibo sokungachith’ ixesha okanye sizonwabise naye. Ekubeni esi isisigqibo esimele sizenzele sona, siza kuxelela kuphela abo bakwintsapho yethu esihlala nayo. Ibe asizukumphepha xa sikwiintlanganiso nasentsimini. Kodwa ukuba uyatshintsha, izinto ziza kubuyela esiqhelweni.

a Ngokomzekelo, umKristu usenokungafuni ukusebenza ukuze azixhase nangona enako, usenokuqhubeka ethandana nomntu ongakholwayo, usenokuthetha izinto ezilenza lingamanyani ibandla okanye abe nolwimi. (1 Kor. 7:39; 2 Kor. 6:14; 2 Tes. 3:​11, 12; 1 Tim. 5:13) Abo baqhubeka besenza ezi zinto ‘abalawuleki.’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share