Imibuzo Evela Kubafundi
Zeziphi “izinto ezicingwa” nguYehova naza kwenza iintliziyo zeentlanga ukuba zizenze kungekudala?
Xa sithetha ngokuqala kwentlungu engathethekiyo, iSityhilelo 17:16, 17 sithi: “Iimpondo ezilishumi ozibonileyo, nerhamncwa, baza kumcaphukela lo mfazi uthengisa ngomzimba, yaye baza kumxuthela zonke izinto zakhe, bamshiye eze. Baza kuyitya inyama yakhe baze bamtshise aphele ngomlilo. Kuba uThixo wenze iintliziyo zabo ukuba zenze izinto ezicingwa nguye, benze le nto inye bayicingayo, le yokunika irhamncwa ubukumkani babo.” Iimpapasho zethu bezikade zisithi “izinto ezicingwa” nguYehova naza kwenza iintliziyo zeentlanga ukuba zizenze, kukutshabalalisa iinkonzo zobuxoki.
Kodwa kuye kwafuneka itshintshwe indlela esicaciswa ngayo esi sibhalo. “Izinto ezicingwa” nguYehova naza kwenza iintliziyo zeentlanga ukuba zizenze, kukuba zinike ‘irhamncwa ubukumkani bazo.’ Ukuze uyiqonde ukuba iza kwenzeka njani le nto, khawucinge ngale mibuzo ilandelayo.
Ngoobani ekuthethwa ngabo kwesi siprofeto? “Umfazi othengisa ngomzimba” nobizwa ngokuba ‘yiBhabhiloni Enkulu,’ umela ingqokelela yazo zonke iinkonzo zobuxoki. Lona ‘irhamncwa elibomvu krwe’ limela intlangano yoxolo eyabakho ngo-1919, nekwakusithiwa luManyano Lwezizwe, ngoku ekuthiwa ziZizwe Ezimanyeneyo. (ISityhi. 17:3-5) “Iimpondo ezilishumi” zimela bonke oorhulumente abaxhasa eli rhamncwa.
Yintoni edibanisa umfazi othengisa ngomzimba nerhamncwa elibomvu krwe? Umfazi othengisa ngomzimba ‘uhleli phezu’ phezu kwalo eli rhamncwa, nto leyo ethetha ukuba uyalixhasa aze azame nokulilawula.
Yintoni eza kwenzeka kumfazi othengisa ngomzimba? Irhamncwa neempondo ezilishumi ezilixhasayo, “baza kumcaphukela lo mfazi uthengisa ngomzimba.” Bebonisa indlela abamcaphukela ngayo, baza kumxuthela zonke izinto zakhe baze babonise wonke umntu indlela angcole ngayo. Baza kumtshabalalisa, njengokuba uYehova wayetshilo. (ISityhi. 17:1; 18:8) Iinkonzo zobuxoki ziza kuphela kanjalo. Kodwa ngaphambi kokuba loo nto yenzeke, uYehova uza kubangela ukuba iintlanga zenze into engazange yenzeka kulawulo lwabantu.
Yintoni uYehova aza kwenza iintlanga ziyenze? Uza kwenza iintliziyo zeempondo ezilishumi ukuba zenze “izinto ezicingwa” nguye, ‘zinikezele amandla negunya lazo kwirhamncwa,’ eliziZizwe Ezimanyeneyo. (ISityhi. 17:13) Inoba ithetha ukuthini loo nto? Ngaba oorhulumente baza kuzigqibela ngokwabo, ukuvele banikezele amandla negunya labo kwirhamncwa? Hayi! Esi siprofeto sibonisa ukuba nguThixo oza kubenzisa loo nto. (IMize. 21:1; thelekisa uIsaya 44:28.) Ngaba baza kuwanikezela kancinci kancinci amandla abo? Hayi! Olo tshintsho luza kwenzeka ngokukhawuleza. Emva koko, eli rhamncwa liza kuzitshabalalisa tu iinkonzo zobuxoki, zingaphindi zibekho.
Yintoni ke esinokuyilindela? Masingalindeli ukuba ezindabeni siza kubona oorhulumente besiya bezixhasa iZizwe Ezimanyeneyo. Nantsi into esinokuyilindela: Ngokukhawuleza, uYehova uza kwenza iintlanga zinikezele ngamandla azo kwirhamncwa. Xa kusenzeka loo nto, siza kwazi ukuba intlungu engathethekiyo sele iza kuqala. Okwangoku, “masihlale sithe qwa, sisezingqondweni,” kuba kukho izinto esele ziza kutshintsha ngokukhawuleza!—1 Tes. 5:6.