AMAZWI ASEBHAYIBHILENI
‘Khuthaza’ Abanye Abantu
Sonke siyakuthanda ukukhuthazana nabazalwana noodade. Kodwa ukuze sibakhuthaze nyhani, masingapheleli nje ekubeni kunye nabo. IBhayibhile ithi xa omnye umKristu eqinisa ukholo lomnye, ‘uyamkhuthaza.’ (Roma 1:11, 12) Zeziphi ezinye iindlela esinokuyenza ngazo loo nto?
Bakhuthaze ngezinto ozithethayo. Ngokomzekelo, xa siphendula kwiintlanganiso sisenokungathethi kangako ngathi, kodwa sithethe kakhulu ngoYehova, iLizwi lakhe nangabantu bakhe. Naxa sizincokolela namanye amaKristu sinokuthetha ngezinto eziza kuqinisa ukholo lwawo.
Bakhuthaze ngezinto ozenzayo. Ngokomzekelo, abanye bakhethe ukungayiyeki inkonzo yexesha elizeleyo nangona beneengxaki. Kanti abanye abaphoswa ziintlanganiso zaphakathi evekini, ngoxa bexakeke kakhulu emsebenzini okanye begula.
Ngaba izinto ozithethayo nozenzayo ziyabakhuthaza abazalwana noodade? Ngaba uyakwazi ukuzibona izinto abazithethayo nabazenzayo ukuze bakukhuthaze?