INQAKU ELIFUNDWAYO 23
INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho
Igama LikaYehova Libaluleke Kangakanani Kuthi?
“‘NingamaNgqina am,’ utsho uYehova.”—ISA. 43:10.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezinto esimele sizenze ukuze singcwalise igama likaYehova size silithethelele.
1-2. Sazi njani ukuba igama likaYehova libalulekile kuYesu?
AYIKHO into ebaluleke ngaphezu kwegama likaYehova kuYesu. Akakho umntu olimela njengoYesu igama likaTata wakhe. Kwinqaku elidlulileyo sifundile ukuba uYesu wayekulungele ukulifela igama likaYehova, abonise nokuba ungcwele futhi zonke iindlela zakhe zilungile. (Marko 14:36; Heb. 10:7-9) Sifundile nokuba xa kuphela iMinyaka Eliwaka Yokulawula kwakhe, uYesu uza kube ekulungele ukubuyisela lonke igunya kuYehova ukuze kungcwaliswe igama Lakhe. (1 Kor. 15:26-28) Zonke izinto uYesu azenzele uYehova zibonisa ukuba umthanda nyhani uTata wakhe.
2 UYesu weza emhlabeni ukuze afundise abantu ngegama likaTata wakhe. (Yoh. 5:43; 12:13) Wafundisa abalandeli bakhe ngalo. (Yoh. 17:6, 26) Zininzi izinto awayezifundisa, esenza nemimangaliso. Zonke ezi zinto wayezenza egameni likaYehova. (Yoh. 10:25) Phofu wacela uYehova ukuba agade abafundi bakhe “ngenxa yegama [Lakhe].” (Yoh. 17:11) Ngoko, ukuba igama likaYehova lalibaluleke ngolo hlobo kuYesu, umntu unokutsho njani ukuba ungumlandeli wokwenene kaKristu, kodwa abe engalazi okanye engalisebenzisi igama likaTata kaYesu?
3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Ekubeni singamaKristu, sizama ukulinganisa uYesu ngokuba silithande size silihloniphe igama likaTata wakhe. (1 Pet. 2:21) Kweli nqaku siza kubona ukuba kutheni abantu abashumayela ‘iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani’ bebizwa ngegama likaThixo. (Mat. 24:14) Siza kuthetha nangokuba limele libaluleke kangakanani igama Lakhe kuthi.
‘ABANTU ABABIZWA NGEGAMA LAKHE’
4. (a) Xa uYesu wayeza kunyukela ezulwini, yintoni awabaxelela yona abafundi bakhe? (b) Ngenxa yento awabaxelela yona, ngowuphi umbuzo ophakamayo?
4 Kanye xa wayeza kubuyela ezulwini, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele, ibe niza kuba ngamangqina am eYerusalem, kulo lonke elakwaYuda naseSamariya, de niyokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.” (IZe. 1:8) Ngoko iindaba ezilungileyo zazingazukushunyayelwa kwaSirayeli kuphela. Ekugqibeleni abantu bazo zonke iintlanga babeza kufumana ithuba lokuba ngabafundi bakaYesu. (Mat. 28:19, 20) Kodwa uYesu wathi: “Niza kuba ngamangqina am.” Ngaba aba bafundi batsha kwakuza kufuneka bamazi uYehova baze bashumayele ngaye, okanye kwakuza kufuneka babe ngamangqina kaYesu nje kuphela? Izinto ekuthethwa ngazo kwiZenzo isahluko 15 zisinceda sikwazi ukuwuphendula lo mbuzo.
5. Kwintlanganiso yabapostile nabadala baseYerusalem, into eyathethwa nguYakobi ibonisa njani ukuba bonke abantu kufuneka balazi igama likaYehova? (Jonga nomfanekiso.)
5 Ngo-49 C.E. abapostile nabadala baseYerusalem baba nentlanganiso ukuze bathethe ngento eyayimele yenziwe ngabantu abangengomaYuda abangalukanga ukuze babe ngamaKristu. Xa yayiseza kuphela loo ntlanganiso, uYakobi umntakwaboYesu wathi: “[UPetros] uye wabalisa kakuhle ukuba uThixo uye waqalisa ukubakhetha ezintlangeni abantu abaza kubizwa ngegama lakhe.” Ligama likabani elo? Ethetha into eyathethwa ngumprofeti uAmos wathi: “Ukuze abantu abashiyekileyo bamfune ngokuzimisela uYehova, kunye nabantu bazo zonke iintlanga, abantu ababizwa ngegama lam, utsho uYehova.” (IZe. 15:14-18) Aba bafundi batsha babengazukuphelela nje ekufundeni ngoYehova, nasekuxeleleni abantu ngaye, kodwa babeza kubizwa ngegama Lakhe.
Ngexesha lamaKristu okuqala, kwintlanganiso elalinayo iqumrhu elilawulayo layiqonda kakuhle into yokuba amaKristu amele abe ngabantu begama likaThixo (Jonga isiqendu 5)
6-7. (a) Kwakutheni ukuze uYesu eze emhlabeni? (b) Yeyiphi enye into ebaluleke kakhulu ekwakufuneka yenzeke?
6 Igama likaYesu lithetha ukuba “uYehova Ulusindiso.” UYehova uye wasebenzisa yena ukuze asindise abo banokholo Kuye nakuNyana wakhe. UYesu weza emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe ngenxa yethu. (Mat. 20:28) Ngenxa yedini lakhe siye sakwazi ukuxolelwa izono zethu nokufumana ithuba lokuphila ngonaphakade.—Yoh. 3:16.
7 Kodwa kwakutheni ukuze kufuneke ukuba abantu basindiswe? Kungenxa yento eyenzeka kwigadi yase-Eden. Njengoko kutshiwo kwinqaku elidlulileyo, abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, bamjikela uYehova, baza baphoswa lithuba lokuphila ngonaphakade. (Gen. 3:6, 24) Kodwa ikhona into eyayibaluleke ngaphezu kokusindiswa kwabantu abanesono. USathana waxoka ngegama likaYehova. (Gen. 3:4, 5) Ngoko into ebaluleke kakhulu ekwakufuneka yenzeke ukuze kusindiswe abantwana baka-Adam noEva, kukungcwaliswa kwegama likaYehova. UYesu wayenza kakuhle kakhulu le nto ngenxa yokuba wammela uYehova, waza wenza zonke izinto kanye ngendlela uYehova awayefuna azenze ngayo.
Umntu unokutsho njani ukuba ungumlandeli wokwenene kaKristu kodwa abe engalazi okanye engalisebenzisi igama likaTata kaYesu?
8. Yintoni ekwakuza kufuneka bayazi bonke abantu abanokholo kuYesu?
8 Bonke abantu abanokholo kuYesu, abangamaYuda nabangengawo, kwakuza kufuneka bazi ukuba oyena Mntu wenze bakwazi ukusindiswa nguTata kaYesu, uYehova uThixo. (Yoh. 17:3) Enye into, njengoYesu, kwakuza kufuneka babizwe ngegama likaYehova. Kwakuza kufuneka nokuba baqonde indlela ekubaluleke ngayo ukungcwalisa elo gama. Ukusindiswa kwabo kwakuxhomekeke kwezi zinto. (IZe. 2:21, 22) Ngoko bonke abalandeli bakaYesu abathembekileyo kwakufuneka bafunde ngoYehova nangoYesu. Yiloo nto uYesu wagqibezela umthandazo wakhe ngala mazwi akuYohane 17:26: “Ndibafundisile ngegama lakho, ibe ndiza kuqhubeka ndibafundisa, ukuze bathande abanye abantu ngendlela wena ondithanda ngayo, ndize ndimanyane nabo.”
“NINGAMANGQINA AM”
9. Sinokubonisa njani ukuba igama likaYehova libalulekile kuthi?
9 Bonke abalandeli bakaYesu bokwenene kufuneka babe nomdla ekungcwaliseni igama likaYehova. (Mat. 6:9, 10) Igama likaYehova bamele balijonge njengelingaphezu kwawo onke amanye amagama. Le nto imele ibonakale ngezinto abazenzayo. Kodwa sinokulingcwalisa njani igama likaYehova, okanye silithethelele kubuxoki obathethwa nguSathana ngalo?
10. Yintoni esiyifundayo kwincwadi kaIsaya isahluko 42 ukuya ku-44? (Isaya 43:9; 44:7-9) (Jonga nomfanekiso.)
10 Kwincwadi kaIsaya isahluko 42 ukuya ku-44 sifunda ngendlela ekubaluleke ngayo ukuba sibe nento esiyenzayo ukuze kungcwaliswe igama likaYehova. Kwezo zahluko uYehova ufuna abantu abangamkhonziyo babonise ukuba oothixo babo bayaphila. Ngokungathi kusenkundleni, ubiza amangqina ukuba eze ngaphambili ukuze angqine ukuba izinto ezithethwa ngaba thixo ziyinyani. Kodwa akukho nelinye elikwaziyo.—Funda uIsaya 43:9; 44:7-9.
Ngokungathi kunjalo, ngeendlela ezininzi sikwityala elixoxwa kwinkundla yamatyala (Jonga isiqendu 10-11)
11. KuIsaya 43:10-12 uthini uYehova kubantu bakhe?
11 Funda uIsaya 43:10-12. UYehova uthi kubantu bakhe: “Ningamangqina am, . . . ibe mna ndinguThixo.” UYehova ufuna baphendule lo mbuzo: “Ngaba ukho omnye uThixo ngaphandle kwam?” (Isa. 44:8) Ngoko thina sinethuba lokuphendula loo mbuzo. Ngezinto esizithethayo nesizenzayo sibonisa ukuba nguYehova kuphela uThixo wenyaniso. Igama lakhe lingaphezu kwawo onke amanye amagama. Sibonisa ngendlela esiphila ngayo ukuba simthanda nyhani uYehova, futhi asigungqi ekumkhonzeni nokuba uSathana angasifaka kweziphi iingxaki. Le nto isenza sikwazi ukuncedisa ekungcwaliseni igama Lakhe.
12. Yenzeka njani into ekwakuprofetwe ngayo kuIsaya 40:3, 5?
12 UIsaya waprofeta wathi kwakuza kubakho umntu owayeza ‘kuvulela [okanye owayeza “kulungiselela,” umbhalo osemazantsi] uYehova indlela.’ (Isa. 40:3) Yenzeka njani loo nto? UYohane umBhaptizi wavulela uYesu indlela. UYesu weza egameni likaYehova waza wathetha egameni Lakhe. (Mat. 3:3; Marko 1:2-4; Luka 3:3-6) Kwaesi siprofeto sithi: “Ubukhulu bukaYehova buza kutyhilwa.” (Isa. 40:5) Yenzeka njani leyo into? Xa uYesu wayeze emhlabeni wammela kakuhle kakhulu uYehova. Zange aphazame nakancinci, de kwangathi uYehova uzizele ngokwakhe emhlabeni.—Yoh. 12:45.
13. Sinokumlinganisa njani uYesu?
13 Xa silimela igama likaYehova okanye silithethelela, silinganisa uYesu Kristu. NjengoYesu, nathi singamaNgqina KaYehova. Sibizwa ngegama likaYehova futhi sixelela wonke umntu esidibana naye ngemisebenzi yakhe emangalisayo. Kodwa ukuze siyenze kakuhle le nto, simele sixelele abantu nangezinto uYesu azenzileyo ukuze kungcwaliswe igama likaYehova. (IZe. 1:8) Akakho omnye umntu owakha wangqinela uYehova njengoYesu. Nathi ke silinganisa uYesu. (ISityhi. 1:5) Kodwa limele libaluleke kangakanani igama likaYehova kuye ngamnye wethu?
IGAMA LIKAYEHOVA LIBALULEKE KANGAKANANI KUTHI?
14. Ngokutsho kweNdumiso 105:3, siziva njani ngegama likaYehova?
14 Asinantloni ngegama likaYehova. (Funda iNdumiso 105:3.) UYehova uvuya kakhulu xa siqhayisa ngegama lakhe. (Yer. 9:23, 24; 1 Kor. 1:31; 2 Kor. 10:17) ‘Ukuqhayisa ngoYehova’ kuthetha ukungabi nantloni ngokuba enguThixo wethu. Kuyinyhweba kuthi ukuzukisa igama lakhe nokuxelela abantu ngalo. Singaze sibe neentloni zokuxelela abantu esisebenza nabo, esifunda nabo, abamelwane bethu nabanye abantu ukuba singamaNgqina KaYehova. UMtyholi ufuna siyeke ukuxelela abantu ngegama likaYehova. (Yer. 11:21; ISityhi. 12:17) Phofu yena nabaprofeti bakhe bobuxoki bafuna abantu balilibale eli igama likaYehova. (Yer. 23:26, 27) Kodwa ngenxa yokuba silithanda igama likaYehova, lihlala lisivuyisa “imini yonke.”—INdu. 5:11; 89:16.
15. Kuthetha ukuthini ukuthembela egameni likaYehova?
15 Siqhubeka sithembele egameni likaYehova. (Yow. 2:32; Roma 10:13, 14) Ukuthembela egameni likaYehova akuthethi ukulazi nokulisebenzisa nje kuphela. Siye sazi ukuba uYehova unazo iimpawu, uyavakalelwa, futhi sinokuba ngabahlobo bakhe. Sifunda ukumthemba size sithethe naye xa sidinga uncedo, simvumele ukuba asikhokele. (INdu. 20:7; 99:6; 116:4; 145:18) Sixelela abantu ngegama lakhe neempawu anazo, sibanceda ukuba baguquke baze batshintshe ubomi babo, ukuze bavuyise uYehova.—Isa. 12:4; IZe. 2:21, 38.
16. Sinokubonisa njani ukuba uSathana lixoki?
16 Sikulungele ukunyamezela izinto ezibuhlungu ngenxa yegama likaYehova. (Yak. 5:10, 11) Ukuba sihlala sithembekile kuYehova naxa sisezintlungwini, sibonisa ukuba uSathana lixoki. Ngemihla kaYobhi, uSathana watyhola abantu abakhonza uYehova esithi: “Akukho nto umntu angenakuyincama ukuze asindise ubomi bakhe.” (Yobhi 2:4) Wayesithi abantu babeza kukhonza uYehova kuphela xa kumnandi, kodwa xa kunzima babeza kumshiya. UYobhi owayethembekile wabonisa ukuba uSathana lixoki. Nathi sinethuba lokubonisa ukuba nokuba uSathana angasenza ntoni na, soze simshiye uYehova. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kuhlala esigadile ngenxa yegama lakhe.—Yoh. 17:11.
17. Ngokutsho kuka-1 Petros 2:12, yeyiphi enye indlela esinokulizukisa ngayo igama likaYehova?
17 Siyalihlonipha igama likaYehova. (IMize. 30:9; Yer. 7:8-11) Ngenxa yokuba simela uYehova okanye sibizwa ngegama lakhe, sinokulidumisa okanye silingcolise. (Funda u-1 Petros 2:12.) Ngoko sifuna ukwenza nantoni na esinokukwazi ukuyenza ukuze sidumise uYehova ngezinto esizithethayo nangendlela esiziphethe ngayo. Xa sisenza loo nto, siza kulizukisa ngawo onke amandla ethu igama lakhe ngoxa sinesono.
18. Yeyiphi enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba igama likaYehova libalulekile kuthi? (Jonga nombhalo osemazantsi.)
18 Igama likaYehova libaluleke kakhulu kuthi ngaphezu kwendlela esaziwa ngayo. (INdu. 138:2) Kutheni ibalulekile nje le nto? Kaloku indlela esilithanda ngayo igama likaYehova inokwenza abantu esiphila nabo basijonge kakubi okanye bathethe izinto ezimbi ngathi.a UYesu wayekulungele ukufa njengotsotsi, nto leyo eyayilihlazo, ukuze azukise igama likaYehova. Zange ‘akukhathalele ukuhlazeka’ kuba zazingamkhathazi okanye zingabalulekanga kuye izinto abantu ababezicinga ngaye. (Heb. 12:2-4) Eyona nto yayibalulekile kuye yayikukwenza izinto ezithandwa nguThixo.—Mat. 26:39.
19. Uziva njani ngegama likaYehova? Kutheni?
19 Siyaqhayisa ngegama likaYehova, futhi yinyhweba nyhani kuthi ukubizwa ngokuba singamaNgqina KaYehova. Ngenxa yaloo nto, sikulungele ukunyamezela nantoni na embi esenokuthethwa ngathi. Igama likaYehova libaluleke kakhulu kuthi, ukodlula nendlela esaziwa ngayo. Ngoko masizimisele ukuhlala silidumisa nokuba uSathana angasenza ntoni na. Xa sisenza loo nto, siza kubonisa ukuba igama likaYehova libaluleke ngaphezu kwayo nantoni na kuthi, kanye njengokuba kunjalo kuYesu Kristu.
INGOMA 10 Dumisa UYehova, UThixo Wethu!
a Kwanendoda eyayithembekile uYobhi, yakhathazeka xa abahlobo bayo abathathu bathetha kakubi ngayo. Ekuqaleni, xa waswelekelwa ngabantwana bakhe waza walahlekelwa zizo zonke izinto awayenazo, “uYobhi zange one okanye atyhole uThixo nangantoni na.” (Yobhi 1:22; 2:10) Kodwa xa uYobhi watyholwayo kusithiwa wenze into embi, ‘wabhuda.’ Eyona nto yayibalulekile kuye yayikukuthethelela igama lakhe kunokuba angcwalise igama likaThixo.—Yobhi 6:3; 13:4, 5; 32:2; 34:5.