INQAKU ELIFUNDWAYO 46
INGOMA 17 “Ndiyathanda”
UYesu Ngumbingeleli Wethu Omkhulu Onovelwano
“Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu.”—Heb. 4:15.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela ukuba novelwano kukaYesu okumenza akufanele ngayo ukuba ngumbingeleli omkhulu, nangendlela okusinceda ngayo ukuba ngumbingeleli kwakhe.
1-2. (a) Kwakutheni ukuze uYehova athumele uNyana wakhe emhlabeni? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku? (Hebhere 5:7-9)
KWIMINYAKA emalunga neyi-2 000 eyadlulayo, uYehova uThixo wathumela oyena Nyana wakhe amthandayo emhlabeni. Kwakutheni? Esinye isizathu yayikukuze akhulule abantu kwisiqalekiso sesono nokufa, alungise nomonakalo owabangelwa nguSathana. (Yoh. 3:16; 1 Yoh. 3:8) UYehova wayesazi nokuba izinto ezaziza kwenzeka kuYesu xa wayelapha emhlabeni zaziza kumenza akulungele ukuba nguMbingeleli Omkhulu ovelana nathi. UYesu waba nguloo mbingeleli emva kokuba ebhaptiziwe ngo-29 C.E.a
2 Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela ezamnceda ngayo uYesu izinto ezamehlelayo xa wayelapha emhlabeni wakufanelekela ukuba nguMbingeleli Omkhulu obavelayo abantu. Njengoko sisiya siqonda ukuba ‘wenziwa wagqibelela’ njani ukuze enze lo msebenzi, kuza kuya kusiba lula ngathi ukusondela kuYehova, nokuba sityhafiswa ziimpazamo zethu.—Funda amaHebhere 5:7-9.
UNYANA OTHANDWAYO NGUTHIXO UZA EMHLABENI
3-4. Batshintsha njani ubomi bukaYesu xa wayefika emhlabeni?
3 Kwabaninzi kuthi iimeko ziye zatshintsha. Mhlawumbi kuye kwafuneka bamke kumakhaya abawathandayo, beshiya iintsapho nabahlobo. Ayikho lula ke loo nto. Akakho umntu obukhe batshintsha njengobukaYesu ubomi bakhe. Xa wayesezulwini, wayeyeyona ngelosi ibalulekileyo. Wayekuvuyela ukuthandwa nguYehova, evuyela nokusebenza ‘ngakwisandla sakhe sasekunene.’ (INdu. 16:11; IMize. 8:30) Sekunjalo, kumaFilipi 2:7 kuthiwa wakulungela ‘ukuziqongqotha,’ encama isikhundla sakhe esiphakamileyo ezulwini, ukuze aze kuphila nabantu abanesono emhlabeni.
4 Cinga nangezinto ezenzeka xa uYesu wayeselusana. Wazalelwa kwintsapho eyayisokola. Loo nto siyibona kumnikelo owenziwa ngabazali bakhe emva kokuba ezelwe. (Lev. 12:8; Luka 2:24) Xa uKumkani uHerode owayekhohlakele wevayo ukuba uYesu uzelwe, wazama ukumbulala. Ukuze ibaleke uHerode, intsapho yakuloYesu yaya kuhlala eYiputa kangangexesha elithile. (Mat. 2:13, 15) Xa wayesezulwini zazingenzeki ezi zinto kuYesu.
5. Ziintoni uYesu awazibona zisenzeka ebantwini xa wayelapha emhlabeni? Loo nto yamnceda njani wakulungela ukuba nguMbingeleli Omkhulu? (Jonga nomfanekiso.)
5 Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wayesoloko ebona abantu abaneengxaki. Ngokuqinisekileyo waswelekelwa ngabahlobo nabantu bakowabo, mhlawumbi notata wakhe uYosefu. Xa wayeshumayela, wadibana nabantu ababeneqhenqa, ababengaboni, ababefe umzimba nabazali ababeswelekelwe ngabantwana, waza wabavela. (Mat. 9:2, 6; 15:30; 20:34; Marko 1:40, 41; Luka 7:13) Yinyaniso ukuba wayezibona ezi zinto xa wayesezulwini. Ekubeni ngoku wayeyinyama negazi, wayeziva apha kuye ukuba zinjani. (Isa. 53:4) Izinto ezenzeka kuye zamnceda wayiqonda indlela abaziva ngayo abantu, izinto ezibakhathazayo neentlungu abanazo. Naye njengabo wayedinwa, akhathazeke, okanye abe sentlungwini.
UYesu wayeyikhathalele indlela ababeziva ngayo abantu ababekunye naye, ezibona neengxaki ababenazo (Jonga isiqendu 5)
UYESU UYABAVELA ABANTU
6. Imizekeliso ekwisiprofeto sikaIsaya isifundisa ntoni ngendlela uYesu abavela ngayo abantu? (Isaya 42:3)
6 Ngalo lonke ixesha elapha emhlabeni, uYesu wayebavela nyhani abantu abaphethwe kakubi. Ngaloo ndlela wayesenza into ekwakuprofetwe ngayo. KwiZibhalo ZesiHebhere, ngamanye amaxesha abantu abami kakuhle bafaniswa negadi echumileyo, okanye imithi emikhulu eyomeleleyo. (INdu. 92:12; Isa. 61:3; Yer. 31:12) Kodwa bona abasokolayo nabaphethwe kakubi bafaniswa nengcongolo etyumkileyo nomsonto weflekisi ocimacimayo. Akukho mntu unexesha lazo ezo zinto. (Funda uIsaya 42:3; Mat. 12:20) Ephefumlelwe, umprofeti uIsaya wasebenzisa le mizekeliso xa wayeprofeta ngendlela uYesu awayeza kubathanda aze abavele ngayo abantu ababecinezelwe nababejongelwa phantsi.
7-8. UYesu wayenza njani into eyayiprofetwe nguIsaya?
7 Umbhali wencwadi yeVangeli, uMateyu, wabonisa ukuba xa uIsaya wayesithi: “Akazukuyaphula ingcongolo etyumkileyo, nomsonto weflekisi ocima-cimayo akazukuwucima,” wayethetha ngoYesu. Imimangaliso kaYesu yanceda abantu ababecinezelekile, ekusenokwenzeka ukuba babeziva befana nengcongolo etyumkileyo, nababengenathemba, ekusenokwenzeka ukuba babeziva befana nomsonto weflekisi osele uza kucima. Omnye wabo yayingumntu owayephethwe ngamandla liqhenqa. Umele ukuba wayengenalo ithemba lokuba uza kuphila, aze aphinde abe kunye nentsapho nabahlobo bakhe. (Luka 5:12, 13) Kwakukho nomntu owayengeva futhi ethintitha. Khawuyicinge indlela amele ukuba wayeziva ngayo xa ebona abanye bencokola, abe yena engeva nokuba bathini. (Marko 7:32, 33) Kodwa akuphelelanga apho.
8 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, amaYuda amaninzi ayekholelwa ukuba abantu ababegula okanye ababeneziphene babesohlwaywa ngenxa yezono zabo okanye ezabazali babo. (Yoh. 9:2) Ngenxa yaloo nkolelo, aba bantu babephathwa ngendlela eyayibenza bacinge ukuba akho yabo. Esenza into eyayiprofetwe nguIsaya, uYesu wabaphilisa abantu ababegula, waza webenza baphinda bamthemba uThixo. Le nto isenza siqiniseke ngantoni?
9. AmaHebhere 4:15, 16 abonisa njani ukuba uMbingeleli Omkhulu wethu osezulwini uvelana nyhani nabantu abanesono?
9 Funda amaHebhere 4:15, 16. Sinokuqiniseka ukuba uYesu uza kusoloko evelana nathi. Ithetha ukuthini loo nto? Umntu obavelayo abanye uba nosizi xa ebabona benengxaki okanye bekhathazekile. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘uvelwano’ lithetha ukuzifaka ezihlangwini zomntu. (Jonga namaHebhere 10:34, apho uPawulos asebenzisa kwaeli gama lesiGrike.) Imimangaliso eyayisenziwa nguYesu ibonisa indlela awayebavela ngayo abantu ababeneengxaki. Abantu wayengabaphilisi njee kuba wayenokukwazi ukubaphilisa. Wayebakhathalele nyhani, efuna nokubanceda. Ngokomzekelo, ummangaliso awawenzayo wokuphilisa indoda eyayineqhenqa wayenokuwenza ekude. Kodwa wakhetha ukuyibamba. Kusenokwenzeka ukuba kwasekudlule iminyaka emininzi kungekho mntu ufuna ukuyibamba le ndoda. Indoda eyayingeva wayicingela, waza waya kuyiphilisa kwindawo eyayingenabantu. Naxa omnye umFarisi wagweba umfazi owahlamba iinyawo zikaYesu ngeenyembezi zakhe, waza wazosula ngeenwele zakhe, uYesu wamthethelela waza wamlungisa kabukhali loo mFarisi. (Mat. 8:3; Marko 7:33; Luka 7:44) UYesu zange ahambele kude kubantu ababegula nababenze izono ezinzulu. Kuba wayebavela, wayebamkela aze abonise ukuba uyabathanda. Sinokuqiniseka ukuba uvelana nathi ngendlela efanayo.
NAMHLANJE SIMLINGANISA NJANI UMBINGELELI WETHU OMKHULU?
10. Ziintoni esinokubanceda ngazo abantu abangevayo nabangaboniyo basondele kuYehova nakuYesu? (Jonga nemifanekiso.)
10 Ekubeni singabalandeli abathembekileyo bakaYesu, sizimisele ukumlinganisa ngokubonisa ukuba siyabathanda futhi siyabavela abanye. (1 Pet. 2:21; 3:8) Thina asinakukwazi ukuphilisa abantu abangevayo okanye abangaboniyo, kodwa sinokubanceda bafunde ngoYehova baze babe ngabahlobo bakhe. Ngokomzekelo, iimpapasho ezithetha ngeBhayibhile zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-100 zentetho yezandla. Ukuze kuncedwe nabantu abanengxaki yokungaboni, iimpapasho zebraille zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-60. Kwakhona, iividiyo zethu ezinomntu ochaza into eyenzeka kuzo zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-100. Zonke ezi zinto zinceda abantu abangevayo nabangaboniyo basondele kuYehova nakuNyana wakhe.
Iimpapasho zethu ezithetha ngeBhayibhile zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-1 000
Ekhohlo: Iilwimi zentetho yezandla ezingaphezu kweziyi-100
Ekunene: Ibraille ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-60
(Jonga isiqendu 10)
11. Intlangano kaYehova iyilinganisa njani indlela uYesu azivela ngayo zonke iintlobo zabantu? (IZenzo 2:5-7, 33) (Jonga nemifanekiso.)
11 Intlangano kaYehova izama ukunceda zonke iintlobo zabantu. Khumbula ukuba emva kokuba evusiwe, uYesu wathululela umoya oyingcwele kwabo babekwiPentekoste ukuze bazive iindaba ezilungileyo, ngamnye kubo ‘ngolwimi lwakhe.’ (Funda iZenzo 2:5-7, 33.) Intlangano ekhokelwa nguye yenza iimpapasho ezithetha ngeBhayibhile ngeelwimi ezingaphezulu lee kweziyi-1 000. Ezinye zazo zithethwa ngabantu abambalwa. Ngokomzekelo, ezinye iilwimi zama-Amerindian zithethwa ngabantu abambalwa abahlala kuMntla nakuMzantsi Merika. Sekunjalo, iimpapasho zethu zifumaneka ngeelwimi zawo ezingaphezu kweziyi-160, ukuze iindaba ezilungileyo ziviwe ngabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Iimpapasho zethu zifumaneka nangeelwimi zesiRomany ezingaphezu kweziyi-20. Amawaka amaninzi abantu abathetha ezo lwimi akhonza uYehova.
Ekhohlo: Iilwimi zama-Amerindian ezingaphezu kweziyi-160
Ekunene: Iilwimi zesiRomany ezingaphezu kweziyi-20
(Jonga isiqendu 11)
12. Zeziphi ezinye iindlela intlangano kaYehova ebanceda ngazo abantu?
12 Ngaphandle kokunceda abantu beve iindaba ezilungileyo, intlangano kaYehova inceda abo baye behlelwa ziintlekele zemvelo. Ngenxa yaloo nto, amawaka abazalwana noodade ayavolontiya ukuze ancede abo badinga uncedo. Intlangano kaYehova yakha neeHolo ZoBukumkani ezingenabugocigoci, apho abantu badibana khona ukuze bafunde ngendlela uThixo abathanda ngayo.
UMBINGELELI WETHU OMKHULU ANGAKUNCEDA
13. Zeziphi ezinye iindlela uYesu asinceda ngazo?
13 UYesu ongumalusi wethu olungileyo uyaqiniseka ukuba ngamnye wethu uyazifumana izinto azidingayo ukuze ahlale engumhlobo kaYehova. (Yoh. 10:14; Efe. 4:7) Ngamanye amaxesha, izinto ezenzeka ebomini bethu zinokusenza sizive ngathi singumsonto weflekisi ocimacimayo, okanye ingcongolo eyaphukileyo. Sinokutyhafa nyhani ngenxa yokuba sigula kakhulu, senze iimpazamo okanye kukho umKristu esingasavaniyo naye. Ngenxa yokucinga kakhulu ngeentlungu esinazo ngoku, kusenokuba nzima ukujonga phambili kwizinto esizithenjisiweyo, eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Nantsi kodwa into omawungayilibali: UYesu uyazibona izinto ezikwehlelayo, uyayiqonda nendlela oziva ngayo. Ngenxa yokuba ebavela abantu, ufuna ukukunceda. Ngokomzekelo, unokusebenzisa umoya oyingcwele ukuze akunike amandla xa utyhafile. (Yoh. 16:7; Tito 3:6) Unokusebenzisa ‘nezipho ezingabantu’ namanye amaKristu ukuze akukhuthaze aze akuncede.—Efe. 4:8.
14. Yintoni esinokuyenza xa sityhafile?
14 Xa utyhafile okanye umoya wakho utyumkile, cingisisa ngeendlela asinceda ngazo uYesu onguMbingeleli Omkhulu wethu. Khumbula kaloku, uYehova zange amthumele emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe nje kuphela, wayefuna nokumnceda aziqonde bhetele iingxaki abanazo abantu abanesono. Xa sityhafiswe ziimpazamo zethu, uYesu usoloko ekulungele ukusinceda “ngexesha elifanelekileyo.”—Heb. 4:15, 16.
15. Ibali likaStefano liyibonisa njani indlela anokuncedwa ngayo umntu oshiye uYehova abuyele ebandleni?
15 UYesu ukhokela nabantu bakhe abazama ukukhangela abo baye bamshiya uYehova, ukuze babancede. (Mat. 18:12, 13) Khawuve into eyenzeka kuStefano.b Emva kweminyaka eyi-12 esusiwe ebandleni, waya kwiintlanganiso. Uthi: “Kwakungekho lula, kodwa ndandifuna ukuphinda ndikhonze uYehova nabazalwana noodade. Abadala endadibana nabo bandenza ndaziva ndamkelekile. Ngamanye amaxesha ndandiye ndikhathazeke kuba ndashiya uYehova, ndide ndifune nokunikezela. Kodwa abazalwana babendikhumbuza ukuba uYehova noYesu bafuna ndingancami. Ukubuyiselwa kwam, lonke ibandla lasamkela ngobubele. Inkosikazi yam yade yavuma ukufundelwa iBhayibhile, ngoku simkhonza kunye uYehova.” Inoba uvuya kakhulu uMbingeleli Omkhulu wethu osithandayo xa ebona indlela abancedwa ngayo abantu abaguqukileyo ukuze babuyele ebandleni!
16. Kutheni simbulela uYehova ngokusinika uMbingeleli Omkhulu ovelana nathi?
16 Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wanceda abantu abaninzi, ebanceda ngexesha elifanelekileyo. Nanamhlanje, sinokuqiniseka nyhani ukuba uza kusinceda nanini na sidinga uncedo. Nakwihlabathi elitsha eliza kufika kungekudala, uza kunceda bonke abantu abathobelayo bakhululeke kuzo zonke izinto ezibangelwa sisono. Simbulela nyhani uYehova uThixo wethu, owathi ngenxa yothando nenceba wamisela uNyana wakhe amthandayo ukuba abe nguMbingeleli Omkhulu ovelana nathi.
INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu
a Ukuze ufunde nezinye izinto ngendlela uMbingeleli Omkhulu onguYesu awayithatha ngayo indawo yombingeleli omkhulu wamaYuda, jonga inqaku elithi, “Yixabise Inyhweba Yokukhonza Kwitempile Enkulu KaYehova” kwiMboniselo kaOktobha 2023 iphe. 26, isiqe. 7-9.
b Eli gama litshintshiwe.