INQAKU ELIFUNDWAYO 50
INGOMA 48 Hamba NoYehova Yonke Imihla
Linganisa Indlela Athobeke Ngayo UYehova
“Linganisani uThixo, njengabantwana abathandwayo nguye.”—EFE. 5:1.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngeendlela eziyi-4 esinokuyilinganisa ngazo indlela athobeke ngayo uYehova.
1. Kutheni imangalisa indlela athobeke ngayo uYehova?
XA UCINGA ngabantu abanegunya namhlanje, ungatsho ukuba bathobekile? Mhlawumbi awunakutsho. Kodwa yena uYehova onguSomandla uthobekile. (INdu. 113:5-8) Akakho umntu othobeke njengaye; akaphakamanga nakancinci. Kuza kusinceda ukufunda ngeendlela eziyi-4 asiphatha ngazo, sibone nokuba kwindlela nganye ubonisa njani ukuba uthobeke kakhulu. Siza kubona nendlela uYesu awamlinganisa ngayo uTata wakhe othobekileyo. Ezi zinto ziza kusinceda siye sisondela kuYehova, size siyilinganise kakhulu indlela athobeke ngayo.
KULULA UKUTHETHA NOYEHOVA
2. Isifundisa ntoni iNdumiso 62:8 ngoYehova? (Jonga ongaphandle.)
2 Akudli ngokuba lula ukuthetha nabantu abaziphakamisileyo. Bacinga ukuba babhetele kunabanye, ngoko izinto abazenzayo zenza abanye abantu bahambele kude kubo. Akakho njalo tu yena uYehova. Kuba uTata wethu osezulwini ethobekile, uthi masimxelele izinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. (Funda iNdumiso 62:8.) Njengokuba utata obakhathaleleyo abantwana bakhe ebamamela xa bemxelela izinto ezibakhathazayo, uYehova ufuna nyhani ukuyimamela imithandazo yethu. Ude wenza imithandazo emininzi yabakhonzi bakhe yabhalwa eBhayibhileni. Loo nto ibonisa indlela ekulula ngayo ukuthetha naye. (Yosh. 10:12-14; 1 Sam. 1:10-18) Kodwa siza kuthini ukuba kukho isizathu esenza ngamanye amaxesha sizive singafaneleki ukuba sithethe noYehova?
Elinganisa uYehova, utata othobekileyo umamele unyana wakhe owaphule ivazi xa ebedlala (Jonga isiqendu 2)
3. Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova ufuna uthethe naye qho?
3 Sinokuthandaza kuYehova nokuba sibona ngathi akanakusithanda. Kutheni sisitsho? Kumzekelo wakhe wonyana owayelahlekile, uYesu wafanisa uYehova notata onobubele owayenonyana oguqukileyo, owayebona ngathi akakufanelanga ukubuyela kwintsapho yakowabo. Wenza ntoni lo tata xa ebona unyana wakhe ebuyela ekhaya? UYesu wathi uthe nje akumbona unyana wakhe, “wabaleka waya kuye, wamanga waza wamphuza.” (Luka 15:17-20) UYehova uyafana nalo tata. Ngenxa yokuba ethobekile, uthi nje akuva imithandazo yabantu ababuhlungu ngenxa yokuba betyiwa sisazela, abamamele kakuhle. (IZili. 3:19, 20) Kuba ebavela, ngokungathi kunjalo, ubaleka aye kubo ukuze abathuthuzele, abenze baqiniseke nokuba unenceba futhi uyabathanda. (Isa. 57:15) Namhlanje uYehova ubaleka eze kuthi njani? Udla ngokusebenzisa abadala, abantu basekhaya abangamaNgqina namanye amaKristu. (Yak. 5:14, 15) UYehova usinceda ngale ndlela kuba ufuna sisondele kuye.
4. Ziintoni ezazibonisa ukuba kwakulula ukuthetha noYesu?
4 UYesu ulinganisa uTata wakhe. NjengoTata wakhe, uthobekile. Ngenxa yaloo nto, xa wayelapha emhlabeni abantu babeziva bekhululekile ukuthetha naye. Babengonqeni nokumbuza imibuzo. (Marko 4:10, 11) Naxa kukho into ababuza ngayo, babemxelela kanye le nto bayicingayo. (Mat. 16:13-16) Kanti naxa benze impazamo, babengoyiki ukuba uYesu wayeza kuba nomsindo kuba babemazi ukuba unobubele, unenceba, futhi unomonde. (Mat. 17:24-27) Kuyabonakala ukuba ngenxa yokuba uYesu wayemlinganisa kakuhle uTata wakhe, nabalandeli bakhe baya bemazi kakuhle uYehova. (Yoh. 14:9) Babona ukuba uYehova akafani tu nabefundisi beecawe zabo ababekhohlakele, beziphakamisile, bengenabo nobubele. Yena wayethobekile, kulula nokuthetha naye.
5. Ukuthobeka kunokusinceda njani sibe ngabantu ekulula ukuthetha nabo?
5 Singamlinganisa njani uYehova? Xa sisebenzela ukuba ngabantu abathobekileyo, kuza kuba lula ebantwini ukuthetha nathi. Xa sithobekile asizukuba namona, asizukuziphakamisa, singazukuba ngabo nabantu abangaxoleliyo, kuba ezo zinto zinokwenza abantu bangafuni ukusondela kuthi. Ukuthobeka kuza kusinceda sibe nobubele, sibe nomonde, futhi sixolele, baze abantu bafune ukuba ngabahlobo bethu. (Kol. 3:12-14) Abadala ngabona bamele bazame ukuba kube lula ngabantu ukuthetha nabo. Kodwa ukuze yenzeke loo nto kufuneka babonakale ebantwini. Le nto ifuna ukuba bazame ukuya ngokoqobo kwiintlanganiso kunokuzibukela kuZoom ngaphandle kwesizathu esivakalayo. Naxa iimeko zibavumela, bazame ukusebenza nabazalwana noodade entsimini. Njengoko abazalwana noodade besiya bebaqhela abadala, kuza kuba lula ukuthetha nabo xa bedinga uncedo.
UYEHOVA UBHETYEBHETYE
6-7. Chaza imizekelo ebonisa indlela uYehova awayekelela ngayo xa abakhonzi bakhe babemcela.
6 Abantu abaninzi abaziphakamisileyo ababi bhetyebhetye xa besebenzisana nabantu. Yena uYehova, ngenxa yokuba ethobekile, ubhetyebhetye okanye uyayekelela, ngoxa engoyena umkhulu kunabo bonke abantu nangazo zonke iindlela. Khawuve into awayenzayo kudadeboMoses, uMiriyam. Yena noAron bamkhalazela uMoses owayengummeli kaYehova. Ngoko eyona nto yayisenziwa nguMiriyam yayikukungamhloniphi uYehova. Loo nto yamenza wanomsindo uYehova, waza wambetha ngeqhenqa. Kodwa xa uAron wacela uMoses ukuba amncede, noMoses wacenga uYehova ukuba aphilise udadewabo. UThixo wenza ntoni? Ngenxa yokuba ethobekile, wasitshintsha isigwebo sakhe. Wayekelela, waza wamphilisa uMiriyam.—Num. 12:1-15.
7 UYehova waphinda wabonisa ukuba uthobekile kwinto awayenza kuKumkani uHezekiya. Esebenzisa umprofeti wakhe, waxelela lo kumkani ukuba uza kusweleka. UHezekiya walila, ecenga uYehova ukuba amphilise. UYehova waba nenceba, wamxelela ukuba uza kuphila eminye iminyaka eyi-15. (2 Kum. 20:1, 5, 6) Kaloku uYehova uthobekile, ngenxa yaloo nto uyabavela abantu futhi uyayekelela.
8. Yeyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu ubhetyebhetye? (Marko 3:1-6)
8 UYesu ulinganisa uTata wakhe. Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wayebenzela izinto ezintle abantu xa ebona kufanelekile. Ngokomzekelo, ngoxa abantu ababengamfuni nababekhohlakele babengafuni kuphiliswe abantu ngeSabatha, yena wayebaphilisa. (Funda uMarko 3:1-6.) UYesu, oyintloko yebandla, usebhetyebhetye nangoku. Ngokomzekelo, xa omnye ebandleni enze isono esinzulu, uba nomonde kuye, amnike nethuba elaneleyo lokuba atshintshe.—ISityhi. 2:2-5.
9. Sinokwenza ntoni ukuze izinto esizicingayo nesizenzayo zibonise ukuba sibhetyebhetye? (Jonga nemifanekiso.)
9 Singamlinganisa njani uYehova? Simele sithobeke, sisebenzele ukuba izinto esizicingayo nesizenzayo zibonise ukuba sibhetyebhetye njengoYehova. (Yak. 3:17) Ngokomzekelo, ngoxa abazali ababhetyebhetye bengavumeli abantwana babo benze unothanda, abalindelanga ukuba benze izinto ezingaphaya kwamandla abo. Loo nto ibonakala kakuhle kwinto eyenziwa nguYakobi, esiyifunda kwiGenesis 33:12-14. Abazali abathobekileyo nababhetyebhetye bafanele bazame ukukulumkela ukuthelekisa abantwana babo. Nabadala bamele babe bhetyebhetye. Enye indlela abanokubonisa ngayo ukuba babhetyebhetye kukuxhasa isigqibo sabanye abadala ukuba asiphikisani nemigaqo yeBhayibhile. (1 Tim. 3:2, 3) Nathi sinokuzama ukuyiqonda indlela abanye abacinga ngayo, nokuba thina asicingi njengabo. (Roma 14:1) Sonke ebandleni simele sisebenzele ukuba ‘bonke abantu babone ukuba sibhetyebhetye.’—Fil. 4:5.
Entsimini utata obhetyebhetye akalindeli ukuba abantwana bakhe benze okungaphaya kwamandla abo (Jonga isiqendu 9)
UYEHOVA UNOMONDE
10. Zeziphi iindlela uYehova aye wabonisa ngazo ukuba unomonde?
10 Inoba uyiqaphele indlela abangafuni ngayo ukulindiswa abantu abaphakamileyo. Impakamo ibenza bangabi namonde. Akakho njalo ke yena uYehova kuba ngoyena unomonde ngaphezu kwabo bonke abantu. Ngokomzekelo, ngexesha likaNowa wathi uza kulinda iminyaka eyi-120 ngaphambi kokuba atshabalalise abantu abangalunganga. (Gen. 6:3) UNowa waba nexesha lokukhulisa abantwana bakhe, nelokwakha umkhombe encediswa yintsapho yakhe. Ekuhambeni kwexesha, ingelosi eyayimela uYehova yaba nomonde xa yayimamele uAbraham eyibuza ngokutshatyalaliswa kweSodom neGomora. Umntu oziphakamisileyo wayenokuthi, ‘Undibuza loo mibuzo xa ungubani wena!’ Kodwa loo ngelosi yaba nomonde kuAbraham kuba yayilinganisa uYehova.—Gen. 18:20-33.
11. Ngokutsho kuka-2 Petros 3:9, kutheni uYehova enomonde kweli xesha lethu?
11 Ukuthobeka kukaYehova kumenza abe nomonde nakweli xesha lethu. Ulinde ukuba lide lifike ixesha alibekileyo aza kulitshabalalisa ngalo eli hlabathi. Kutheni enomonde? “Kuba akafuni kutshabalale nabani na kuni, kodwa angathanda ukuba wonke umntu aguquke.” (Funda u-2 Petros 3:9.) Ngaba ukuba nomonde kwakhe akuncedanga nganto? Akunjalo. Iimiliyon zabantu abaneentliziyo ezilungileyo ziye zasondela kuye. Sinalo nethemba lokuba basebaninzi abantu abaseza kuyenza loo nto. Sekunjalo, liza kufika ixesha lokuba umonde kaYehova uphele. UYehova uyabathanda abantu, kodwa akabayeki benze nantoni na abayifunayo. Akazukuyeka abantu baqhubeke besenza izinto ezimbi ngonaphakade.—Hab. 2:3.
12. UYesu uyilinganisa njani indlela anomonde ngayo uYehova?
12 UYesu ulinganisa uTata wakhe. Kangangamawaka eminyaka, uYesu uye wanomonde njengoYehova. Uye wabukela uSathana engcolisa igama likaYehova nelabantu abathembekileyo. (Gen. 3:4, 5; Yobhi 1:11; ISityhi. 12:10) Uye wabona nabantu abaninzi besehlelwa zizinto ezibuhlungu. Khawuyicinge indlela amele ukuba ukufuna ngayo ‘ukutshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.’ (1 Yoh. 3:8) Yintoni eyenza uYesu abe nomonde wokulinda de uYehova athi makayitshabalalise ngokupheleleyo imisebenzi kaMtyholi? Ngenxa yokuba ethobekile, ulindele kuYehova kuba nguye obeke ixesha lokuyitshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.—IZe. 1:7.
13. UYesu wabonisa njani ukuba unomonde kubapostile bakhe? Kwakutheni ukuze abe nomonde?
13 Naxa wayelapha emhlabeni, uYesu waba nomonde kubapostile bakhe. Ngokomzekelo, xa abapostile babesoloko bephikisana ngokuba ngowuphi oyena umkhulu kubo, uYesu zange abancame. Wahlala enomonde kubo. (Luka 9:46; 22:24-27) Wayenethemba lokuba ngokuya ixesha lihamba baza kutshintsha. Ngaba usoloko usenza impazamo efanayo? Ukuba uthi ewe, akukuvuyisi ukuba noKumkani othobekileyo nonomonde kangaka?
14. Yintoni esinokuyenza ukuze sibe nomonde?
14 Singamlinganisa njani uYehova? Xa sisebenzela ‘ukucinga njengoKristu,’ kuza kutsho kube lula ukucinga nokwenza izinto njengoYehova. (1 Kor. 2:16) Yintoni esinokuyenza ukuze siyiqonde bhetele indlela acinga ngayo uKristu? Ayikho enye indlela ngaphandle kokufunda iincwadi zeVangeli, size siziphe ixesha lokucingisisa ukuba izinto esizifunda kwezi ncwadi ziyibonisa njani indlela uYesu acinga ngayo. Kufuneka simcele noYehova asincede ukuze indlela esicinga ngayo ibonise ukuba sithobeke njengoYesu. Xa sisebenzela ukucinga njengoKristu, siza kuya sifana noThixo, sibe nomonde kakhulu kwiziqu zethu nakwamanye amaKristu.—Mat. 18:26-30, 35.
UYEHOVA AKABALIBALI ABANTU ABAJONGELWA PHANTSI
15. Ziintoni azenzileyo uYehova ezibonisa ukuba akabalibali abantu abajongelwa phantsi? (INdumiso 138:6)
15 Funda iNdumiso 138:6. Kuyinyhweba nyhani kubantu abajongelwa phantsi ukwaziwa nguMongami wendalo yonke. Cinga ngabantu abambalwa angazange abalibale uYehova kwiminyaka eyadlulayo ngoxa babejongelwa phantsi. Kusenokwenzeka ukuba abanye asibazi kakuhle, kodwa kubhaliwe ngabo eBhayibhileni. UYehova waphefumlela uMoses ukuba abhale igama lebhinqa elaligade uRebheka, uDebhora, nelaliphila ngexesha loosolusapho. Eli bhinqa layisebenzela lithembekile intsapho kaIsake nekaYakobi iminyaka emalunga neyi-125. Nangona kungekho nto ingako esiyaziyo ngeli bhinqa lalithembekile, uYehova waqiniseka ukuba eBhayibhileni iyavezwa indlela elalithandwa ngayo. (Gen. 24:59; 35:8, umbhalo osemazantsi) Kwiminyaka emininzi emva koko, uYehova wakhetha uDavide, umfana owayengumalusi, wamenza ukumkani wakwaSirayeli. (2 Sam. 22:1, 36) Emva nje kokuba uYesu ezelwe, uThixo wathumela iingelosi ukuba ziye kunika abelusi inyhweba yokuba ngabokuqala ukwazi ukuba eBhetelehem kuzelwe lowo uza kuba nguMesiya. (Luka 2:8-11) Naxa uYosefu noMariya basa uYesu etempileni, uYehova wanika uSimeyon noAna ababesele bekhulile inyhweba yokubona uNyana Wakhe. (Luka 2:25-30, 36-38) Nyhani, “nakuba uYehova ephakamile, uyababona abathobekileyo.”
16. UYesu wayilinganisa njani indlela uTata wakhe abaphatha ngayo abantu?
16 UYesu ulinganisa uTata wakhe. NjengoTata wakhe, uYesu wayengabalibali abantu abajongelwa phantsi. Wafundisa abantu ‘abangafundanga nabaqhelekileyo’ inyaniso ngoBukumkani BukaThixo. (IZe. 4:13; Mat. 11:25) Waphilisa abantu abagulayo, waza wabaphatha ngendlela eyabenza baziva bethandwa futhi behlonitshwa. (Luka 5:13) Ngobusuku obungaphambi kokuba afe, wenza umsebenzi wesicaka, wahlamba iinyawo zabapostile bakhe. (Yoh. 13:5) Kanti ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, wanika abalandeli bakhe ababekho ngelo xesha nababeseza kubakho, inyhweba yokwenza owona msebenzi ubalulekileyo wokunceda abantu bafumane ubomi obungunaphakade.—Mat. 28:19, 20.
17. Singamlinganisa njani uYehova? (Jonga nomfanekiso.)
17 Singamlinganisa njani uYehova? Ngokushumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu abasimamelayo, nokuba basuka phi, banebala elinjani okanye bafunde kangakanani. Sibonisa ukuba siyabathanda futhi siyabahlonipha abazalwana noodade naxa sibajonga njengababhetele kunathi, nokuba zeziphi izinto esikwaziyo ukuzenza okanye yeyiphi imisebenzi esiyenzayo entlanganweni. (Fil. 2:3) UYehova uyavuya xa ngenxa yokuthobeka sisiba ‘ngabokuqala ukuhlonipha abanye’ ngezi ndlela nangezinye.—Roma 12:10; Zef. 3:12.
Silinganisa indlela athobeke ngayo uYehova xa sishumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu (Jonga isiqendu 17)a
18. Kutheni ufuna ukuthobeka njengoYehova?
18 Njengoko sizama ukulinganisa uTata wethu osezulwini osithandayo nothobekileyo, kuza kuba lula ebantwini ukuthetha nathi, sibe bhetyebhetye, sibe nawo nomonde. Siza kufana noYehova ongabalibaliyo abantu. Akwaba iinzame esizenzayo zokusondela kuThixo wethu othobekileyo, zingamenza asithande kakhulu!—Isa. 43:4.
INGOMA 159 Mnikeni Uzuko UYehova
a INGCACISO YEMIFANEKISO: Oodade balinganisa uYehova othobekileyo ngokufundisa amabanjwa.