IZINTO ONOKUPHANDA NGAZO
Yiya Umthemba UYehova Ukuba Uza Kukusindisa
Funda iNumeri 13:25–14:4 ukuze ubone indlela amaSirayeli awayengamthembanga ngayo uYehova.
Zama ukuyiqonda le nto kuthethwa ngayo. Kwakutheni ukuze kufuneke amaSirayeli amthembe uYehova ukuba uza kuwasindisa njengoko ayesimka eYiputa? (INdu. 78:12-16, 43-53) Yintoni eyawenza ayeka ukumthemba? (Dut. 1:26-28) UYoshuwa noKalebhi babonisa njani ukuba babethembele kuYehova?—Num. 14:6-9.
Phanda. Yintoni awayenokuyenza amaSirayeli ukuze aye emthemba uYehova? (INdu. 9:10; 22:4; 78:11) Ukuthembela kuYehova kudibana njani nokumhlonipha?—Num. 14:11.
Likufundisa ntoni eli bali? Zibuze:
‘Ziintoni ezinokwenza kube nzima ukuba ndithembele ngoYehova?’
‘Ziintoni endinokuzenza ukuze ndiye ndithembela ngoYehova ngoku nakwixesha elizayo?’
‘Njengoko intlungu engathethekiyo isondela, yintoni endimele ndiqiniseke ngayo?’—Luka 21:25-28.