IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Novemba iphe. 10-15
  • Unokuhlala Uvuya Ngoxa Unomntu Omhoyileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokuhlala Uvuya Ngoxa Unomntu Omhoyileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHENI KUSENOKUBA NZIMA UKUHLALA BEVUYA?
  • UNOKUHLALA NJANI UVUYA?
  • BANOKUNCEDA NJANI ABANYE?
  • Ukunyamekela Umntu Onyamekela Umguli—Indlela Abanye Abanokunceda Ngayo
    Vukani!—1997
  • Ucelomngeni Lokunyamekela Umguli
    Vukani!—1997
  • Hlala Uvuya Ngoxa Waluphele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Indlela Yokulawula Iimvakalelo
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Novemba iphe. 10-15

INQAKU ELIFUNDWAYO 45

INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu

Unokuhlala Uvuya Ngoxa Unomntu Omhoyileyo

“Abo batyala imbewu ngeenyembezi baza kuvuna bevuya.”​—INDU. 126:5.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngeendlela esinokulwisana ngazo neengxaki esiba nazo xa sihoye abantu asibathandayo abakhulileyo okanye abagulayo, nangezinto esinokuzenza ukuze sihlale sivuya.

1-2. UYehova uziva njani ngabantu abahoye abantu ababathandayo? (IMizekeliso 19:17) (Jonga nemifanekiso.)

OMNYE umzalwana waseKorea, uJin-yeol uthi: “Mna nenkosikazi yam sineminyaka engaphezu kweyi-32 sitshatile. Sekudlule iminyaka eyi-5 ndiyihoyile. Inesifo iParkinson’s, nesenza kube nzima kakhulu ukushukuma. Ndiyithanda kakhulu inkosikazi yam, ndiyakuvuyela nokuyihoya. Qho ebusuku, ilala kwibhedi efana neyasesibhedlele ekwikhaya lethu. Ndilala ecaleni kwayo size sibambane izandla.”

2 Ngaba kukho umntu omthandayo omhoyileyo, mhlawumbi umzali, umntu otshate naye, umntwana okanye umhlobo wakho? Ukuba ukhona, ngokuqinisekileyo uyakuvuyela ukumnceda kuba uyamthanda futhi uzinikele kuYehova. (1 Tim. 5:​4, 8; Yak. 1:27) Sekunjalo, uneengxaki ekusenokwenzeka ukuba azibonwa ngabanye. Ngamanye amaxesha usenokude ucinge ukuba abanye abantu abanazingxaki. Usenokuncuma xa uphakathi kwabo, kodwa xa uwedwa, iinyembezi zizehlele. (INdu. 6:6) Ngoxa abanye besenokungaziboni iingxaki onazo, uYehova yena uzibona zonke. (Thelekisa iEksodus 3:7.) Iinyembezi zakho nezinto oye wazincama, zibalulekile kuye. (INdu. 56:8; 126:5) Uzibona zonke izinto ozenzayo ukuze uncede umntu omthandayo. Kuye iba ngathi kukho into omboleka yona, futhi uthembisa ukuba uza kukuhlawula.​—Funda iMizekeliso 19:17.

Imifanekiso: Abantu abahoye abantu ababathandayo ngeendlela ezahlukeneyo. 1. Udade utyisa umama wakhe okhulileyo ongasakwaziyo ukuphuma ebhedini. 2. Udade unxibisa umyeni wakhe okwiwheelchair izihlangu. 3. Umama uthwalisa unyana wakhe umnqwazi okhusela intloko yabantu abanezigulo ezithile ngaphambi kokuba adlale ibhola notatakhe. 4. Umzalwana uye kubona utamkhulu ekhayeni lakhe, bayathandaza.

Ngaba uhoye umntu omthandayo? (Jonga isiqendu 2)


3. Zeziphi iingxaki ekusenokwenzeka ukuba uAbraham noSara baba nazo ngoxa babehoye uTera?

3 IBhayibhile ithetha ngamadoda namabhinqa amaninzi awayehoye abantu abakhulileyo okanye abagulayo. Ngokomzekelo, cinga ngoAbraham noSara. Xa babesimka eUre, utata wabo, uTera, wayeneminyaka emalunga neyi-200. Sekunjalo, wahamba nabo. Bahamba umgama omalunga neekhilomitha eziyi-960 ukuya kwaHaran. (Gen. 11:​31, 32) Ngokuqinisekileyo uAbraham noSara babemthanda uTera, kodwa khawuyicinge indlela ekumele ukuba kwakunzima ngayo ukumhoya, ngokukodwa kolo hambo. Kusenokwenzeka ukuba babehamba ngeenkamela okanye ngeedonki, ekusenokuba kwakunzima kuTera ukukhwela kuzo nokuhamba ixesha elide ngazo. Mhlawumbi ngamanye amaxesha uAbraham noSara babekhe bazive bedinwe kakhulu. Nokuba yintoni eyayisenzeka, ngokuqinisekileyo uYehova wayebanika amandla ababewadinga. Njengokuba uYehova wanceda uAbraham noSara, nawe uza kukunceda, akunike amandla.​—INdu. 55:22.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Ukuba uhoya umntu owalupheleyo okanye ogulayo, uvuyo lunokukunceda ukwazi ukunyamezela. (IMize. 15:13) Umntu onovuyo uhlala onwabile nokuba kunzima kangakanani. (Yak. 1:​2, 3) Unokulufumana njani olo vuyo? Enye indlela onokulufumana ngayo kukuthembela kuYehova ngomthandazo, umcele ukuba akuncede uhlale uvuya. Kweli nqaku siza kuthetha nangezinye izinto abanokuzenza abantu abahoye abantu ababathandayo ukuze bahlale bevuya. Siza kuphinda sithethe ngendlela abanye abanokubanceda ngayo. Makhe siqale sithethe ngesizathu sokuba bemele bahlale bevuya abantu abahoye abantu ababathandayo, nangeengxaki ezinokuphelisa olo vuyo.

KUTHENI KUSENOKUBA NZIMA UKUHLALA BEVUYA?

5. Kutheni kufuneka bahlale bevuya abantu abahoye abantu ababathandayo?

5 Xa benokuyeka ukuvuya, kunokuba lula ngabantu abahoye abantu ababathandayo ukuba baphelelwe ngamandla. (IMize. 24:10) Xa bephelelwe ngamandla, bunokuya buphela ububele, bangakwazi nokunceda ngendlela abafuna ngayo. Ziintoni ezinokubenza bayeke ukuvuya?

6. Kutheni bedinwa kakhulu abanye abantu abahoye abantu ababathandayo?

6 Basenokudinwa kakhulu. Omnye udade onguLeah uthi: “Naxa izinto zisenzeka kakuhle, ludla ngokuthi luphela usuku ndibe ndinestres, ndiphelelwe nangamandla. Ngamanye amaxesha ndiye ndingabi nawo nala okuphendula umyalezo endiwufumana efowunini.” Kwabanye kuba nzima nokuphumla ngokwaneleyo. Omnye udade, uInés, uthi: “Andilali kakuhle tu. Qho emva kweeyure ezimbini ebusuku ndiyavuka ukuze ndihoye umazala. Sekuyiminyaka ngoku mna nomyeni wam singasakwazi ukuya kwiholide.” Abanye abahoye abantu ababathandayo baye bangavumi xa bemenywa ngabahlobo babo ukuba baye konwaba nabo, bangamkeli nezabelo abazinikwa yintlangano kuba kufuneka bahlale bebajongile. Loo nto inokubenza bazive bebodwa, bakhathazwe nakukuba bengakwazi ukwenza izinto abebengathanda ukuzenza.

7. Kutheni beziva benetyala okanye bebuhlungu abantu abahoye abantu ababathandayo?

7 Basenokuziva benetyala okanye bebuhlungu. Udade onguJessica uthi: “Ndikhathazwa kukuba kukho izinto endingakwaziyo ukuzenza. Nokuphumla oku ndizihoye, kundenza ndizive ndinetyala, ibe ngathi ndicingela isiqu sam.” Abanye baziva benetyala kuba ngamanye amaxesha baye bayicaphukele imeko abakuyo. Abanye baba nexhala lokuba ingathi abenzi yonke into abamele bayenze ukuze bancede abantu ababathandayo. Kanti abanye basenokuziva benetyala kuba ngenxa yokudinwa baye bathetha izinto ezimkhathazayo loo mntu bamhoyileyo. (Yak. 3:2) Abanye babuhlungu kuba umntu abebemazi ephilile futhi enamandla akasekho njalo. Omnye udade, uBarbara, uthi: “Enye yezona zinto zinzima kum kukubukela umntu endimthandayo esiya ephela suku ngalunye.”

8. Ukubulelwa kubenze baziva njani abanye abantu abahoye abantu ababathandayo?

8 Abanye basenokubona ngathi ayixatyiswa into abayenzayo. Ngoba? Kuba abafane babulelwe okanye banconywe ngomsebenzi wabo onzima nangezinto abazincamileyo. Ukumbulela umntu kunokumkhuthaza nyhani. (1 Tes. 5:18) Udade onguMelissa uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndilile kuba ndidiniwe. Kodwa xa umntu endimhoyayo esithi, ‘Enkosi ngayo yonke into ondenzela yona,’ ndiye ndivuye kakhulu. Loo nto iye indenze ndivuke ndinamandla okuphinda ndimncede ngosuku olulandelayo.” Umzalwana onguAhmadu uchaza indlela aye azive ngayo xa ebulelwa. Yena nenkosikazi yakhe bahoye umtshana wabo omncinci ohlala nabo, onesifo sokuxhuzula. Uthi: “Usenokungaziqondi yena izinto esizincamayo ukuze simncede, kodwa ndiye ndivuye kakhulu xa ebonisa ukuba uyasixabisa, okanye ezama ukubhala igama elithi ‘ndiyanithanda.’”

UNOKUHLALA NJANI UVUYA?

9. Umntu ohoye umntu amthandayo unokubonisa njani ukuba uthobekile?

9 Thobeka. (IMize. 11:2) Akakho umntu onexesha namandla okwenza yonke into. Ngoko umele uyazi into onokukwazi nongenakukwazi ukuyenza, ukwazi nokuthi hayi ngamanye amaxesha. Akho nto imbi ke apho. Loo nto ibonisa ukuba uthobekile. Ukuba kukho abantu abafuna ukukunceda, vuma bakuncede. Omnye umzalwana, uJay, uthi: “Asikwazi ukwenza yonke into ngexesha elinye. Ukuzazi izinto ezingaphaya kwamandla akho nokungazami ukuzenza, kuza kukwenza uhlale uvuya.”

10. Kutheni kubalulekile ukuba abe nengqiqo umntu ohoye umntu amthandayo? (IMizekeliso 19:11)

10 Yiba nengqiqo. (Funda iMizekeliso 19:11.) Ukuba unjalo, unokukwazi ukuzola xa umntu ethetha okanye esenza into ecaphukisayo. Umntu onengqiqo uye azame ukuqonda ukuba izinto azithethayo nazenzayo umntu uzenziswa yintoni. Kuyaqondakala ukuba ezinye izigulo ezinganyangekiyo zisenokwenza umntu athethe okanye enze izinto ezingafaniyo naye. (INtshu. 7:7) Ngokomzekelo, umntu owaziwa ngokuba nobubele nokucingela abantu usenokuqalisa ukuba nochuku. Unokuqalisa ukukhalaza kakhulu okanye acaphuke. Ukuba uhoye umntu ogula kakhulu, kunokukunceda ukufunda ngeso sigulo anaso. Xa usiya usiqonda, uza kutsho uqonde ukuba izinto azithethayo nazenzayo akazenzi ngabom, uzenziswa kukugula.​—IMize. 14:29.

11. Zeziphi ezona zinto zibalulekileyo abafanele baziphe ixesha lokuzenza suku ngalunye abantu abahoye abanye? (INdumiso 132:​4, 5)

11 Ziphe ixesha lokuqinisa ubuhlobo bakho noYehova. Ngamanye amaxesha, kusenokufuneka ukhe uziyeke ezinye izinto ukuze wenze ‘ezona zinto zibalulekileyo.’ (Fil. 1:10) Enye yazo kukuqinisa ubuhlobo bakho noYehova. Ukukhonza uYehova kwakuyeyona nto ibalulekileyo kuKumkani uDavide. (Funda iNdumiso 132:​4, 5.) Nawe ke, kubalulekile ukuba suku ngalunye uzenzele ixesha lokufunda iBhayibhile nelokuthandaza. Udade onguElisha uthi: “Into endenza ndihlale ndivuya kukuthandaza nokucingisisa ngeendumiso ezithuthuzelayo. Eyona nto indinceda kakhulu kukuthandaza. Ndithetha noYehova kaninzi ngosuku ukuze ndihlale ndizolile.”

12. Kutheni abantu abahoye abantu ababathandayo kufuneka bazenzele ixesha lokukhathalela impilo yabo?

12 Zibekele ixesha lokukhathalela impilo yakho. Abantu abahoye abantu ababathandayo baxakeke kakhulu, kangangokuba basenokungabi nalo ixesha elaneleyo lokuthenga nokupheka ukutya okusempilweni. Ukuze umzimba nengqondo yakho zihlale zisempilweni, kubalulekile ukutya kakuhle nokujima qho. Ngoko nokuba unexesha elincinci, zama ukulisebenzisa kakuhle ngokutya ukutya okusempilweni nokujima qho. (Efe. 5:​15, 16) Enye into, zama ukulala ngokwaneleyo. (INtshu. 4:6) Uphando lubonisa ukuba ukulala kuyazihlaziya iingqondo zethu. Inqaku elithi “How Sleep Can Affect Stress” elakhutshwa yiBanner Health, libonisa ukuba ukulala ngokwaneleyo kwehlisa ixhala kuze kusincede sikwazi ukumelana nestres. Kuza kufuneka ube nalo nexesha lokwenza izinto ozithandayo. (INtshu. 8:15) Omnye udade ohoye umntu amthandayo uyichaza kanje into emenza ahlale evuya: “Xa imozulu intle ndiye ndiphume phandle ndigcakamele ilanga. Ndiye ndizame nokuba kanye ngenyanga ndibe nosuku lokonwaba nomhlobo wam.”

13. Kutheni kuluncedo ukuhleka? (IMizekeliso 17:22)

13 Khangela izinto eziza kukuhlekisa. (Funda iMizekeliso 17:22; INtshu. 3:​1, 4) Ukuhleka kunceda emzimbeni nasengqondweni. Xa kukho umntu omhoyileyo, akufane kwenzeke ukuba izinto zenzeke ngendlela obufuna ngayo. Kodwa ukuba unokusuka nje uhleke xa izinto zingenzeki ngendlela obufuna ngayo, usenokungacaphuki kakhulu. Naxa uhleka kunye nomntu omhoyileyo, ninokuvana kakhulu.

14. Kunokukunceda njani ukuthetha nomhlobo omthembileyo?

14 Thetha nomhlobo omthembileyo. Nokuba ungazama kangakanani ukonwaba, kusenokubakho amaxesha anzima. Ngaloo maxesha kusenokukunceda ukuthetha nomhlobo omthembileyo, ongazukwenza uzive ungumntu ombi ngenxa yezinto ozithethayo. (IMize. 17:17) Kusenokwenzeka ukuba eyona nto ubuyidinga ukuze uhlale uvuya kukumanyelwa nokukhuthazwa nguye.​—IMize. 12:25.

15. Ukucinga ngezinto esizithenjisiweyo kunokukunceda njani uvuye?

15 Yiba nombono wenu niseParadesi. Khumbula ukuba ukuhoya abantu abalupheleyo okanye abagulayo kuza kuphela, nokuba uYehova zange asidalele ukwenza loo msebenzi. (2 Kor. 4:​16-18) Buseza “ubomi benene.” (1 Tim. 6:19) Kusenokukuvuyisa ukuncokola nomntu omthandayo ngezinto eniza kuzenza kunye eParadesi. (Isa. 33:24; 65:21) Omnye udade, uHeather, uthi: “Ndidla ngokuxelela abantu endibahoyileyo ukuba kungekudala siza kuthunga kunye, sibaleke kunye, size sikhwele ibhayisekile kunye. Siza kubhakela abantu abavusiweyo izonka, sibaphekele nokubaphekela. Siye simbulele kunye uYehova ngezinto asithembise zona.”

BANOKUNCEDA NJANI ABANYE?

16. Sinokubaphumza njani abantu abasebandleni lethu abahoye abantu ababathandayo? (Jonga nomfanekiso.)

16 Baphumze abantu abahoye abantu ababathandayo. Abanye bethu ebandleni banokucela ukukhe bamhoye ngokwabo loo mntu uhoywayo. Xa sisenza loo nto siyabaphumza abantu abahoye abantu ababathandayo, sibanika nexesha lokwenza izinto zabo. (Gal. 6:2) Abanye abavakalisi baye bazenzela ucwangciso lweveki ukuze benze lo msebenzi. Udade onguNatalya, ohoye umyeni wakhe ongakwaziyo ukuhamba uthi: “Omnye umzalwana osebandleni uye azokuhlala nomyeni wam kanye okanye kabini ngeveki. Baye bashumayele kunye, bancokole, bade babukele neemuvi kunye. Ngaloo maxesha kuba mnandi nyhani kumyeni wam, nam nditsho ndifumane ixesha lokwenza izinto endizithandayo, ezinjengokuya kubethwa ngumoya.” Ngamanye amaxesha unokude ucele ukuzokuhlala naloo mntu uhoywayo ubusuku bonke, ukuze umzalwana okanye udade omhoyayo afumane ixesha lokulala.

Oodade ababini baye kubona umakhulu ekhayeni lakhe. Umntu omhoyayo uyaphuma, uyababhayibhayisa.

Ungamnceda njani umntu osebandleni lakho ohoye umntu amthandayo? (Jonga isiqendu 16)a


17. Kwiintlanganiso singabancedisa njani abo bahoye abantu ababathandayo?

17 Bancedise kwiintlanganiso. Ngenxa yokuba bexakeke kukuhoya abantu ababathandayo, basenokungakwazi ukumamela kakuhle kwiintlanganiso, kwiindibano zesiphaluka nezengingqi. Abazalwana noodade ebandleni banokucela ukuhlala naloo mntu uhoywayo kwezinye zezi ntlanganiso okanye kangangexesha elithile kuzo. Ukuba loo mntu walupheleyo okanye ugulayo akakwazi ukuphuma ekhayeni lakhe, usenokucela ukuya kumamela iintlanganiso kunye naye ekhayeni lakhe ngoZoom, ukuze loo mKristu umhoyayo akwazi ukuya eholweni.

18. Yeyiphi enye indlela esinokubanceda ngayo abo bahoye abantu ababathandayo?

18 Bancome futhi ubathandazele. Abadala benza kakuhle xa behlala bebakhuthaza abo bahoye abantu ababathandayo. (IMize. 27:23) Nokuba iimeko zethu zinjani, sonke ebandleni sinokuhlala sibancoma. Sinokucela noYehova ukuba aqhubeke ebomeleza, aze abancede bahlale bevuya.​—2 Kor. 1:11.

19. Ziintoni esikhangele phambili kuzo?

19 Alifikanga ligalelekile ixesha lokuba uYehova asule iinyembezi ezibangelwa ziintlungu ebusweni babantu bonke. Soze kuphinde kubekho mntu ugulayo nofayo. (ISityhi. 21:​3, 4) “Umntu oqhwalelayo uza kutsiba njengempunzi.” (Isa. 35:​5, 6) Izinto ezibuhlungu ezibangelwa kukwaluphala nentlungu eyenziwa kukuhoya abantu esibathandayo abagulayo, zonke ezo zinto ziza kuba ‘zizinto zangaphambili ezingazukukhunjulwa.’ (Isa. 65:17) Nangoku, uYehova uza kuhlala enathi ngoxa silinde izinto ezimangalisayo asithembise zona. Ukuba siqhubeka sithembela kumandla akhe, uza kusinceda ‘sinyamezele ngokupheleleyo ngomonde yaye sivuya.’​—Kol. 1:11.

KHAWUTSHO

  • Ziintoni ezinokwenza abantu abahoye abantu ababathandayo bayeke ukuvuya?

  • Ziintoni abanokuzenza abantu abahoye abantu ababathandayo ukuze bahlale bevuya?

  • Sinokubanceda njani abantu abahoye abantu ababathandayo abasebandleni?

INGOMA 155 Siyavuya

a INGCACISO YOMFANEKISO: Oodade ababini abasebatsha bahleli nodade owalupheleyo ukuze udade omhoyayo abe nexesha lokuya kubethwa ngumoya.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share