Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha
IMoldova
Sele kuyiminyaka engaphezu kwama-60 amaNgqina kaYehova aseMoldova ecinezelwe yiRomania, esebenzisa ulawulo lobuFasi nolobuKomanisi. Ngaphandle kolawulo lobuFasi, ingcinezelo yaphinda yathiwa chatha nayiCawa yobuOthodoki. Kodwa ke sithethanje, iMoldova lelinye lawona mazwe anamaNgqina amaninzi ehlabathini xa kuthelekiswa nabemi bawo! Khawufunde ngendlela uYehova abomeleza ngayo bonke abo bamoyikayo nendlela abanika ngayo uloyiso bonke abo banganikezeliyo kuloyiko lomntu.
Amazwe Amabini AseCongo
Yintoni ethi qatha kuwe xa kuthethwa “ngeCongo”? Lithi lakubizwa elo gama, abaninzi babe nomfanekiso-ngqondweni wamahlathi afumileyo, nashinyene kangangokuba kube nzima ngelanga ukufikelela emhlabeni. Phakathi kwaloo ntsholo yezandi zeenkawu nokuntyiloza kweentaka, kukwakho nesandi sokubethwa kwamagubu nakwayindlela abanxibelelana ngayo abantu kwiilali zalapho. Mhlawumbi sele uzenzele umfanekiso-ngqondweni womlambo, intyonkobila yento enesithinzi, ebhijela kuhle ukutyhubela umbindi weAfrika kanye oku kwenyoka eyoyikekayo. ICongo le ke ingaphezu kwaloo mfanekiso-ngqondweni uzakhele wona. Ingamazwe amabini athiywe ngegama lomlambo onqumla kuwo. Ukholo lwakho luya komelela njengoko ufunda ngendlela amadoda namabhinqa anenkalipho ayisasaza ngayo inyaniso yeBhayibhile kulo mmandla womhlaba uthi ndijonge.