INQAKU ELIFUNDWAYO 48
INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela
Incwadi KaYobhi Inokukunceda Xa Usehlelwa Zizinto Ezibuhlungu
“Ndiqinisekile ukuba uThixo akazenzi izinto ezimbi.”—YOBHI 34:12.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngento esinokuyifunda kwincwadi kaYobhi ngesizathu sokuba uThixo avume sehlelwe zizinto ezibuhlungu, nangendlela esinokuzinyamezela ngayo.
1-2. Zeziphi ezinye izizathu ezenza kubaluleke ukufunda incwadi kaYobhi?
NGABA ukhe wayifunda incwadi kaYobhi? Ngoxa yabhalwa malunga neminyaka eyi-3 500 eyadlulayo, abantu abaninzi bathi le yenye yezona ncwadi zabhalwa kakuhle. Bayamncoma umbhali wale ncwadi kuba bathi usebenzise amagama alula, amnandi, nafikelela intliziyo. Umntu owayibhalayo nguMoses, kodwa izinto awayezibhala wayezixelelwa nguYehova uThixo.—2 Tim. 3:16.
2 Incwadi yeBhayibhile kaYobhi ibaluleke kakhulu. Ngoba? Iyichaza kakuhle ingxaki enkulu ezijongene nayo zonke iingelosi nabantu; ukungcwalisa igama likaYehova. Isifundisa nangeempawu zikaYehova ezithandekayo ezinjengothando, ubulumko, ubulungisa namandla. Ngokomzekelo, kule ncwadi xa kuthethwa ngoYehova kusetyenziswa igama elithi ‘uSomandla’ kaninzi kunezinye iincwadi zeBhayibhile zidibene. Iphinda iphendule imibuzo emininzi ebalulekileyo abanayo abantu. Omnye wayo noseyingxaki ebantwini abaninzi ngulo: Kutheni uThixo evuma sehlelwe zizinto ezibuhlungu?
3. Kunokusinceda njani ukufunda incwadi kaYobhi?
3 Njengokuba xa siphezulu entabeni sizibona kakuhle zonke izinto, incwadi kaYobhi isinceda sizijonge kakuhle njengoYehova iingxaki esinazo. Makhe sibone ukuba le ncwadi inokusinceda njani xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu. Siza kufunda ngendlela amaSirayeli awayenokuncedwa ngayo libali likaYobhi, nangendlela elinokusinceda ngayo thina. Siza kubona nokuba sinokulisebenzisa njani ukuze sincede abantu.
UTHIXO UVUMELA UYOBHI EHLELWE ZIZINTO EZIBUHLUNGU
4. Xa amaSirayeli ayeseYiputa, yintoni eyayisenza uYobhi ahluke kuwo?
4 Xa amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa, kwakukho indoda eyayihlala kwilizwe laseUtse, mhlawumbi elalikwimpuma yeLizwe Lesithembiso, kwintshona yeArabhiya. Igama laloo ndoda yayinguYobhi. Yayingafani namaSirayeli awaqalisa ukukhonza izithixo, kuba yona yayithembekile kuYehova. (Yosh. 24:14; Hez. 20:8) UYehova wathi xa ethetha ngoYobhi: “Akukho mntu unjengaye emhlabeni.”a (Yobhi 1:8) UYobhi wayeyeyona ndoda yayisisityebi neyayihlonitshwa ngaphezu kwabo bonke abantu baseMpuma. (Yobhi 1:3) Inoba wayecaphuka nyhani uSathana xa ebona le ndoda yayisaziwa neyayihlonitshwa ngabantu abaninzi ithembekile kuYehova.
5. Kwakutheni ukuze uYehova avumele uYobhi ehlelwe zizinto ezibuhlungu? (Yobhi 1:20-22; 2:9, 10)
5 USathana wathi ukuba uYobhi wayenokwehlelwa zizinto ezibuhlungu, wayeza kuyeka ukukhonza uYehova. (Yobhi 1:7-11; 2:2-5) Nakubeni uYehova wayemthanda kakhulu uYobhi, into eyathethwa nguSathana yaphakamisa imibuzo emininzi. Ngoko uYehova wavumela uSathana ukuba azame ukubonisa ukuba wayenyanisile na. (Yobhi 1:12-19; 2:6-8) USathana wathatha imfuyo kaYobhi, wabulala abantwana bakhe abayi-10, wamenza wanamathumba ukusuka entloko ukuya kutsho ezinyaweni. Zonke ezi zinto zibuhlungu wamenza zona uSathana, zange zimenze agungqe uYobhi. (Funda uYobhi 1:20-22; 2:9, 10.) Ekuhambeni kwexesha uYehova wamphilisa uYobhi, wamenza wasisityebi ngaphezu kokuba wayesiso ekuqaleni, wahlonitshwa, waza wampha abantwana abayi-10. Ngendlela emangalisayo uYehova wongeza iminyaka eyi-140 ebomini bakhe. Loo nto yamenza wabona abazukulwana bakhe nabazukulwana babo. (Yobhi 42:10-13, 16) Eli bali lalinokuwanceda njani amaSirayeli? Linokusinceda njani thina ngoku?
6. Ukwazi ukuba kutheni uThixo evumela izinto ezibuhlungu zenzeke ebantwini kwakunokuwanceda njani amaSirayeli? (Jonga nomfanekiso.)
6 Ibali likaYobhi lalinokuwanceda njani amaSirayeli? AmaSirayeli zange aphile kamnandi eYiputa. Ngokomzekelo, uYoshuwa noKalebhi bakhula bengamakhoboka. Emva koko, babhadula entlango iminyaka eyi-40 ngenxa yokungathobeli kwamanye amaSirayeli. Ukuba loo maSirayeli ayelazi ibali leengxaki zikaYobhi nento eyenzekayo ekugqibeleni ebomini bakhe, ngokuqinisekileyo kwakuza kuncedakala wona namanye awayeza kuphila emva kwawo aqonde ukuba ngubani kanye kanye owenza abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu. Ayeza kusiqonda kakuhle nesizathu sokuba uThixo avumele abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu, nokuba ubaxabisa kangakanani abantu abangagungqiyo ekumkhonzeni.
Ekugqibeleni ukwazi izinto ezenzeka kuYobhi kwakunokuwanceda amaSirayeli awayengamakhoboka eYiputa ixesha elide (Jonga isiqendu 6)
7-8. Incwadi kaYobhi inokusinceda njani xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu? Yenza umzekelo.
7 Ibali likaYobhi linokusinceda njani thina? Okubuhlungu kukuba baninzi abantu abaye bayeka ukukholelwa kuThixo ngenxa yokuba bengasiqondi isizathu sokuba abantu abalungileyo behlelwe zizinto ezimbi. Makhe sive into eyenzeka kuHazelb waseRwanda. Xa wayesengumntwana wayekholelwa kuThixo, kodwa izinto zatshintsha. Abazali bakhe badivosa, waza wakhuliswa ngumyeni kamamakhe owayemphethe kakubi. Ekukhuleni kwakhe, wadlwengulwa. Ecaweni yakhe zange afumane ntuthuzelo. Ekuhambeni kwexesha, wabhalela uThixo ileta. Kuyo wathi: “Thixo, ndathandaza kuwe, ndazama ukwenza izinto ezilungileyo, kodwa wena undibuyisela ngobubi. Ndiyakushiya ke ngoku, futhi ndiza kwenza nantoni na endonwabisayo.” Iintliziyo zethu ziba buhlungu kakhulu xa sicinga ngabantu abafana noHazel, abenziwe bakholelwa ukuba nguThixo obenza behlelwe zizinto ezibuhlungu.
8 Thina sifundile kwincwadi kaYobhi ukuba ayingoThixo owenza abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu, nguSathana. Sifundile nokuba singacingi ukuba abantu abehlelwa zizinto ezibuhlungu bavuna abakulimileyo. IZibhalo zithi bonke abantu ‘banokwehlelwa lixesha naziziganeko ezingalindelekanga’ nanini na. (INtshu. 9:11; Yobhi 4:1, 8) Sifundile nokuba xa sinyamezela iingxaki sithembekile, uYehova utsho akwazi ukuphendula uSathana omgxekayo, negama Lakhe lithetheleleke. (Yobhi 2:3; IMize. 27:11) Asizithathi lula izinto esizifundileyo kuba zenza sisazi esona sizathu sokuba thina nabantu esibathandayo behlelwe zizinto ezibuhlungu. Ekuhambeni kwexesha, uHazel wafunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova, waza waqonda ukuba yayingengoThixo owamenza wehlelwa zizinto ezibuhlungu. Uthi: “Ndaphinda ndathandaza kuThixo ngokusuka entliziyweni. Ndamxelela uYehova ukuba xa ndandisithi ndiyamshiya, ndandingamshiyi nyhani. Phofu ndandingamazi nokumazi. Ngoku ndiyazi ukuba uYehova uyandithanda futhi ndonwabe kakhulu.” Siyibulela nyhani into yokuba sisazi ukuba kutheni uThixo evumela izinto ezibuhlungu zenzeke. Ngoku makhe sive ukuba ibali likaYobhi linokusinceda njani thina xa sineengxaki.
IBALI LIKAYOBHI LISINCEDA NJANI SINYAMEZELE?
9. Yayinjani imeko kaYobhi xa wayehleli eluthuthwini? (Yakobi 5:11)
9 Khawube nalo mbono kaYobhi: Uhleli yedwa eluthuthwini, umzimba wonke ugcwele amathumba, uyaqaqanjelwa. Ulusu lwalo mzimba ungamathambo lumnyama ngamathumba, luyaxobuka. Udinwe kakhulu kangangokuba akanamandla akwenza nto ngaphandle kokuzikrwempa ngamaceba engqayi nokukhalazela intlungu awayekuyo. Sekunjalo, uYobhi zange aphelele nje ekuphileni nezo ntlungu, waqhubeka enyamezele. (Funda uYakobi 5:11.) Wancedwa yintoni?
10. Yintoni ebonisa ukuba uYobhi wayekhululeka xa ethetha noYehova? Cacisa.
10 UYobhi wamxelela uYehova indlela awayeziva ngayo. (Yobhi 10:1, 2; 16:20) Ngokomzekelo, kwisahluko 3 sixelelwa ukuba uYobhi wachaza indlela awayebuhlungu ngayo ngezinto ezazimehlela, nawayecinga ukuba zenziwa nguYehova. Emva koko, abahlobo bakhe abathathu babesoloko bemxelela ukuba uThixo uyamohlwaya ngenxa yezinto azenzileyo, abe yena uYobhi esithi uthembekile kuYehova. Izinto awayezithetha zazibonisa ukuba kangangexesha elithile wayekhe wacinga ukuba yena ulilungisa kakhulu kunoThixo. (Yobhi 10:1-3; 32:1, 2; 35:1, 2) Kodwa wavuma ukuba ngamanye amaxesha ‘wayebhuda’ xa ezama ukuthethelela indlela athembeke ngayo. (Yobhi 6:3, 26) Kwisahluko 31 sifunda ukuba uYobhi wayefuna uThixo amphendule aze avume ukuba wayengafanele amohlwaye. (Yobhi 31:35) Kaloku uYobhi wayerongo xa enyanzela uThixo ukuba amchazele isizathu sokuba ehlelwe zizinto ezibuhlungu.
11. Yintoni awayenzayo uYehova xa wayephendula uYobhi?
11 Kuyabonakala ukuba izinto ezazithethwa nguYobhi zazibonisa ukuba uzinikele nyhani kuYehova, nokuba uqinisekile ngethemba awayenalo lokuba uThixo wayeza kude abone ukuba uthembekile. Ekugqibeleni uYehova wamphendula ekwisaqhwithi somoya, kodwa zange amcacisele ukuba kutheni esehlelwa zizinto ezimbi. Akazange amohlwaye ngenxa yezikhalazo zakhe okanye ngenxa yokuba wayezithethelela esithi akanatyala. Endaweni yaloo nto, wamyala njengotata eyala unyana. Yamnceda ke loo nto uYobhi kuba wazithoba, waqonda ukuba zazininzi izinto awayengazazi kakuhle, waza wazisola ngokuthetha engacinganga. (Yobhi 31:6; 40:4, 5; 42:1-6) Eli bali lalinokuwanceda njani amaSirayeli? Linokusinceda njani thina ngoku?
12. Ibali likaYobhi lalinokuwanceda njani amaSirayeli?
12 Ibali likaYobhi lalinokuwanceda njani amaSirayeli? AmaSirayeli ayenokufunda kwinto eyenzeka kuye. Cinga ngoMoses. Xa wayekhokela amaSirayeli, kwafuneka anyamezele iingxaki ezininzi, ukuphoxeka nezinto ezazimtyhafisa. Ngokungafaniyo nolo hlanga lwaluvukela, nolwaluhleli nje lukhalazela uYehova, yena uMoses wayethetha noYehova xa enengxaki. (Eks. 16:6-8; Num. 11:10-14; 14:1-4, 11; 16:41, 49; 17:5) Ibali likaYobhi lalinokumnceda naxa wayelungiswa nguYehova. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayeseKadeshe, mhlawumbi ngonyaka we-40 ebhadula entlango, uMoses “wathetha engacinganga ngemilebe yakhe,” waza akalizukisa igama likaYehova. (INdu. 106:32, 33) Ngenxa yaloo nto, uYehova zange amvumele ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso. (Dut. 32:50-52) Kwakubuhlungu kona kuMoses, kodwa wathobeka waza wafunda kwingqeqesho awayeyifumana kuYehova. Ibali likaYobhi lalinokuwanceda namaSirayeli awayeza kuphila emva kwexesha likaMoses akwazi ukunyamezela iingxaki awayeza kuba nazo. Ukucingisisa ngalo kwakunokuwanceda akwazi ukuxelela uYehova indlela aziva ngayo, kuwancede aphephe nokuzithethelela. Ayenokufunda nokuthobeka, avume xa uYehova ewaqeqesha.
13. Ibali likaYobhi linokusinceda njani sikwazi ukunyamezela? (Hebhere 10:36)
13 Ibali likaYobhi linokusinceda njani thina? Nathi maKristu kufuneka sinyamezele. (Funda amaHebhere 10:36.) Ngokomzekelo, abanye bethu bayagula, banedepression okanye baba nexhala kakhulu, baneengxaki zentsapho, baswelekelwe ngabantu ababathandayo, okanye banenye ingxaki enzima. Ngamanye amaxesha izinto abanye abantu abazithethayo okanye abazenzayo, zinokwenza kube nzima ukuyinyamezela imeko yethu. (IMize. 12:18) Sekunjalo, incwadi kaYobhi isifundisa ukuba sinokuxelela uYehova eyona ndlela siziva ngayo, siqinisekile ukuba uza kusiva. (1 Yoh. 5:14) UYehova akuzukusohlwaya ukuba kuyenzeka ‘sibhude’ njengoYobhi xa simxelela indlela esiziva ngayo. Uza kusinika ubulumko namandla esiwadingayo ukuze sikwazi ukunyamezela. (2 Kron. 16:9; Yak. 1:5) Usenokusilungisa nangendlela abona isifanele, kanye njengokuba wenzayo kuYobhi. Incwadi kaYobhi isifundisa nendlela esinokunyamezela ngayo xa silungiswa okanye siqeqeshwa liLizwi LikaYehova, yintlangano yakhe, nangabahlobo bethu abanokholo oluqinileyo. (Heb. 12:5-7) Njengokuba kwamncedayo uYobhi ukuthobeka, avume ukulungiswa, nathi inokusinceda loo nto. (2 Kor. 13:11) Zisinceda nyhani izinto esizifunda kuye. Ngoku makhe sibone indlela esinokulisebenzisa ngayo ibali lakhe ukuze sincede abanye.
SEBENZISA INCWADI KAYOBHI UKUZE UNCEDE ABANYE
14. Yeyiphi indlela esinokumphendula ngayo umntu obuza isizathu sokuba abantu besehlelwa zizinto ezibuhlungu?
14 Ngaba wakha wadibana nomntu entsimini, wakubuza ukuba kutheni kusenzeka izinto ezibuhlungu ebantwini? Wamphendula njani? Kusenokwenzeka ukuba wamxelela ngento ethi iBhayibhile yenzeka kwigadi yase-Eden. Mhlawumbi wamxelela ukuba uSathana, oyingelosi engalunganga waqhatha abantu bokuqala, wabenza bamjikela uThixo. (Gen. 3:1-6) Kusenokwenzeka ukuba emva koko wamxelela ukuba emva kokuba uAdam noEva bengakhange bamthobele uThixo, abantu baqalisa ukuphila kabuhlungu, baqalisa nokufa. (Roma 5:12) Ekugqibeleni, mhlawumbi wamchazela ukuba uThixo ulinde kudlule ixesha ukuze kucace ukuba uSathana wayexoka, kusasazwe neendaba ezilungileyo zokuba abantu baseza kuphila ngonaphakade kungekho zintlungu. (ISityhi. 21:3, 4) Le yindlela entle onokuwuphendula ngayo lo mbuzo, futhi inokumnceda loo mntu.
15. Sinokuyisebenzisa njani incwadi kaYobhi ukuze sincede umntu obuzayo ukuba kutheni sisehlelwa zizinto ezibuhlungu? (Jonga nemifanekiso.)
15 Makhe sive enye indlela onokumphendula ngayo umntu onalo mbuzo, usebenzisa incwadi kaYobhi. Unokuqala ngokumncoma ngokubuza umbuzo obaluleke kangaka. Emva koko mxelele ukuba nendoda eyayithembekile, neyehlelwa zizinto ezibuhlungu kakhulu, uYobhi, yabuza into efanayo. Yayikholelwa ukuba nguThixo owayebangela ukuba yehlelwe zizinto ezibuhlungu. (Yobhi 7:17-21) Loo mntu uncokola naye unokutsho avuye xa esiva ukuba lo mbuzo wakhe wawukhe wabuzwa kudala. Emva koko unokumcacisela ukuba yayingengoThixo owayebangela ukuba uYobhi ehlelwe zizinto ezibuhlungu, yayinguMtyholi. UMtyholi wayefuna kubonakale ngathi abantu bakhonza uThixo kuba kukho into abayijongileyo. Usenokumxelela nokuba ngoxa uThixo engazange abangele uYobhi ehlelwe zizinto ezibuhlungu, wavuma zimehlele ukuze abonise indlela abathemba ngayo abakhonzi bakhe ukuba baza kubonisa ukuba uSathana lixoki. Ekugqibeleni, unokumcacisela ukuba ekuhambeni kwexesha uThixo waye wamsikelela uYobhi ngokuhlala ethembekile kuye. Ngoko thina sinokubathuthuzela abantu ngokubenza baqiniseke ukuba azenziwa nguYehova.
Unokuyisebenzisa njani incwadi kaYobhi ukuze uncede abantu baqiniseke ukuba “uThixo akazenzi izinto ezimbi”? (Jonga isiqendu 15)
16. Khawubalise into eyenzekayo ebonisa ukuba incwadi kaYobhi inokumnceda umntu osentlungwini.
16 Khawuve indlela incwadi kaYobhi eyamnceda ngayo uMario. Ngenye imini, ngo-2021, udade wayeshumayela ngefowuni. Umntu wokuqala awamfowunelayo nguMario, waza wamfundela ivesi yeBhayibhile eyayibonisa ukuba uThixo akapheleli nje ekumameleni imithandazo yethu, uthembisa nokuba kwixesha elizayo uza kusenzela izinto ezintle. Xa wayembuza ukuba ucinga ntoni, uMario wamxelela ukuba ufowune kanye xa ebebhalela abantu bakowabo ileta, elungiselela ukuzibulala. Wathi, “Ndiyakholelwa kuThixo, kodwa ngale ntsasa bendizibuza ukuba akandilahlanga na.” Xa lo dade ephinda emfowunela, bancokola ngezinto ezibuhlungu ezehlela uYobhi. UMario wagqiba ekubeni ayifunde yonke incwadi kaYobhi. Ngoko udade wamthumelela ilinki yeZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha. Kwenzeka ntoni? UMario wavuma ukufundelwa iBhayibhile, waza wavuyiswa kukufunda izinto ezininzi ngoThixo onothando nonomdla kuye.
17. Kutheni umbulela uYehova ngokuba eye wayifaka incwadi kaYobhi kwiLizwi Lakhe eliphefumlelweyo? (Yobhi 34:12)
17 Kucacile ukuba iLizwi LikaThixo linamandla okunceda abantu, nkqu nabo behlelwa zizinto ezibuhlungu. (Heb. 4:12) Simbulela nyhani uYehova ngokufaka ibali likaYobhi kwiLizwi Lakhe eliphefumlelweyo. (Yobhi 19:23, 24) Incwadi kaYobhi isenza siqiniseke ‘ukuba uThixo akazenzi izinto ezimbi.’ (Funda uYobhi 34:12.) Isifundisa ngesizathu sokuba uThixo avume ukuba abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu, isibonise nendlela esinokuzinyamezela ngayo. Isinceda sikwazi nokuthuthuzela abantu abasezintlungwini. Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngendlela le ncwadi kaYobhi enokusinceda ngayo ukuze sikwazi ukucebisa abanye.
INGOMA 156 Ndinokholo
a Kuyabonakala ukuba uYobhi wayephila ngexesha elaliphakathi kokusweleka kukaYosefu owayethembekile (1657 B.C.E.) nokumiselwa kukaMoses ukuba akhokele amaSirayeli (m. 1514 B.C.E.). Kusenokwenzeka ukuba kwakungeli xesha apho uYehova wayethetha noSathana, nalapho zaqala khona iingxaki zikaYobhi.
b Amanye amagama atshintshiwe.