IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Septemba iphe. 20-25
  • Khawuleza Ubancede Abantu ‘Abazimisele’ Ukufunda NgoThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khawuleza Ubancede Abantu ‘Abazimisele’ Ukufunda NgoThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • XA ABANTU BENOMDLA KWIINDABA EZILUNGILEYO
  • XA SIQALA UKUFUNDA NABO IBHAYIBHILE
  • XA ABANTU ABANOMDLA BESIYA KWIINTLANGANISO
  • Fumana Iimpendulo Zale Mibuzo
    Ucwangciso Lwendibano Yesiphaluka Kunye Nomveleli Wesiphaluka Ka-2025-2026
  • Ungonwaba Kakhulu Entsimini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Thobeka Xa Kukho Izinto Ongazaziyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Septemba iphe. 20-25

INQAKU ELIFUNDWAYO 39

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

Khawuleza Ubancede Abantu ‘Abazimisele’ Ukufunda NgoThixo

“Bonke abo babezimisele ukufumana ubomi obungunaphakade baba ngamakholwa.”​—IZE. 13:48.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Siza kuncedwa sazi ukuba sinokubacela nini abantu ukubafundela iBhayibhile nokubamemela kwiintlanganiso.

1. Yahluke njani indlela abaziva ngayo abantu xa besiva iindaba ezilungileyo? (IZenzo 13:​47, 48; 16:​14, 15)

NGEXESHA lamaKristu okuqala, abantu abaninzi bakhawuleza bayamkela inyaniso emva nje kokuba befundiswe ngoYesu. (Funda iZenzo 13:​47, 48; 16:​14, 15.) Nanamhlanje, abanye abantu baye bazivuyele iindaba ezilungileyo beqala nje ukuziva. Kwanabo baye ababi namdla ekuqaleni kumyalezo woBukumkani, ekuhambeni kwexesha basenokuba nawo. Yintoni esimele siyenze xa sifumana abantu ‘abazimisele’ ukufunda ngoThixo entsimini?

2. Umsebenzi wethu wokwenza abafundi ufana njani nowomlimi?

2 Cinga ngalo mzekelo. Umsebenzi wethu wokwenza abafundi unokufaniswa nowomlimi. Xa kukho umthi oneziqhamo ezivuthiweyo, umlimi usenokuzivuna, ngoxa elungisa umhlaba okanye etyala kwelinye icala legadi. Ngokufanayo ke, xa sifumana umntu onomdla kumyalezo esimphathele wona, sifuna ukumnceda abe ngumfundi kaKristu ngokukhawuleza. Kwangaxeshanye, siqhubeka sinceda nabanye abadinga ixesha ukuze bade bayibone indlela ebaluleke ngayo into esibaxelela yona. (Yoh. 4:​35, 36) Ukuqonda kuza kusinceda siyazi eyona ndlela sinokubanceda ngayo. Ngoku makhe sithethe ngezinto esinokuzenza xa siqala ukuncokola nabantu abanomdla. Siza kuthetha nangeendlela esinokubanceda ngazo ukuze baqhubeke besondela kuYehova baze bamkhonze.

XA ABANTU BENOMDLA KWIINDABA EZILUNGILEYO

3. Yintoni esimele siyenze xa sidibana nomntu onomdla entsimini? (1 Korinte 9:26)

3 Xa sidibana nabantu abanomdla entsimini, sifuna ukubanceda bakhawuleze bahambe kwindlela eya ebomini. Ngoko asifanele soyike ukucela ukufunda nabo iBhayibhile nokubamemela kwiintlanganiso, siqala nje ukuncokola nabo.​—Funda ama-1 Korinte 9:26.

4. Khawusibalisele ngomntu owaba nomdla wokufunda iBhayibhile, eqala nje ukuncokola namaNgqina.

4 Masicele ukufunda nabo iBhayibhile. Abanye abantu baye babe nomdla wokufunda nathi iBhayibhile, siqala nje ukuncokola nabo. Ngolunye usuku lwangoLwesine eKhanada, ibhinqa eliselitsha laya kwitroli, lathatha incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Udade osetrolini walicacisela ukuba le ncwadana ihamba nesifundo seBhayibhile samahala. Laba nomdla baza banikana iinombolo zefowuni. Kwangolo suku, labhalela lo dade umyalezo, limbuza ukuba bangafunda nini. Xa lo dade wathi uza kuza ngempelaveki, lathi: “Kunjani ngomso? Ndikhona.” NgoLwesihlanu, saqhutywa isifundo. Ngaloo mpelaveki, laya kwiintlanganiso laza alabuya mva.

5. Yintoni enokusinceda siyazi eyona ndlela simele sikucele ngayo ukufundela umntu iBhayibhile? (Jonga nemifanekiso.)

5 Ewe kona, asinakulindela ukuba bonke abantu abamamela umyalezo esibaphathele wona babe nomdla njengela bhinqa. Abanye kusenokufuneka sibancede bade babe nomdla. Kusenokufuneka siqale sincokole ngento anomdla kuyo umntu. Ukuba sihlala sinethemba lokuba lo mntu anganomdla kumyalezo esiwuphetheyo, nathi singayeki ukubonisa ukuba simkhathalele, ngexesha nje elifutshane sinokukwazi ukuqalisa ukufunda naye iBhayibhile. Sinokuthini xa sicela ukufunda naye? Lo mbuzo wabuzwa kubazalwana noodade abaninzi abanobuchule bokuqalisa izifundo zeBhayibhile.

Imifanekiso: 1. Abazalwana ababini bathetha nendoda esele ikhulile ehleli everandeni ekhayeni layo. 2. Oodade ababini banika umama wabantwana ababini omi emnyango ekhayeni lakhe incwadana ethi “Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!” Lo mama ufunqule unyana wakhe omncinci njengoko omnye unyana wakhe emi ecaleni kwakhe.

Yintoni esinokuyenza ukuze aba bantu babe nomdla wokufunda iBhayibhile? (Jonga isiqendu 5)a


6. Sinokuthetha njani nomntu onomdla ukuze sikwazi ukubuyela kuye?

6 Abavakalisi noovulindlela ababuzwayo ngokuqalisa izifundo bathi, kwamanye amazwe kubhetele ungawasebenzisi amagama afana nathi “siza kufunda,” “ndiza kukuqhubela isifundo,” okanye “ndiza kukufundisa,” xa uthetha nomntu ngesifundo seBhayibhile. Baphawule ukuba eyona ndlela ibhetele kukusebenzisa amagama afana nathi “siza kuncokola,” okanye “ndiza kukunceda uyazi kakuhle iBhayibhile.” Ukuze ukwazi ukubuyela emntwini, unokuthetha into efana nale: “Iyamangalisa indlela iBhayibhile eyiphendula ngayo imibuzo ebalulekileyo ngobomi,” okanye “IBhayibhile ayiyoncwadi nje yenkonzo, kodwa isinceda ngeendlela ezininzi.” Unokuphinda uthi: “Incoko yethu ayithathi xesha lide; ngemizuzu eyi-10 ukuya kweyi-15 unokufunda into ebalulekileyo.” Akuzubakho mfuneko yokusebenzisa namagama athi “masibeke usuku” okanye “siza kufunda qho ngeveki,” kuba loo magama anokumenza azive ebophelelekile.

7. Abantu abaninzi baye baqala nini ukuyiqonda inyaniso? (1 Korinte 14:​23-25)

7 Masibamemele kwiintlanganiso. Kuyabonakala ukuba ngexesha lompostile uPawulos, abanye abantu baqalisa ukuyiqonda inyaniso xa babeye kwiintlanganiso zamaKristu. (Funda ama-1 Korinte 14:​23-25.) Kudla ngokuba njalo ke nangoku. Abantu abaninzi baye bakhawuleze bamthande uYehova bakuqalisa ukuya kwiintlanganiso. Simele sibameme nini? Isifundo 10 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! silungiselelwe ukukhuthaza abantu esibafundelayo ukuba baye kwiintlanganiso. Kodwa akunyanzelekanga ukuba ulinde nide nifike kuso. Unokumemela umntu kwintlanganiso yangempelaveki niqala nje ukudibana, mhlawumbi umchazele umxholo wentetho yesidlangalala, okanye enye yezinto ekuza kuthethwa ngazo kwiSifundo SeMboniselo saloo veki.

8. Yintoni esinokumxelela yona umntu esimmemela kwiintlanganiso? (Isaya 54:13)

8 Xa umemela umntu kwiintlanganiso, mcacisele indlela eyahluke ngayo inkqubo yethu kuleyo yecawa aqhelene nayo. Xa omnye umntu ofundelwa iBhayibhile wayeqala ukuba kwiSifundo SeMboniselo, wabuza iNgqina elalimfundela, “Ngaba la mzalwana ubemi phambili esibuza imibuzo uwazi onke amagama enu?” Udade wamcacisela ukuba sonke siye sizame ukuwazi amagama abantu abasebandleni, kanye njengokuba siwazi namagama abantu basekhaya. Wabona into engafaniyo neyenzeka ecaweni yakhe, kuba abantu abaninzi apho abawazi amagama abanye. Ngendlela efanayo, isizathu sokuba siye kwiintlanganiso siyinto entsha kubantu abaninzi. (Funda uIsaya 54:13.) Sidibana ukuze sikhonze uYehova, sifunde kuye futhi sikhuthazane. (Heb. 2:12; 10:​24, 25) Ngenxa yaloo nto, iintlanganiso zethu zinocwangco futhi ziyasinceda, akulandelwa nje inkqubo yenkonzo. (1 Kor. 14:40) IiHolo ZoBukumkani azinabugocigoci, nendlela ezenziwe ngayo yenza kube lula ukufunda. Kwiintlanganiso asikhuthazi elinye iqela lepolitiki kunelinye, kuba asithathi cala kwiipolitiki. Enye into esingayenziyo xa sikuzo kukuphikisana. Ngaphambi kokuba umntu omfundelayo aye kwiintlanganiso, kungamnceda ukumbonisa ividiyo ethi Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani? Loo nto iza kumenza ayazi into amele ayilindele.

9-10. Xa simemela umntu kwiintlanganiso, ziintoni esinokumxelela zona ukuze aqiniseke ukuba asizukumnyanzela ukuba abe liNgqina okanye aphendule? (Jonga nomfanekiso.)

9 Abanye abaqinisekanga nokuba baye na kwiintlanganiso kuba boyika ukuba kuza kuthiwa mabaguquke, babe ngamaNgqina kaYehova. Mqinisekise umntu ukuba siyakuvuyela ukuba neendwendwe, nokuba asibanyanzeli abantu ukuba babe ngamaNgqina okanye baphendule eHolweni. Iintsapho zamkelekile, nezo zinabantwana abancinci. Kwiintlanganiso zethu, abantwana abafundiswa bodwa. Bahlala nabazali baze bafundiswe bonke. Le nto yenza abazali bazi ukuba abantwana babo bakunye noobani, nokuba yintoni abayifundiswayo. (Dut. 31:12) Asiqokeleli nkongozelo, okanye sikhuphe iminikelo ekwiimvulophu. Silandela umyalelo kaYesu othi: “Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.” (Mat. 10:8) Unokumxelela nokuba akunyanzelekanga ukuba ade abe nempahla eduru ukuze aye kwiintlanganiso. UThixo akajongi indlela abonakala ngayo umntu, ujonga intliziyo.​—1 Sam. 16:7.

10 Ukuba umntu uzile kwiintlanganiso, yenza konke onokukwazi ukukwenza ukuze azive esekhaya. Mazise kubadala nakwabanye abavakalisi. Ukuba uziva esekhaya xa ekwiintlanganiso, usenokufuna ukuphinda abuye. Xa nikwiintlanganiso, ukuba akanayo iBhayibhile sebenzisani eyakho. Mncede ahambisane nesithethi aze ayiqonde nendlela esiqhutywa ngayo isifundo ebandleni.

Laa mama obekumfanekiso odlulileyo uvuyiswa kukwamkelwa ngobubele ngabazalwana noodade kwiHolo YoBukumkani. Ufunqule unyana wakhe omncinci ngoxa omdala encokola nenkwenkwana.

Xa umntu ekhawuleza aye kwiintlanganiso ziza kukhawuleza zimncede (Jonga isiqendu 9-10)


XA SIQALA UKUFUNDA NABO IBHAYIBHILE

11. Yintoni onokuyenza ebonisa ukuba uyalihlonipha ixesha lomntu ofunda naye?

11 Ziintoni esimele sihlale sizikhumbula xa sifunda iBhayibhile nomntu? Lihloniphe ixesha lomntu ofunda naye. Ngokomzekelo, fika ngexesha ebenivumelene ngalo, kungakhathaliseki nokuba alibanjwa ixesha kwindawo ohlala kuyo. Enye into, kusenokuba kuhle ukuba ningathathi ixesha elide ngosuku lwenu lokuqala nifunda. Abanye abavakalisi ekudala beqhuba izifundo bacebisa ukuba nikhawuleze nigqibe ukufunda, nokuba kusekho izinto afuna ukuzazi loo mntu. Sukuthetha kakhulu. Vumela umntu ofunda naye achaze izinto azicingayo nendlela aziva ngayo.​—IMize. 10:19.

12. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza, siqala nje ukufunda nomntu?

12 Nisaqala nje ukufunda, zimisele ukumnceda loo mntu azi uYehova noYesu aze abathande. Le nto unokuyenza ngokumbonisa into ethethwa liLizwi likaThixo kunecingwa nguwe. (IZe. 10:​25, 26) Ukuze uYehova asincede simazi size simthande, wathumela uYesu emhlabeni. Yiloo nto umpostile uPawulos wayesoloko efundisa abantu ngoYesu Kristu. (1 Kor. 2:​1, 2) UPawulos wayenza yacaca nendlela ekubaluleke ngayo ukunceda abafundi abatsha babe neempawu ezintle ezifaniswa negolide, isilivere namatye axabisekileyo. (1 Kor. 3:​11-15) Ezinye zezo mpawu lukholo, ubulumko, ukuqonda nokoyika uYehova. (INdu. 19:​9, 10; IMize. 3:​13-15; 1 Pet. 1:7) Linganisa indlela awayefundisa ngayo uPawulos ngokunceda abantu obafundelayo babe nokholo oluqinileyo, baze babe ngabahlobo bakaTata wabo osezulwini obathandayo.​—2 Kor. 1:24.

13. Ziintoni ezinokubonisa ukuba sinomonde futhi siyabacingela abantu esibafundelayo? (2 Korinte 10:​4, 5) (Jonga nomfanekiso.)

13 Fundisa njengoYesu, ube nomonde uze umcingele umntu. Yilumkele imibuzo eza kumenza angakhululeki. Ukuba kunokwenzeka, gqithani kwizinto ekungekho lula ukuba aziqonde, nize niphinde nibuyele kuzo. Kunokuba simnyanzele ukuba amkele imfundiso angekakulungeli ukuyamkela, masilinde ixesha lokuba inyaniso ide ingene entliziyweni yakhe. (Yoh. 16:12; Kol. 2:​6, 7) IBhayibhile ifanisa iimfundiso zobuxoki esizama ukuzoyisa nenqaba. (Funda ama-2 Korinte 10:​4, 5.) Endaweni yokuwisela inqaba yomntu omfundelayo phezu kwakhe, mncede enze uYehova abe yindawo yakhe yokubalekela.​—INdu. 91:9.

Laa ndoda sele ikhulile ebivele kumfanekiso ongaphambili ifunda incwadi ethi “Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!” nabazalwana ababini. Kwikhabhathi esecaleni kwabo kukho iimbasa eyazifumana xa yayisemkhosini.

Linda de inyaniso ingene entliziyweni yomntu ofunda naye iBhayibhile (Jonga isiqendu 13)


XA ABANTU ABANOMDLA BESIYA KWIINTLANGANISO

14. Simele sibaphathe njani abantu abeze kwiintlanganiso?

14 UYehova ulindele ukuba sibaphathe kakuhle bonke abantu, nokuba basuka phi, banemali engakanani okanye ngaboluphi uhlanga. (Yak. 2:​1-4, 9) Sinokubonisa njani ukuba siyabathanda abo beze kwiintlanganiso?

15-16. Singabanceda njani abantu abeze kwiintlanganiso bazive besekhaya?

15 Abanye abantu basenokuza kwiintlanganiso kuba nje befuna ukwazi ukuba kwenziwa ntoni kuzo, okanye kuba bemenywe ngumntu ohlala kwenye indawo. Ngoko masiye kuncokola nabo. Masibamkele, kodwa singabenzi bangakhululeki. Bacele baze kuhlala nawe. Sebenzisani eyakho iBhayibhile naloo ncwadi ifundwayo, okanye ubacelele ezabo. Cinga nangezinye iindlela onokubenza bakhululeke ngazo. Enye indoda eyayiqala ukuya kwiHolo YoBukumkani yaxelela umzalwana owayeyamkela ukuba iyoyika kuba ayinxibanga kakuhle njengabanye abantu. Lo mzalwana wayenza yakhululeka waza wayixelela ukuba amaNgqina KaYehova ngabantu nje abafana nabanye. Loo ndoda yade yabhaptizwa, kodwa ayikayilibali nanamhlanje indlela awayenza yakhululeka ngayo la mzalwana. Ikhona kodwa into esifanele siyilumkele: Xa sithetha nabantu abeze kwiintlanganiso ngaphambi nasemva kwazo, masibe nomdla kubo kodwa singafuni ukwazi izinto zabo ezingasifuniyo.​—1 Pet. 4:15.

16 Ezinye izinto ezinokubenza bazive besekhaya abantu abeze kwiintlanganiso kukuba nembeko xa sincokola, siphendula naxa kwiintlanganiso kuthethwa ngabantu abangengomaNgqina okanye ngeenkolelo zabo. Kulumkele ukusebenzisa amagama anokubakhubekisa okanye abenze bangaphindi babuye. (Tito 2:8; 3:2) Ngokomzekelo, asimele sithethe ngendlela ebonisa ukuba asizihloniphi izinto abazikholelwayo. (2 Kor. 6:3) Ngenxa yaloo nto, abazalwana abanikela iintetho zesidlangalala baye balumke. Babonisa nokuba bayabacingela abantu abangengomaNgqina abeze kwiintlanganiso ngokuwacacisa amagama nezinto abasenokungaziqondi.

17. Yintoni esifuna yenzeke xa sifumana abantu ‘abazimisele’ ukufunda ngoThixo?

17 Qho kudlula usuku, uya ungxamiseka umsebenzi wethu wokwenza abafundi, ngoko siqhubeka sikhangela abantu ‘abazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’ (IZe. 13:48) Xa sibafumana, masikhawuleze sicele ukubafundela iBhayibhile, sibamemele nakwiintlanganiso. Ukuba senza loo nto, sinokubanceda baqalise ukuhamba ‘kwindlela eya ebomini.’​—Mat. 7:14.

KHAWUTSHO

  • Sinokubanceda njani abantu ‘abazimisele’ ukufunda ngoThixo xa siqala ukuncokola nabo?

  • Ngawaphi amacebiso esinokuwasebenzisa xa siqala ukufunda nomntu iBhayibhile?

  • Sinokubanceda njani abantu abeze kwiintlanganiso bazive besekhaya?

INGOMA 64 Masincedise Ekuvuneni Sivuya

a INGCACISO YOMFANEKISO: Abazalwana ababini bancokola nendoda ehleli everandeni eyayikade isemkhosini; oodade ababini bashumayela ixesha elifutshane kumama oxakekileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share