INQAKU ELIFUNDWAYO 47
INGOMA 38 Uza Kukomeleza
“Ungumntu Oxabiseke Kakhulu”!
“Ungumntu oxabiseke kakhulu.”—DAN. 9:23.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezinto ezinokunceda abo bacinga ukuba ababalulekanga nganto baqonde ukuba baxabiseke nyhani kuYehova.
1-2. Yintoni enokusinceda siqiniseke ukuba sixabisekile kuYehova?
ABANYE kubakhonzi bakaYehova abaxabisileyo bazijongela phantsi. Mhlawumbi baye baphathwa ngendlela ebenze bazibona bengabalulekanga. Ngaba wena wakha waziva ngolo hlobo? Ukuba uthi ewe, yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba uxabisekile kuYehova?
2 Kusenokukunceda ukucinga ngeevesi ezibonisa indlela uYehova afuna abantu bajongwe baze baphathwe ngayo. UNyana wakhe uYesu wayebahlonipha abantu futhi enobubele kubo. Ngokwenza loo nto, wayebonisa ukuba yena noTata wakhe babaxabisa kakhulu abantu abathobekileyo nabazibona bengabalulekanga. (Yoh. 5:19; Heb. 1:3) Kweli nqaku siza kuthetha: (1) ngendlela uYesu awabanceda ngayo abantu baqonda ukuba baxabisekile (2) nangendlela esinokuqiniseka ngayo ukuba nathi sixabiseke nyhani kuThixo.—Hag. 2:7.
UYESU WABANCEDA NJANI ABANTU BABONA UKUBA BAXABISEKILE?
3. UYesu wabaphatha njani abantu baseGalili ababedinga ukuba abancede?
3 Kuhambo lukaYesu lwesithathu eshumayela eGalili, abantu abaninzi beza kuye, bammamela, waza waphilisa abo babegula. Wabona ukuba “babephethwe kakubi, bengahoywanga oku kweegusha ezingenamalusi.” (Mat. 9:36) Abefundisi babo babengabakhathalelanga kuba babebabona bengabalulekanga kangako. Babede bababize ngokuba ‘ngabantu abaqalekisiweyo.’ (Yoh. 7:47-49) Kodwa kuYesu babebalulekile kuba wayezipha ixesha lokubafundisa nelokubaphilisa kwizifo ababenazo. (Mat. 9:35) Enye into awayenzayo ukuze ancede abantu abaninzi, kukufundisa abapostile bakhe umsebenzi wokushumayela nokubanika igunya lokuphilisa abagulayo.—Mat. 10:5-8.
4. Yintoni esiyifundayo kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu abathobekileyo awayeshumayela kubo?
4 Xa uYesu wabaphatha ngembeko futhi enobubele kubantu awayeshumayela kubo, wayebonisa ukuba yena noTata wakhe bayabaxabisa abantu abadla ngokujongelwa phantsi ngabanye. Ukuba ukhonza uYehova kodwa awuqinisekanga ngendlela akuxabise ngayo, cinga ngendlela uYesu awayebahoye ngayo abantu abathobekileyo ababefuna ukuba abafundise. Ukwenza loo nto kunokukwenza uyiqonde indlela akuxabisa ngayo uYehova.
5. Zeziphi iingxaki awayenazo umfazi waseGalili awadibana naye uYesu?
5 UYesu wayengaphelelanga nje ekuncedeni izihlwele zabantu, kodwa wayemnceda nomntu omnye. Ngokomzekelo, xa wayeshumayela eGalili, wadibana nomfazi owayeneminyaka eyi-12 enengxaki yokopha. (Marko 5:25) NgokoMthetho, isigulo awayenaso sasimenza abe ngongcolileyo, ngoko nabani na owayenokumchukumisa wayeza kungcola. Ngenxa yaloo nto, inoba ixesha elininzi wayehlala eyedwa. Enye into, wayengakwazi ukukhonza nabantu kumatheko amaYuda nakwizindlu awayekhonzela kuzo. (Lev. 15:19, 25) Ngoko lo mfazi wayengatyiwa ziintlungu nje kuphela, kodwa mhlawumbi wayebona nokuba ingathi akukho yakhe.—Marko 5:26.
6. Yintoni awayenzayo umfazi owayesopha ukuze aphiliswe?
6 Lo mfazi wayefuna uYesu amphilise. Kodwa zange aye kumcela. Kwakutheni? Mhlawumbi isigulo sakhe sasimenza azive eneentloni okanye ehlazekile. Kusenokwenzeka nokuba wayesoyika ukuba uYesu uza kumgxotha kuba ekunye nabantu ngoxa engcolile ngokoMthetho. Ngoko wabamba nje isambatho sikaYesu sangaphezulu, eqinisekile ukuba loo nto yayiza kumenza aphile. (Marko 5:27, 28) Ngenxa yokholo lwakhe, uYesu wamphilisa. UYesu wabuza ukuba ngubani ombambileyo. Lo mfazi wazixela. Wenza ntoni uYesu?
7. UYesu wamphatha njani umfazi owayekhathazeke kakhulu? (Marko 5:34)
7 UYesu waba nobubele futhi wamhlonipha lo mfazi. Wabona ukuba ‘wayesoyika kakhulu yaye engcangcazela.’ (Marko 5:33) Ecinga ngendlela awayeziva ngayo, wathetha naye ngendlela ekhuthazayo. Wade wambiza ngendlela eyayibonisa ukuba unobubele kuye futhi uyamthanda, esithi “ntombi yam.” (Funda uMarko 5:34.) Kungeli xesha qha eBhayibhileni apho uYesu abiza umfazi ngokuthi “ntombi yam.” Mhlawumbi wambiza ngale ndlela kuba wayebona ukuba wayesoyika kakhulu. Khawuyicinge indlela amele ukuba wavuya ngayo lo mfazi! Ukuba uYesu wayengathethanga naye ngendlela awathetha ngayo, wayesenokuhamba ephilisiwe kodwa etyiwa sisazela. UYesu wamnceda wazibona kanye ngendlela ayiyo; intombi ethandwayo nguTata wayo osezulwini.
8. Zeziphi iingxaki awayenazo omnye udade waseBrazil?
8 Nanamhlanje, abanye abakhonzi bakaThixo baneengxaki zempilo ezibenza bangonwabi, baze bazive ngathi akukho yabo. UMariaa waseBrazil nonguvulindlela othe ngxi wazalwa engenayo imilenze nesandla sasekhohlo. Uthi: “Ngenxa yokuba ndikhubazekile ndandisoloko ndintlontwa esikolweni. Ndandibizwa ngamagama awayendikhathaza. Nabantu basekhaya babendenza ndizive ngathi akukho yam.”
9. UMaria wancedwa yintoni ukuze abone ukuba uYehova uyamxabisa?
9 Wancedwa yintoni uMaria? Akuba liNgqina LikaYehova, amaKristu amthuthuzela aze amnceda wazibona ngendlela uYehova ambona ngayo. Uthi: “Angade aphele amaphepha encwadi ndingekawabhali onke amagama abantu abaye bandinceda. Ndimbulela ngentliziyo yam yonke uYehova ngokundipha intsapho ethandeka ngolu hlobo.” Abazalwana noodade bamnceda uMaria wazi ukuba uThixo uyamxabisa.
10. Zeziphi iingxaki awayenazo uMariya Magadala? (Jonga nemifanekiso.)
10 hawucinge ngendlela uYesu awamnceda ngayo noMariya Magadala. Wayeneedemon eziyi-7. (Luka 8:2) Kusenokwenzeka ukuba ezo demon zazimenzisa izinto ezingaqhelekanga nokuba ngenxa yaloo nto abantu babengafuni ukusondela kuye. Ngelo xesha lobomi bakhe obabulusizana, kusenokwenzeka ukuba wayesoyika, ecinga ukuba akukho mntu umthandayo okanye onokumnceda. UYesu wakhupha ezo demon zazimhlupha, emva koko uMariya waba ngumlandeli wakhe. Yeyiphi enye indlela uYesu awamnceda ngayo uMariya Magadala ukuze aqonde indlela axatyiswe ngayo nguThixo?
Ziintoni ezenziwa nguYesu ezenza uMariya Magadala waqiniseka ukuba uxabisekile kuYehova? (Jonga isiqendu 10-11)
11. Ziintoni ezenziwa nguYesu ezabonisa uMariya Magadala ukuba uyaxatyiswa nguThixo? (Jonga nemifanekiso.)
11 Njengoko uYesu nabafundi bakhe babesiya kushumayela kwiindawo ezahlukahlukeneyo, wamema uMariya Magadala ukuba ahambe nabo.b Ngenxa yaloo nto zaqhubeka zimnceda izinto awayeziva xa uYesu wayefundisa abanye abantu. Nangosuku uYesu awavuswa ngalo wabonakala kuMariya Magadala. Waba ngomnye wabafundi bokuqala uYesu awathetha nabo ngaloo mini. Wade wamthuma ukuba aye kuxelela abapostile bakhe ukuba uvusiwe. Zonke ezi zinto zazibonisa ukuba uxatyiswe nyhani nguYehova.—Yoh. 20:11-18.
12. Chaza isizathu sokuba indlela akhule ngayo uLidia imenze acinge ukuba akukho mntu unokumthanda.
12 NjengoMariya Magadala, namhlanje abantu abaninzi baziva ngathi akukho mntu unokubathanda. Omnye udade waseSpain, uLidia, uthi ngaphambi kokuba azalwe, umamakhe wayecinga ngokukhupha isisu. Ukhumbula ukuba naxa wayesemncinci, umamakhe wayengamkhathalelanga, ethetha nezinto ezazimkhathaza kakhulu. Uthi: “Eyona nto ndandiyifuna ebomini kukuba abantu bandithande, bafune nokuba ngabahlobo bam. Kuba umama wayendenze ndaqiniseka ukuba ndingumntu ombi, ndandisoyika ukuba nokuba ndingenza ntoni, abantu abasoze bandithande.”
13. Yintoni eyanceda uLidia wabona ukuba uYehova uyamxabisa?
13 Emva kokuba uLidia efunde inyaniso; ukuthandaza, ukufundisisa, amazwi amnandi nezinto ezenziwa ngamanye amaKristu, zamnceda waqonda ukuba uyaxatyiswa nguYehova. Uthi: “Umyeni wam undixelela qho ukuba uyandithanda. Uhlala endikhumbuza ngeempawu ezintle endinazo. Nabanye abahlobo bam abandithandayo bayayenza loo nto.” Ngaba ukhona umntu omcingayo odinga ukuncedwa aqonde ukuba uyaxatyiswa nguYehova?
MASIZIJONGE NGENDLELA UYEHOVA ASIJONGA NGAYO
14. U-1 Samuweli 16:7 usinceda njani siyibone indlela uYehova abajonga ngayo abantu? (Jonga nebhokisi ethi “Kutheni UYehova Ebaxabisa Abantu Bakhe?”)
14 Khumbula ukuba uYehova akakujongi ngendlela ihlabathi elikujonga ngayo. (Funda u-1 Samuweli 16:7.) Akakuxabisi ngenxa yendlela ojongeka ngayo, imali okanye imfundo onayo. (Isa. 55:8, 9) Ngoko kunokuba uzijonge ngendlela ihlabathi elikujonga ngayo, zijonge ngendlela uYehova akujonga ngayo. Unokufunda amabali aseBhayibhileni abonisa ukuba uYehova wayebaxabisa abo ngamanye amaxesha babekhe bazibone ngathi akukho yabo, njengoEliya, uNahomi noHana. Unokude ubhale nezinto ezenzeke kuwe ezikwenza uqiniseke ukuba uYehova ukuthanda nyhani futhi ukuxabisile. Enye into onokuyenza kukukhangela iimpapasho zethu ezibonisa ukuba uxabisekile kuThixo.c
15. Kwakutheni ukuze uDaniyeli abe “ngumntu oxabiseke kakhulu” kuYehova? (Daniyeli 9:23)
15 Qiniseka ukuba ngenxa yokuba uthembekile kuye, uYehova uyakuxabisa. Xa umprofeti uDaniyeli wayesele eza kuba neminyaka eyi-100, kwakhe kwakho ixesha apho ‘wayedinwe eyimfe,’ etyhafe nokutyhafa. (Dan. 9:20, 21) UYehova wenza ntoni ukuze amkhuthaze? Wathumela ingelosi uGabriyeli ukuba iye kumkhumbuza ukuba “ungumntu oxabiseke kakhulu,” imxelele nokuba imithandazo yakhe iviwe. (Funda uDaniyeli 9:23.) Yintoni eyenza uThixo wamxabisa kangaka uDaniyeli? Kungenxa yeempawu awayenazo, ezinye zazo kukuthanda ubulungisa nokuthembeka. (Hez. 14:14) UYehova wayibhala loo nto kwiLizwi lakhe ukuze asithuthuzele. (Roma 15:4) UYehova uyayimamela neyakho imithandazo, ibe ukuxabisile ngenxa yokuba ubuthanda ubulungisa futhi uthembekile kuye.—Mika 6:8, imibhalo esemazantsi; Heb. 6:10.
16. Yintoni enokukunceda ubone ukuba uYehova nguTata okuthandayo?
16 UYehova mjonge njengoTata okuthandayo. Akakhangeli iimpazamo ozenzayo, ufuna ukukunceda. (INdu. 130:3; Mat. 7:11; Luka 12:6, 7) Ukucingisisa ngaloo nto kuye kwanceda abantu abaninzi abebebona ngathi akukho yabo. Ngokomzekelo, khawucinge ngodade waseSpain, uMichelle, owayenomyeni owayethetha rhabaxa naye kangangeminyaka, nto leyo eyamenza waziva engathandwa futhi kungekho yakhe. Uthi, “Qho xa ndibona ngathi akukho yam, ndiye ndibe nombono kaYehova endithwala ngeengalo zakhe, andithande aze andikhusele.” (INdu. 28:9) Yena udade waseMzantsi Afrika, uLauren, uye azikhumbuze le nto, “Ukuba uYehova uye wanditsalela kuye ngeentambo zothando, wandinceda ndahlala ndisondele kuye kuyo yonke le minyaka, futhi wandisebenzisa ekufundiseni abantu, ngokuqinisekileyo ndixabisekile kuye.”—Hos. 11:4.
17. Yintoni enokukunceda uqiniseke ukuba uYehova uyakuthanda? (INdumiso 5:12) (Jonga nomfanekiso.)
17 Qiniseka ukuba uYehova uyakuthanda. (Funda iNdumiso 5:12.) UDavide wafanisa uthando lukaYehova ‘nekhaka elikhulu’ elikhusela abantu abangamalungisa. Ukwazi ukuba uYehova uyakuthanda futhi uyakunceda kunokukwenza ungacingi ukuba akukho yakho. Yintoni enokukwenza wazi ukuba uYehova uyakuthanda? Njengoko sesibonile, uYehova ukwenza uqiniseke esebenzisa iLizwi lakhe. Uphinda asebenzise abadala, abahlobo bakho nabanye abantu ukuze akukhumbuze ukuba uxabisekile kuye. Yintoni ke wena ofanele uyenze?
Ukwazi ukuba uYehova uyasithanda kunokusinceda singacingi ukuba akukho yethu (Jonga isiqendu 17)
18. Kutheni sifanele sibakholelwe abantu xa besincoma?
18 Xa abantu abakwaziyo nabakuthandayo bekuncoma, sukucinga ukuba bayakuqhatha. Khumbula kaloku, kusenokwenzeka ukuba uYehova usebenzisa bona ukuze akuncede uqiniseke ukuba uyakuthanda. UMichelle ekuthethwe ngaye kwisiqendu 16 uthi: “Kancinci kancinci, ndizama ukubakholelwa abantu xa bethetha kamnandi ngam. Akululanga kona, kodwa ndiyazi ukuba yile nto uYehova afuna ndiyenze.” UMichelle uncedwe ziinzame zabadala abamthandayo abafuna ukumnceda. Ngoku nguvulindlela othe ngxi, ukwalilo nevolontiya laseBheteli elisebenzela ekhaya.
19. Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba uThixo uyasixabisa?
19 UYesu usikhumbuza ukuba sibaluleke kakhulu kuTata wethu osezulwini. (Luka 12:24) Ngoko sinokuqiniseka ukuba sixabisekile kuYehova. Singaze siyilibale loo nto. Masincede nabanye bayibone indlela abaxabiseke ngayo kuThixo.
INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Kuyabonakala ukuba uMariya Magadala wayelelinye lamabhinqa awayehamba noYesu. Esebenzisa izinto awayenazo, la mabhinqa anceda uYesu nabapostile bakhe ngezinto ababezidinga.—Mat. 27:55, 56; Luka 8:1-3.
c Ngokomzekelo, jonga isahluko 24 sencwadi ethi Sondela KuYehova, uze ufunde izibhalo nemizekelo yabantu abaseBhayibhileni kwincwadi ethi IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu, kumxholo othi “UkuThandabuza.”