IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Aprili iphe. 14-19
  • Ukusondelelana Nabazalwana Noodade Kusilungele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukusondelelana Nabazalwana Noodade Kusilungele
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHENI KUFUNEKA SISONDELELANE?
  • HLONIPHANANI
  • ‘MAKUNGABIKHO NTO INIXABANISAYO’
  • MASITHANDE “NGEZENZO NANGENYANISO”
  • Uyathandwa NguYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • ‘Kusilungele Ukusondela KuThixo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Fumana Iimpendulo Zale Mibuzo
    Ucwangciso Lwendibano Yesiphaluka Kunye Nomveleli Wesiphaluka Ka-2025-2026
  • Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Aprili iphe. 14-19

INQAKU ELIFUNDWAYO 16

INGOMA 87 Yiza! Uhlaziyeke

Ukusondelelana Nabazalwana Noodade Kusilungele

“Jonga! Kulungile ibe kuthandeka ngeyona ndlela ukuhlala kwabazalwana kunye bemanyene!”​—INDU. 133:1.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngamacebiso eendlela esinokusondelelana ngazo, nangeendlela ezininzi esiza kusikelelwa ngazo xa singabahlobo babazalwana noodade.

1-2. Yeyiphi enye into ebalulekileyo kuYehova? Yintoni thina afuna siyenze?

INDLELA esibaphatha ngayo abantu yenye yezinto ezibalulekileyo kuYehova. UYesu wasifundisa ukuba sithande ummelwane ngendlela thina esizithanda ngayo. (Mat. 22:​37-39) Loo nto ithetha nokuba simele sibe nobubele nakubantu abangamkhonziyo uYehova. Xa sisenza loo nto, silinganisa uYehova uThixo, “[owenza] ilanga lakhe liphume kubantu abalungileyo nabangalunganga, nemvula eyinika amalungisa nabangengomalungisa.”​—Mat. 5:45.

2 Ngoxa uYehova ebathanda bonke abantu, ubathanda kakhulu abo benza izinto ezilungileyo. (Yoh. 14:21) Ufuna simlinganise. Ngoko usikhuthaza ukuba ‘sibathande kakhulu’ abazalwana noodade. Xa sicinga ngolo thando, sisenokucinga ngendlela umntu aye amthande ngayo umntu azalana naye okanye ongumhlobo wakhe.​—1 Pet. 4:8; Roma 12:10.

3. Yintoni esimele siyikhumbule ngothando?

3 Uthando lufana nesityalo ekufuneka sikhathalelwe ukuze sikhule. Umpostile uPawulos wathi kumaKristu: “Qhubekani nibathanda abazalwana benu.” (Heb. 13:1) UYehova ufuna sihlale sisebenzela ukuya sibathanda abanye. Kweli nqaku, siza kuva ukuba kutheni sifanele sisondelelane namanye amaKristu, nokuba sinokuhlala njani siyenza loo nto.

KUTHENI KUFUNEKA SISONDELELANE?

4. Ngokutsho kweNdumiso 133:​1, sinokuhlala njani siyixabisa indlela amanyene ngayo amaKristu? (Jonga nemifanekiso.)

4 Funda iNdumiso 133:1. Njengomdumisi, nathi sithi ‘kulungile’ futhi ‘kuyathandeka’ ukuba nabahlobo abathanda uYehova. Kodwa njengokuba umntu esenokuqalisa ukungawuhoyi umthi omhle awubona yonke imihla, nathi sisenokuqalisa ukungayixabisi indlela amanyene ngayo amaKristu. Kaloku sibabona qho abazalwana noodade, mhlawumbi kaninzi ngeveki. Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sibaxabisa? Ukuba sizipha ixesha lokucinga ngendlela abaluleke ngayo ngamnye wabo kuthi nasebandleni, siza kuya sibathanda.

Imifanekiso: 1. Udade ubukele umthi onamagqabi atshintshe umbala. 2. Ekuhambeni kwexesha, unika omnye udade ihug kwindibano yengingqi. Abanye abalapho bonwabile bayancokola.

Singaze singayixabisi indlela amanyene ngayo amaKristu (Jonga isiqendu 4)


5. Yintoni enokwenzeka kwabanye abantu xa bebona indlela esithandana ngayo?

5 Abanye abantu abaqalayo ukuya kwiintlanganiso zethu baye bayithande kakhulu indlela esithandana ngayo. Loo nto nje iyodwa inokubenza baqiniseke ukuba bayifumene inyaniso. UYesu wathi: “Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.” (Yoh. 13:35) Khawuve into eyenzeka komnye umfundi waseyunivesithi, uChaithra, owayefundelwa iBhayibhile ngamaNgqina KaYehova. Wamenywa kwindibano yengingqi waza waya. Emva kosuku lokuqala eyile, wathi kumntu owayemfundisa iBhayibhile: “Zange ndayifumana i-hug kubazali bam. Kodwa endibanweni yenu ndifumene eziyi-52 ngosuku nje olunye. UYehova usebenzise nina ukuze andibonise ukuba uyandithanda. Nam ndifuna ukuba ngomnye wenu.” UChaithra waqhubeka ebutshintsha ubomi bakhe, de wabhaptizwa ngo-2024. Nyhani, xa abantu abanomdla bebona imisebenzi yethu emihle nendlela esithandana ngayo, badla ngokufuna ukukhonza uYehova.​—Mat. 5:16.

6. Ukusondelelana nabazalwana noodade kunokusikhusela njani?

6 Ukusondela kubazalwana noodadewethu kunokusikhusela. UPawulos wathi kumaKristu: “Hlalani nikhuthazana yonke imihla . . . ukuze kungabikho nabani na kuni owenziwa aqaqadeke ngamandla esono aqhathayo.” (Heb. 3:13) Ukuba siyatyhafa, side siqalise nokuyeka ukwenza izinto ezilungileyo, uYehova unokusinceda esebenzisa omnye umzalwana okanye udade oye wayiqaphela loo nto. (INdu. 73:​2, 17, 23) Ukukhuthazwa ngaloo ndlela kusinceda nyhani.

7. Ludibana njani uthando nomanyano? (Kolose 3:​13, 14)

7 Sikwiqela labantu abasebenza nzima ukuze bathandane, ngoko ngenxa yaloo nto sifumana iintsikelelo ezininzi. (1 Yoh. 4:11) Ngokomzekelo, uthando lusenza ‘siqhubeke sinyamezelana,’ ize loo nto isenze simanyane. (Funda amaKolose 3:​13, 14; Efe. 4:​2-6) Ngenxa yaloo nto, xa sikwiintlanganiso sonwaba ngaphezu kwalo naliphi na iqela labantu emhlabeni.

HLONIPHANANI

8. UYehova usinceda njani simanyane?

8 Iyamangalisa indlela esimanyene ngayo nabazalwana noodade abasemhlabeni wonke. NguYehova osenza simanyane ngoxa sinesono. (1 Kor. 12:25) IBhayibhile ithi ‘uThixo usifundise ukuba sithandane.’ (1 Tes. 4:9) Ngamanye amazwi, kwiZibhalo usixelela kanye le nto sifanele siyenze ukuze sisondelelane. ‘Sinokufundiswa nguThixo’ ngokuzihlolisisa kakuhle izinto asifundisa zona, size sizenze. (Heb. 4:12; Yak. 1:25) Yiloo nto kanye amaNgqina KaYehova azama ngamandla ukuyenza.

9. Yintoni esiyifundayo kumaRoma 12:​9-13 ngokuhloniphana?

9 ILizwi LikaThixo lisifundisa njani ukuba sisondelelane? Khawuve ukuba uPawulos wathini ngale nto kumaRoma 12:​9-13. (Wafunde.) Uphawule ukuba wathi “mntu ngamnye makabe ngowokuqala ukuhlonipha omnye”? Wayethetha ukuthini? Sifanele sibe ngabokuqala ‘ukubathanda abanye.’ Loo nto siyibonisa ngeendlela ezinjengokubaxolela, ukuba nobubele kubo nokubapha izinto esinazo. (Efe. 4:32) Akukho sizathu sokuba ulinde ibe ngumzalwana okanye udade osondela kuwe. ‘Kunokuqala’ wena. Iza kwenzeka kuwe into eyathenjiswa nguYesu esithi: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”​—IZe. 20:35.

10. Sinokubonisa njani ukuba sikukhuthalele ‘ukuhlonipha abanye’? (Jonga nomfanekiso.)

10 Into eyenza umdla kukuba, emva nje kokuba uPawulos ethe mntu ngamnye makabe ngowokuqala ukuhlonipha omnye, wathi ‘masikhuthale, singabi ngamavila.’ Umntu okhutheleyo usebenza nzima. Xa enikwe umsebenzi, uwenza ngokuzimisela. IMizekeliso 3:​27, 28 ithi: “Sukwala ukubenzela izinto ezilungileyo abo bazidingayo xa unamandla okubanceda.” Ngoko xa sibona umntu odinga uncedo, sizama ngamandla ethu onke ukumnceda. Asilibazisi, singacingi nokuba ukhona omnye umntu oza kumnceda.​—1 Yoh. 3:​17, 18.

Umzalwana osemtsha ukhwele kwileli, ususa amagqabi kwigatara yekhaya lomzalwana okhulileyo.

Simele singalindi de basicele abazalwana noodade xa bedinga uncedo (Jonga isiqendu 10)


11. Yintoni enokusinceda sisondelelane?

11 Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyabahlonipha abanye kukukhawuleza sibaxolele xa besikhathazile. AmaEfese 4:26 athi: “Malingatshoni ilanga nisenomsindo.” Kutheni? Ivesi 27 ithi xa litshona uqumbile, ‘umnika ithuba uMtyholi.’ KwiLizwi lakhe, uYehova usixelela qho ukuba sixolelane. KumaKolose 3:13 sikhuthazwa ukuba ‘siqhubeke sixolelana ngokusuka entliziyweni.’ Ukuxolela abanye xa bephazamile yenye yezona zinto zisinceda sisondelelane nabo. Xa sisenza loo nto, ‘sihlala simanyene sincedwa ngumoya oyingcwele, siseluxolweni.’ (Efe. 4:3) Ngamanye amazwi, ukuxolela kusenza simanyane futhi sibe seluxolweni.

12. UYehova usinceda njani sikwazi ukuxolela?

12 Inyaniso kukuba kusenokuba nzima ukubaxolela abo basikhathazileyo. Kodwa umoya oyingcwele unokusinceda sikwazi. Emva kokuba iZibhalo zisikhuthaze ukuba ‘sithandane’ futhi ‘sikhuthale,’ zithi: “Wuvumeleni umoya oyingcwele unenze nitshiseke.” Le nto ithetha ukuba umoya oyingcwele kaThixo unokusenza sikhuthale kakhulu. Ngoko umoya kaThixo unokusinceda sithandane size sixolelane ngokusuka entliziyweni. Yiloo nto simcenga nyhani uYehova ukuba asincede.​—Luka 11:13.

‘MAKUNGABIKHO NTO INIXABANISAYO’

13. Yintoni enokusixabanisa?

13 Ebandleni kukho “zonke iintlobo zabantu” abakhuliswe ngeendlela ezahlukeneyo. (1 Tim. 2:​3, 4) Ukuba asilumkanga, sinokuxatyaniswa zizinto mntu ngamnye akhetha ukuzenza, ezifana nokunxiba nokuzilungisa, unyango esilwamkelayo nendlela esizonwabisa ngayo. (Roma 14:4; 1 Kor. 1:10) Ngenxa yokuba uThixo esifundise ukuba sithandane, masilumkele ukwenza kubonakale ngathi izinto ezikhethwa sithi zibhetele kunezikhethwa ngabanye.​—Fil. 2:3.

14. Yintoni ekufuneka sizame ukuyenza ngalo lonke ixesha, futhi kutheni?

14 Enye into enokusenza singaxabani ebandleni kukuzama ukubahlaziya nokubakhuthaza abanye ngalo lonke ixesha. (1 Tes. 5:11) Kutshanje, baninzi abantu abebepholile okanye abebesusiwe ebandleni abaye babuya. Sibamkela ngezandla ezishushu! (2 Kor. 2:8) Khawuve into eyenzeka komnye udade owabuyela kwiHolo YoBukumkani emva kweminyaka eyi-10 epholile. Uthi, “Bonke abantu babendincumela, bendibamba isandla, bendibulisa.” (IZe. 3:19) Ukwamkelwa ngobubele ngezi ndlela zibonakala zingenamsebenzi kwamenza waziva njani? Uthi, “Ndaziva ngathi uYehova uyandinceda ukuze ndiphinde ndonwabe.” Ukuba sizama ukubakhuthaza abanye, uKristu unokusisebenzisa ukuze ahlaziye abo ‘babulalekayo nabasindwa ngumthwalo.’​—Mat. 11:​28, 29.

15. Yeyiphi enye into enokusenza simanyane? (Jonga nomfanekiso.)

15 Nezinto esizithethayo zinokusenza simanyane. UYobhi 12:11 uthi: “Indlebe ayiwavavanyi na amazwi njengokuba nolwimi lungcamla ukutya?” Njengokuba umntu okwaziyo ukupheka eqala akuve ukutya ukuba kumnandi na ngaphambi kokuba aphakele abantu, nathi kufuneka siyicinge kakuhle into esiza kuyithetha. (INdu. 141:3) Sifuna ukuhlala siqiniseka ukuba into esiyithethayo iza kubakhuthaza, ibahlaziye ize ‘ibancede abo bayivayo.’​—Efe. 4:29.

Umzalwana ungcamla ukutya akuphekileyo ngaphambi kokuba aphakele iindwendwe zakhe.

Yicinge into oza kuyithetha ngaphambi kokuba uyithethe (Jonga isiqendu 15)


16. Ngoobani abona bamele baqiniseke ukuba indlela abathetha ngayo iyakhuthaza?

16 Abayeni nabazali ngabona bafanele baqiniseke ukuba indlela abathetha ngayo iyakhuthaza. (Kol. 3:​19, 21; Tito 2:4) Nabadala abangabalusi bomhlambi kaYehova bamele babahlaziye baze babathuthuzele abazalwana noodade. (Isa. 32:​1, 2; Gal. 6:1) Incwadi yeMizekeliso ithi: “Alisemnandi nje ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!”​—IMize. 15:23.

MASITHANDE “NGEZENZO NANGENYANISO”

17. Yintoni esinokuyenza ukuze siqiniseke ukuba sibathanda nyhani abazalwana noodade?

17 Umpostile uYohane usikhuthaza ukuba ‘singathandi nje ngomlomo, kodwa sithande ngezenzo nangenyaniso.’ (1 Yoh. 3:18) Sifuna ukubathanda ngokusuka entliziyweni abazalwana noodade. Singayenza njani loo nto? Xa sichitha ixesha nabazalwana noodade siza kuya sisondelelana futhi sithandana kakhulu. Ngoko ziphe ixesha lokuba kunye nabo kwiintlanganiso nasentsimini. Hamba uyokubabona apho bahlala khona. Xa sisenza ezi zinto sibonisa ukuba ‘uThixo usifundisile ukuba sithandane.’ (1 Tes. 4:9) Siza kuzibonela ngala wethu amehlo indlela ‘okulunge nokuthandeka ngayo ukuhlala kwabazalwana kunye bemanyene.’​—INdu. 133:1.

KHAWUTSHO

  • Kusinceda ngantoni ukusondelelana nabazalwana noodade?

  • Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba siyakhokela ekuhlonipheni abanye?

  • Singalukhuthaza njani umanyano?

INGOMA 90 Khuthazanani

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share