Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
SINOVUYO olungathethekiyo ngenxa yeentsikelelo esiye sazifumana kunyaka wenkonzo odluleyo. Njengoko sibona umsebenzi omhle uThixo wethu awuphumezayo esebenzisa abakhonzi bakhe, sithi: “Unyaka uwuthwese ukulunga kwakho”!—INdu. 65:11.
‘IINDABA EZILUNGILEYO’ KWI-INTERNET
Ibaluleke kakhulu kuthi maNgqina kaYehova, imbopheleleko yethu ‘yokushumayela iindaba ezilungileyo kuwo wonke umhlaba omiweyo ukuze kube bubungqina kuzo zonke iintlanga’ ngaphambi kokuba kufike ukuphela. (Mat. 24:14) Njengoko iminyaka ihamba, iindlela ezintsha zobugcisa ziye zabangela ukuba “ilizwi lobukumkani” lisasazeke ngokukhawuleza. (Mat. 13:18-23) Kule minyaka ili-11 idluleyo, besisebenzisa iWeb site ethi, www.watchtower.org, ukuze abantu bafumane ukutya kokomoya kwi-Internet. Abantu abavula le Web site banokufunda inyaniso yeBhayibhile ngeelwimi ezingama-314 yaye banokujonga imixholo enjengalo uthi, “Beliefs and Activities,” “Current Topics,” “God and Your Future,” “Medical Care and Blood,” nothi “Publications Available.”
Abantu abaninzi abavula ijelo le-www.watchtower.org, bafunda iBhayibhile. Bangaphezu kwama-6 300 abantu abafunda INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ekwi-Internet, efumaneka ngeelwimi ezilishumi. Ezona ncwadi zeBhayibhile zifundwa kakhulu kule Web site ziiNdumiso, IMizekeliso, neencwadi zeVangeli ezinengxelo yobomi bukaYesu.
Veki nganye, kwi-Internet kufakwa amanqaku athile eMboniselo nakaVukani! ngeelwimi ezili-12—ingakumbi lawo abhalelwe abantu ngokubanzi. Abantu abaninzi banomdla wokwazi iinkolelo zethu, indlela esiziqhuba ngayo iintlanganiso zethu nendlela ezisingathwa ngayo iindleko zomsebenzi wethu wokushumayela. Abantu abavula le Web site bayazifumana iimpendulo zale mibuzo xa bevula incwadana enemifanekiso ethi, AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo? Iphecana elithi Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango! liyafumaneka kwi-www.watchtower.org ngeelwimi ezingama-252, kuquka neevidiyo zentetho yezandla ngeelwimi ezintlanu.
UKUFUMANA INYANISO KWI-INTERNET
Uye waba yintoni umphumo wokubakho kwezi mpapasho kwi-Internet? Bamalunga nama-60 000 abantu abavula i-www.watchtower.org yonke imihla! Abaninzi bahlala kwiindawo ezinamaNgqina ambalwa okanye kumazwe umsebenzi wethu ovaliweyo kuwo okanye owenziwa phantsi kwemiqathango ethile. Sekunjalo, abo balambele nabanxanelwe inyaniso banokuyifumana kwiWeb site yethu.
UBryon uthi: “Kudala ndikuthanda ukufunda iBhayibhile kodwa qho xa ndiye ecaweni nabahlobo bam kwakuculwa okanye kudlalwe imidlalo ethile.” UBryon waqhubeka nemfundo nezemidlalo. Wafunda iilwimi ezintlanu waza wafumana inkxaso-mali yokufunda ekholejini, kodwa akazange aneliseke ngokomoya. Ngoko wathandazela ukufumana inyaniso.
UBryon uthi: “Ndandikulangazelela ukufumana iimpendulo. Ndagqiba kwelokuba ndijonge amaNgqina kaYehova kwi-Internet kuba abanye babahlobo bam abangamaNgqina endandifunda nabo babendixelele ukuba igama likaThixo nguYehova. Ndavula iWeb site yombutho ndaza ndafunda incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ekugqibeleni, imibuzo yam yaphenduleka.” UBryon wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, wenza inkqubela ngokukhawuleza waza wazahlulela kuYehova ngowama-2004. Ngoku unguvulindlela othe ngxi yaye unethemba lokuba iilwimi awazifundayo ziza kumnceda njengomvangeli weBhayibhile oqeqeshiweyo.
“UTHIXO UNANI”
Hayi indlela ekubangel’ imincili ngayo ukwazi ukuba abantu abangamawakawaka ‘abaphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga’ bavula ijelo le-www.watchtower.org yonke imihla! Abantu abamalunga nama-94 ngosuku bafaka kwi-Internet iphetshana elithi, Ngaba Uya Kukuvuyela Ukutyelelwa?—Zek. 8:23.
UDenise ngomnye wabantu ababenemibuzo ngeenkolelo zamaNgqina kaYehova, kodwa wayemathidala ukuya kwiHolo yoBukumkani kwindawo awayehlala kuyo. Ngoko wagqiba ekubeni akhangele kwi-Internet yaye wafumana iadresi ethi www.watchtower.org. Inkcazelo awayifumana apho uDenise yamenza waqiniseka ukuba uyifumene inyaniso, kodwa wathingaza ukucela isifundo seBhayibhile kuba esazi ukuba kuza kufuneka enze iinguqulelo ezithile ukuze aphile ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile. Iphetshana elithi Ngaba Uya Kukuvuyela Ukutyelelwa? elikwi-Internet walizalisa izihlandlo ezine kodwa zonke ezo zihlandlo wayengade alicofe iqhosha lokuthumela (Submit).
NgoMatshi 2007, uDenise waphinda walizalisa eli phetshana okwesihlanu. Ngesi sihlandlo walicofa iqhosha lokuthumela ecela ukutyelelwa. Eli phetshana lathunyelwa kwibandla elikwindawo ahlala kuyo, yaye abadala bacela udade ogama linguVonnie, ukuba aye kutyelela uDenise. Kwiveki nje yokuqala etyelelwe nguVonnie, uDenise waqalisa ukuya kwiintlanganiso, kwiHolo yoBukumkani.
Ngasekupheleni kwehlobo, uDenise wayesele ezilahle zonke izinto zecawa awayehamba kuyo, waqhawula onke amaqhina onxibelelwano kunye nayo waza wafaneleka ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Yena kunye noonyana bakhe ababini benza inkqubela ngokukhawuleza yaye unyana wakhe oneminyaka esibhozo ubudala wabhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. NgoJanuwari 2008, uDenise wabhaptizwa, yaye kwiinyanga ezimbini emva koko—emva konyaka efake iphetshana lokucela isifundo—wakufanelekela ukukhonza njengovulindlela ongumncedani. UDenise uthi, “Ukuba ndandingazange ndincedwe yi-Internet, ngendingabalisi la mava namhlanje.”
NgoJanuwari 2008, kuye kwafakwa iimpapasho ezithile ezirekhodiweyo ezifumaneka ngeelwimi ezili-17, kwi-Web site ethi www.pr418.com yaye abantu banokukwazi ukuzikhuphela. Baninzi kakhulu abantu abanomdla kweli lungiselelo, yaye nyanga nganye kukhutshelwa iimpapasho namanqaku athile angaphezu kwesigidi! Abavakalisi abaninzi baphulaphula amanqaku amaphephancwadi xa besiya emsebenzini okanye esikolweni ngemoto.
IINGUQULELO EZILUNCEDO
Hayi indlela okuvuyisa ngayo ukuxhaswa ziingelosi xa sibongoza abantu ‘bazo zonke iintlanga nezizwe neelwimi’ ukuba bazukise uThixo! (ISityhi. 14:6, 7) Ukuze ancede abantu bakwazi ukufunda isigidimi seBhayibhile ngokukhawuleza, ngolwimi abaluqonda kakuhle, amaNgqina kaYehova ngoku ashicilela iincwadi ngeelwimi ezimalunga nama-450.
Kutshanje kuye kwakhutshwa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ngolwimi lwesiTetum, oluthethwa e-East Timor, kodwa ezi ncwadi zazimbalwa. UMaria, owayesandul’ ukuqala ukufundelwa wayefunda incwadi yesi-Indonesia ethi Okufundiswa YiBhayibhile, engenayo le ncwadi ngesiTetum. Wacenga umntu owayemqhubela isifundo seBhayibhile ukuba amboleke incwadi yesiTetum waza wathembisa ukuyibuyisa emva kweentsuku ezimbini. Kwiintsuku ezilandelayo emva koko, wayephindaphinda ezo zinto wayezifundile. Kuba le ncwadi ibhalwe ngolwimi lwakhe, wayiqonda ngokucacileyo inyaniso kunokuba kwakunjalo xa wayefunda incwadi yesi-Indonesia. Umntu owayemqhubela isifundo akazange abe nabuganga bakuyithatha loo ncwadi kuMaria. UMaria usaqhubeka nesifundo sakhe yaye uyaya nakwiintlanganiso.
Iilwimi ezidla ngokusetyenziswa kwimicimbi yoburhulumente neyezorhwebo eKenya, sisiNgesi nesiSwahili. Kodwa izigidi ngezigidi zabantu baseKenya zithetha isiKikuyu, isiKikamba, isiLuo nezinye iilwimi. Ngenxa yoko, ukubakho kweencwadi ngezi lwimi kuye kwabangela ukuba abaninzi babe nomdla ekunquleni uYehova. Emva kokuba abazalwana beBandla laseSiaya beqalise ukusebenzisa iincwadi zesiLuo xa beqhuba iintlanganiso, abadala babhala: “Abazalwana ngoku bakuqonda kakuhle oko bakufundayo. Abantwana bayazola baphulaphule. Ekubeni ngoku sinikela iintetho ngesiLuo, inani labantu abeza kwiintlanganiso liye landa ngama-60 ekhulwini.”
Abantu abaninzi baseNicaragua bathetha isiMiskito kungekhona iSpanish, yaye kwindibano yesithili yesiMiskito kwakuze abantu abangaphezu kwama-200. Abanye kwafuneka bancame izinto ezininzi ukuze bakwazi ukuya kule ndibano. Ngokomzekelo abazalwana abali-13, abavela kwidolophu encinane yaseAsang ekufuphi noMlambo iCoco, bazenzela isihlenga samaplanga baza bahamba ngaso kuloo mlambo kangangeentsuku ezimbini ukuya kwidolophu yaseWaspam. Emva koko bakhwela ngemva elorini kangangeeyure ezintlanu ukuya kwisixeko esinendibano. Abaninzi kwaba bazalwana babeqala ngqa ukuya kwindibano yesithili. Bakunandipha ukuphulaphula ucwangciso ngolwimi lwabo. Kuba babeqongqothe yonke imali ababenayo ukuze baye kufika endibanweni, ezinye zeendwendwe ezazize endibanweni zanikela ukuze aba bazalwana bafumane imali yokugoduka.
Abo babeze kuloo ndibano yesiMiskito bavuya kakhulu xa kukhululwa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ngolwimi lwabo. Abantu abavuya kakhulu ngoovulindlela. Ngaphambi kokuba bafumane le ncwadi babesebenzisa incwadi yeSpanish ethi, Okufundiswa YiBhayibhile xa beqhuba izifundo zeBhayibhile baze baguqulele iziqendu nemibuzo kwisiMiskito. Ngoku kunokuba babe becinga ngendlela yokuguqulela, banikela ingqalelo ekufundiseni abantu inyaniso eseBhayibhileni.
IsiQuechua lulwimi lwamaIndiya aseMerika oluthethwa kuMzantsi Merika. Abanye abavakalisi abathetha isiQuechua, abahlala ePeru babhala: “Xa siqukumbela intshumayelo yethu, siye sixelele umninimzi ukuba sinazo iincwadi zesiQuechua. Abanye baye bachukumiseke kakhulu xa befumana incwadi ebhalwe ngolwimi lwabo kangangokuba bade balile bayiphuze nokuyiphuza loo ncwadi.” Iofisi yesebe yasePeru yabhala: “Abanye abazalwana abahlala kwimimandla ekuthethwa isiQuechua kuyo baye benza imizamo ukuze babonakalise uxabiso abanalo. Emva kokufunda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ngesiQuechua, omnye umzalwana wathi ukuqonda ngokucacileyo ngoku ukuxabiseka kwentlawulelo kaKristu. Abafundi baye bathumela iitapile, iipayi, iziqhamo, nezinye izinto kwiofisi yesebe, bebonakalisa uxabiso abanalo.”
Intlangano izama nokuguqulela iincwadi kwiilwimi ezithethwa kwimimandla esemagqagaleni kwisiqithi sePasifiki. Omnye udade wathi komnye umvangeli wasemazweni okwisiqithi saseMicronesia ePohnpei: “Ndiyambulela uYehova kuba eye wasikhumbula. Ngaphambili, iMboniselo yesiPonapea sasidla ngokuyifumana sele kudlule iinyanga iphumile eyesiNgesi.” Ngeliqhulayo wongezelela wathi: “Sasicinga ukuba mhlawumbi neArmagedon iya kufika mva kuthi. Kodwa ngoku sifunda iphephancwadi ngaxeshanye nabantu bonke yaye lifana nqwa nelesiNgesi ngobuhle. Siyibulela kakhulu inyameko yeQumrhu Elilawulayo.”
Abazalwana noodade abakwisiQithi seMarshall kumntla wePasifiki bavuya kakhulu xa kuphuma uhlelo olutsha lukawonke-wonke lweMboniselo ngesiMarshall. Aba bazalwana bayakuthanda ukufunda amabali obomi, kodwa kuhlelo lwangaphambili lweMboniselo ayengekho la mabali, ngoko kwakufuneka ukuba kubekho umntu oza kutolika lawo akwiphephancwadi lesiNgesi. Ngoko, bavuya ngokwenene xa bebona inqaku lokuqala lebali lobomi kwiphephancwadi elibhalwe ngolwimi lwabo. Umfundi oneminyaka eli-16 ubudala wathi: “Kangangeminyaka eliqela ndandidla ngokubuka imifanekiso ekwiphephancwadi lesiNgesi yaye ndandibawela ukufunda loo mabali obomi. Ngoku ndiyakwazi ukuwafunda.”
Incwadi nje enye ekhoyo ngolwimi oluthile inokuguqula ubomi babantu abaninzi. Kwelinye ilizwe umsebenzi wethu obekelwe imiqathango kulo, elikuMbindi Asiya, incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? iye yasasazwa ngokubanzi. Elinye ityendyana lafumana le ncwadana, lazifundela yaye kangangendlela elalichukumiseke ngayo laya kumlambo okufuphi laza “lazibhaptiza.” Emva kokufunda ukuba lifanele liqhutyelwe isifundo seBhayibhile, lakwenza oko ngokukhawuleza yaye kungekudala labhaptizwa ngendlela efanelekileyo. Ngoku lichitha ixesha elininzi lishumayela iindaba ezilungileyo kwabanye.
INKQUBELA KUMSEBENZI WOKUGUQULELA IBHAYIBHILE
AmaNgqina kaYehova alixabisa kakhulu iLizwi likaThixo iBhayibhile, ngokukodwa inguqulelo echanileyo necacileyo. Ngenxa yoku, abantu bakaThixo bayakuvuyela kakhulu ukuba neNguqulelo Yehlabathi Elitsha, epheleleyo okanye inxalenye yayo, ngeelwimi ezingaphezu kwama-70. Ngoxa kusiba yimincili engathethekiyo xa iqala ukukhutshwa le Bhayibhile, eyona nto iyingenelo kakhulu nefikelela iintliziyo neengqondo zabantu, kukuyisebenzisa yonke imihla kwisifundo sobuqu, kwiintlanganiso zebandla nakubulungiseleli basentsimini.
Iofisi yesebe yaseRashiya iye yafumana iileta ezininzi zabantu ababulela INguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiRashiya. Elinye ibhinqa labhala: “Nangona ndiye ndafunda iBhayibhile izihlandlo eziphindaphindiweyo, ndiye ndangathi ndiyaqala ngqa ukufunda iBhayibhile xa ndifunda le nguqulelo! Maxa wambi ndiye ndingakwazi ukuzibamba iinyembezi yaye ndiba nemincili engathethekiyo xa ndichukunyiswa sisigidimi seBhayibhile.”
Ngenxa yendlela ecace ngayo le nguqulelo omnye umfundi wathi: “Emva kokufunda iGenesis isahluko 18 namhlanje, ndiye ndaqonda ukuba mandinibhalele le leta. Ndiye ndachukumiseka ngokunzulu xa ndifunda incoko ka-Abraham noYehova, ekwindinyana 23-32. Nangona ikokwesihlanu ndifunda iBhayibhile bendiqala ukukhe ndicingisise ngale ncoko. Ndiye ndaba novelwano ngoAbraham ndaza “ndaphulaphula” ngenyameko xa ethetha noYehova. Ziye zathi gwantyi iinyembezi xa ndibona indlela uYehova aphulaphula ngenyameko ngayo. Le nguqulelo iyenze yacaca gca le ngxelo. Ndiye ndazibona iimpawu ezintle zikaYehova zaza zandichukumisa.”
USvetlana waseMoscow wabhala wenjenje: “Siyabulela ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, epheleleyo. Ngoku asisadideki xa sifunda ‘ITestamente Endala’ njengoko kwakunjalo ngenguqulelo endala nentsonkothileyo ebesiyifunda! Le nguqulelo ilula kakhulu!”
Omnye umfundi wabhala wathi: “Emsebenzini ndashumayeza umqeshi wam ogama linguIrina. Ekuqaleni, ndandicaphula nje izibhalo. Kodwa ndathi ndakutyhila iBhayibhile ndimbonisa umthandazo kaYesu ongumzekelo, wabuza, ‘Ngulo mthandazo othi Bawo Wethu Osezulwini lo?’ Xa efunda amazwi awathethwa nguYesu wazaliswa luvuyo waza wathi: ‘Atsho kamnandi! Abhalwe ngokucacileyo! Ndandidla ngokuwuva lo mthandazo kodwa ndandingawuqondi ukuba uthetha ukuthini. Kule nguqulelo, ubhalwe ngendlela ecacileyo nelula! Ndifuna iBhayibhile enje. Uncede undiphathele! Undiphathele iBhayibhile efana nale!’ Ndathi, ‘IiBhayibhile sizinika kuphela abantu abanomdla wokuzifunda.’ Waphendula wathi: ‘Ngaphambili andizange ndikhe ndibe nomdla wokufunda iBhayibhile. Nangona ndakha ndaba neeBhayibhile ezininzi, ndaphisa ngazo zonke, kodwa ngoku ndiyakufuna ngokwenene ukuyifunda!’”
Ethetha ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike yesiUkraine, omnye umzalwana wathi: “Ndinombulelo omkhulu ngesi sipho simangalisayo sivela kuYehova nakwintlangano yakhe. Ndiyakuthanda kakhulu ukuyifunda, yaye ndisoloko ndiyiphethe le Bhayibhile enoba ndiyaphi na. Ibhalwe ngolwimi olucacileyo noluqondakalayo. Ndiyachukumiseka xa ndiyifunda yaye ndiziqonda kakuhle iimfundiso zeBhayibhile.”
Kuye kwathethwa into efanayo nangenguqulelo yesiSerbia neyesiCroatia. Omnye udade othetha isiCroatia wabhala wathi: “Kulula gqitha ukuyifunda yaye iimfundiso zayo ziqondakala lula kunezeBhayibhile ebesisoloko siyisebenzisa. Isiluleko seZibhalo siyakhawuleza ukundifikelel’ intliziyo yaye ndivakalelwa kukuba ndimazi ngakumbi uYehova ngoku kunangaphambili.”
NgoNovemba 2, 2007, uMzalwan’ uGeoffrey Jackson olilungu leQumrhu Elilawulayo, wakhulula INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiSamoa. IiBhayibhile zesiSamoa zinqabile yaye zifumaneka ngexabiso elixhome kakhulu, ngoko abazalwana bavuya kakhulu kuba ngoku le Bhayibhile ifumaneka ngokulula. Emva kweenyanga eziliqela esebenzisa le Bhayibhile, omnye umvakalisi wathi, “IBhayibhile endala intsonkothile ukanti le nguqulelo intsha yeBhayibhile ibeka izinto ngokucacileyo.”
Omnye udade ubalisa ngomfundi weBhayibhile ekwakucatshulwe uYakobi 4:8 kwiimpapasho awayeqhutyelwa isifundo ngayo. Lo mzalwana uthi: “Ndacebisa ukuba, nangona esi sibhalo sisazi, sisifunde kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Ekuqaleni sasicinga ukuba sifunda umbhalo ongenguwo, kodwa xa sijonga indinyana sabona ukuba sifunda isibhalo esichanileyo. Othukile, udade endandihamba naye wathi, ‘Le ndinyana itshintshile.’ Satsho saqonda ngokucacileyo ukuba ‘ukusondela’ kuthetha ukuba kufuneka sibe nolwalamano olusenyongweni noYehova, nto leyo ingachazwayo kwiBhayibhile yethu endala. Sachukumiseka ngokwenene yaye satsho safuna ukuba nolwalamano olusondeleyo noYehova.”
Emva kokuba kukhutshwe INguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiTshayina, abavangeli basemazweni baseTaiwan babhala: “Siye sanika elinye igqwetha elikuthandayo ukufunda amaphephancwadi ethu, INguqulelo Yehlabathi Elitsha. Labuza isizathu sokuba kwenziwe inguqulelo entsha. Emva kokulibonisa iindinyana ezimbalwa, lachukumiseka gqitha, yaye lachaza ukuba le nguqulelo iqondakala lula kuneUnion Version, elalifudula liyisebenzisa.” Banika nelinye ilungu lasePalamente iBhayibhile, yaye lona layishiya eofisini yalo. Omnye umsasazi weendaba zikanomathotholo owayethanda ukugxeka amaNgqina kaYehova wabona le nguqulelo eofisini waza wayithatha wayifunda. Wachukumiseka kakhulu kangangokuba wafowunela aba bavangeli basemazweni waza wacela ukuba naye bamphathele.
Omnye udade ongumKirghiz okhathazwa ngamehlo, wayecinga ukuba kunzima ukufunda iBhayibhile. Noko ke, izinto zatshintsha emva kokuba efumene INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiKirghiz. Ngoku ukuthanda gqitha ukufunda iBhayibhile kuba ufunda inguqulelo elula necacileyo.
Omnye udade wathi, “Iguqulelwe kakuhle gqitha! Andikhinkxeki xa ndiyifunda ngokuvakalayo. Ndifuna ukuyifunda ndiyiphindaphinde. Ingathi ndiyaqala ukufunda inyaniso.”
Omnye udade ongevayo ngeendlebe wabhalela iQumrhu Elilawulayo wathi: “Ndiyayithanda ingxelo yeVangeli kaMateyu ngeNtetho Yezandla YaseMerika. IBhayibhile indifikelel’ intliziyo ngoku. Ndiyabubona ubuntu bukaYesu, ubuso bakhe, ububele nendlela abathanda ngokunzulu ngayo abantu. Ndiyayithanda ingxelo kaMateyu ngeNtetho Yezandla YaseMerika. Kodwa . . . ngaba ningakhawulezisa nenze nezinye iincwadi zeBhayibhile ngeNtetho Yezandla YaseMerika?”
Ngokuqinisekileyo, xa iBhayibhile iguqulelwe kakuhle yenza abantu bacacelwe kakuhle yintsingiselo yeLizwi likaThixo, ize ibangele nokuba isigidimi sifikelele intliziyo yomfundi. Ngenxa yoku, abo bafuna ukusondela kuBawo osezulwini bavuya gqitha xa befumana INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwabo—nto leyo yenza ukuba ibafikelel’ iintliziyo.
KUTHUNYELWA ABAVUNI ABANGAKUMBI
Ngenxa yokwenziwa lula kwezinto kule ofisi yesebe, amalungu aliqela entsapho yaseBheteli yaseUnited States aye athunyelwa kwezinye izabelo. Wambi aye athunyelwa kwamanye amasebe, ukanti amanye aye amiselwa njengoovulindlela abakhethekileyo nabathe ngxi kulo lonke elo. Avakalelwa njani xa efumana ezi zabelo? Aye ahlangabezana njani neengxaki azifumene kwezi zabelo? Amabandla aye angenelwa njani?
UTodd noLeslie bathi: “Kangangeminyaka emininzi ‘besibongoza iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.’ Sasingaqondi ukuba nathi siya kusetyenziswa xa kuphendulwa loo mthandazo! Siyaqonda ukuba nguYehova okhokelayo kulo msebenzi yaye sinombulelo kuba uKristu uye ‘wasigqala sithembekile ngokusabela ubulungiseleli.’”—Mat. 9:37, 38; 1 Tim. 1:12.
Ecinga ngeenyanga zokuqala emva kokuba beqalile kwisabelo sabo esitsha, uFranco uthi: “Mna nenkosikazi yam sasingazange sacinga ukuba usemkhulu kangako umsebenzi eUnited States. Ukufika kwethu kwisabelo sethu, safumanisa ukuba baninzi kakhulu abantu abafuna ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile.” Bechaza indlela abavakalelwa ngayo nabaninzi baba vulindlela, uCurtis noKarolynne bathi: “Isabelo sethu sisamkela ngezandla ezishushu! Lithuba lokubonisa uYehova ukuba xa sasizahlulela kuye sasingaphazami.”
UKUTHEMBELA ‘KWINKOSI YESIVUNO’
Emva kokukhonza eBheteli iminyaka emininzi, baxhalaba xa bethunyelwa entsimini. Esinye isibini sabuza: “Ngaba siya kukwazi ukuhlawula indawo yokuhlala? Ngaba siya kuphumelela ukuchitha iiyure ezili-120 okanye ezili-130 entsimini ngenyanga size sibe lukhuthazo ebandleni, ekubeni besiqhele ukwenza iiyure ezenziwa ngabavakalisi?” Aba bazalwana noodade bahlangabezana njani neengxaki ababa nazo kwezi zabelo zabo zitsha?
Abanye bafumana iindawo zokuhlala ezinexabiso elifikelelekayo ngosuku lokugqibela. Ngokomzekelo, omnye udade ongatshatanga, ogama linguJessica, wachitha iiveki ezimbini efuna indawo yokuhlala kwintsimi awayabelwe kuyo, engayifumani. Ngosuku olungaphambi kokuba abuyele eBheteli ukuze apakishe iimpahla zakhe, wavuya kakhulu xa omnye umdala ohlala kuloo ndawo emnika indlu encinane, nawayeza kuhlawula imali ephantsi ngayo.
UJeff noCynthia baxelela umphathi wenkampani eqeshisa ngezindlu ukuba bangamaNgqina kaYehova. Lo mphathi wathi: “Ndiyawazi amaNgqina kaYehova, yaye ndiyazi ukuba andinasizathu sakuxhalaba. UYehova uyaqinisekisa ukuba niyayifumana imali yokuhlawula irente!”
UEric noMelonie bathi: “Amava esityhubela kuwo asikhumbuza ukuba sifanele sithembele kuYehova lonk’ ixesha. UYehova uyangenelela yonke imihla. Oku kuye kwalomeleza ngokwenene ukholo lwethu.”
INKXASO YAMABANDLA
Aba vulindlela baye baqhela ngokulula kwizabelo zabo ezitsha ngenxa yokwamkelwa ngokufudumeleyo emabandleni abasebenza nawo. Omnye umveleli wesiphaluka uthi, xa kuthethwa ngabo kumabandla amaninzi uye uve kusithiwa “oovulindlela abakhethekileyo bethu.” Wongezelela ngelithi: “Baye bamkelwa ngothando olufudumeleyo kwisiphaluka sonke.” Ezele luxabiso, omnye umzalwana wabhalela kwiofisi yesebe wathi: “Sibulela kakhulu, aba vulindlela bayintsikelelo kuthi sonke!”
Elinye ibandla laseKansas lalinemihlaba eli-100 ekwakusele kuziinyanga ingasetyenzwa. Kodwa ngoku, kuba kukho isibini esingoovulindlela abakhethekileyo, imihlaba emininzi isetyenzwa rhoqo. Abadala babhala: “Besingacingi ukuba eli lungiselelo liza kuba yingenelo kangaka.”
Ngoxa amabandla eye ‘abomeleza’ oovulindlela, nabavakalisi baye bangenelwa. (Kol. 4:11) Omnye umveleli wesiphaluka uthi: “Inzondelelo yoovulindlela iye yabakhuthaza abazalwana noodadewethu.” Omnye umveleli ohambahambayo wabhala, “Oovulindlela abakhethekileyo banothando yaye basoloko bonwabile, nto leyo eye yakhuthaza umoya ofanayo nakwabanye.”
Esinye isibini sakunandipha ukuvuselela abavakalisi abalishumi ababepholile. Nabazalwana abangabadala baye banegalelo koku. Omnye umdala wabhala: “Akubi naxhala xa usazi ukuba ebandleni, kukho umzalwana oqeqeshwe kakuhle. Abadala bebefuna umntu onjalo kanye.”
‘ABASEBENZI ABANGAMADLELANE KATHIXO’
Abashumayeli boBukumkani baye banamava achulumancisayo ngenxa yokusikelelwa nguYehova. Ngokomzekelo ngenye imini, ngobusika obabubanda gqitha, uSteve noGaye baya kumsebenzi wendlu ngendlu. Kumzi wokuqala abangena kuwo, baqalisa isifundo seBhayibhile nenye indoda esele ikhulile eyayidandathekile. Kwisithuba nje seeveki ezimbini yaya ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani, yaye bayixelela ukuba bayabuxabisa ububele eyabubonisayo ngokubamkela emzini wayo kutyelelo lwabo lokuqala. Yaphendula yathi: “Andizange ndinamkele kuba ndinobubele. Ndanamkela kuba ndandisazi ukuba niyeza. Kangangeentsuku ezintathu, ndandithandazela uncedo.” Ngoku iya rhoqo kwiintlanganiso yaye ilungiselela ukubhaptizwa.
Ngenye intsasa, uRay noJill babehamba ngemoto baza babona enye indoda eyayihamba ngeenyawo yaye bagqiba ekubeni bathethe nayo. Bayibonisa iincwadi baza bacela ukuyiqhubela isifundo seBhayibhile. Yathabatha amaphephancwadi yaza yabachazela ukuba yayikhe yaqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Yayisandul’ ukufudukela kuloo mmandla yaye yavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile kwakhona.
Bonke abo bazincamayo ngenxa yenkonzo kaYehova bayazi ukuba ‘uThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wabo nothando abalubonisayo ngegama lakhe.’ (Heb. 6:10) Kanye njengokuba umzimba womntu unamalungu amaninzi enza imisebenzi eyahlukahlukeneyo, lungu ngalinye lebandla liba negalelo ekwakheni ibandla ngokomoya. “UThixo ubeke amalungu [ebandla], ngalinye lawo, kanye njengoko ethanda,” yaye ukusebenzisana kwala malungu kubangela ukuba ‘onke amanye amalungu avuyisane nalo.’ (1 Kor. 12:18, 26) Le ntsebenziswano ‘yabasebenzi abangamadlelane kaThixo’ izukisa uYehova, ‘okhulisayo.’—1 Kor. 3:6, 9.
UKUMISELWA NGOKUSEMTHETHWENI KWEENDABA EZILUNGILEYO
UYesu wathi kubapostile bakhe: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.” (Mat. 10:22) Abafundi bokwenene babeyilindele into yokuba abachasi ‘babenokuthetha ngabo lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yakhe.’ (Mat. 5:11) Abafundi bakaKristu banamhlanje baye ‘bazimisela njani ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo’?—Fil. 1:7.
EArmenia
Phakathi koAprili 2007 noAprili 2008, amagosa aseArmenia ahlola izinto ezivela kumazwe angaphandle ayengavumi ukukhulula ngaphezu kweetoni ezisixhenxe zeeBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni ngaphandle kokuba kuhlawulwe intywenka yerhafu. Ekugqibeleni, ngoAprili 2008 abazalwana bazinikwa iincwadi ezazithunyelwe kuqala, emva kokuhlawula irhafu eyayifunwa kodwa ezinye azikakhululwa. Abazalwana basazama ukulungisa le ngxaki ngoncedo lomthetho.
EKazakhstan
Abazalwana ababini abavela kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova, ababeze kukhuthaza ngokomoya abazalwana baseKazakhstan, babanjwa emva kwentlanganiso ekhethekileyo eyayiseAlmaty. Bavalelwa kwisikhululo samapolisa, yaye emva kokuncinwa basiwa enkundleni yejaji, eyabafumanisa benetyala lokwenza “umsebenzi wobuvangeli.” Nangona baphinda bakhululwa kamva, kuzanywa ukuba ezo zityholo babekwa zona aba bazalwana babini, zirhoxiswe. Kutshanje, abasemagunyeni baye bagqogqa imizi yabazalwana bebaphazamisa xa bethandaza naxa befunda iBhayibhile. Iinkundla ziye zazivala ngokusemthethweni iintlanganiso zonqulo kumabandla amathathu abhalisiweyo ngokusemthethweni, yaye abezomthetho baye baphazamisa iintlanganiso komnye ummandla okumntla woLwandle iCaspian.
ETajikistan
UMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova aseTajikistan wabhaliswa ngokusemthethweni ngowe-1994, yaye loo nto yawenza akwazi ukuqhuba iintlanganiso zonqulo. Noko ke, ngo-Oktobha 11, 2007, isebe lezentlalo lenza isigqibo sokuluvala unqulo lwamaNgqina kaYehova. Abazalwana benza imizamo yokubonisa abasemagunyeni ukuba amaNgqina kaYehova athanda uxolo yaye akanakubangela siphithiphithi.
EUzbekistan
Imeko yamaNgqina kaYehova aseUzbekistan iya isiba maxongo. Ekuqaleni kowama-2008, elinye iNgqina likaYehova lagwetywa iminyaka emine kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo ngenxa yonqulo lwalo. Abanye baye babanjwa, bagwetywa, bavalelwa entolongweni, bohlwaywa ngenxa yokwaphula imithetho ephathelele imibutho yonqulo nokufundisa abanye ngeenkolelo zonqulo. Xa kuqhubeka iintlanganiso, amapolisa ayangena aze kugqogqa, agqogqa namakhaya abavakalisi, ahluthe iincwadi zabo, aze abavalele entolongweni. Abazalwana noodadewethu abaninzi baye bathukwa baza baxhatshazwa ngamapolisa.
Amapolisa amaninzi kulo mmandla aye achaza ukuba ngabefundisi abaye bawaphembelela ukwenza le nkohlakalo. Sithandazela ukuba abasemagunyeni bayibone ngokukhawuleza le nto bayenzayo ukuba ayifanelekanga baze bayeke abazalwana noodadewethu ‘baqhubeke bephila ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo nokundileka okupheleleyo.’—1 Tim. 2:1, 2.
EGrisi
Inkundla ephakamileyo yaseGrisi yenza izigqibo ezibini ezincumisayo, ezi zigqibo zazibakhulula abo bangavumiyo ukungenela ezomkhosi ngenxa yonqulo lwabo. UKonstantinos Kotidis wakha waba semkhosini kwiSoviet Union kangangeminyaka ethile ngaphambi kokuba afudukele eGrisi aze abe liNgqina likaYehova. Xa abasemagunyeni babizela uMzalwan’ uKotidis emkhosini, abazange bamvumele ukuba enze imisebenzi engenakuthanani nezomkhosi. Bathi ekubeni wayekhe waba semkhosini, isizathu sokuba angavumi ukungena emkhosini kwakhona, asivakali. Noko ke, iBhunga likaRhulumente lenza isigqibo sokuba umntu owakha waba semkhosini ngaphambili, aze kamva angavumi ukuba nenxaxheba kwezomkhosi ngenxa yonqulo, umele avunyelwe ukwenza eminye imisebenzi engenakuthanani nezomkhosi.
Kwelinye ityala, isicelo sengqesho kwiziko elithile, sikaStylianos Ioannidis sakhatywa kuba wakha wabanjwa ngenxa yokungavumi ukungenela ezomkhosi yaye ngenxa yoko kwathiwa akazange ayiphumeze inkonzo yakhe yasemkhosini. Noko ke, iBhunga likaRhulumente lenza isigqibo sokuba, xa abo baye bangavumi ukungena emkhosini beye basigqiba isigwebo entolongweni, banalo ilungelo lokucela ukungayenzi imisebenzi enokuthanani nezomkhosi. Le nkundla yathi baya kugqalwa njengabo baye bayiphumeza inkonzo yabo yasemkhosini yaye ngenxa yoko banokukufanelekela ukuqeshwa. IBhunga likaRhulumente laliqala ukuwisa isigwebo senkululeko yonqulo esifana nqwa neso sawiswa yiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu kwelinye ityala leNgqina likaYehova, elisicelo salo sengqesho sakhatywayo ngenxa yokuba lalikhe labanjwa ngenxa yokungavumi ukungenela ezomkhosi.
E-Eritrea
Abazalwana noodadewethu base-Eritrea basephantsi kwempatho-mbi nenkohlakalo. Abasemagunyeni bavalele amaNgqina kaYehova aliqela kwiinkampu zentolongo, amanye avalelwe phantsi kweemeko ezimaxongo gqitha. NgoJulayi 2008, kwabanjwa abazalwana abathandathu, kuquka abanye abadala abaneembopheleleko zokukhokela kumsebenzi owenziwa kweli lizwe. Nangona kuye kwenziwa iinzame, kwafakwa nezibheno kumazwe ngamazwe, urhulumente usazimisele ukubachasa abo banqula uThixo oyinyaniso, uYehova.
EMzantsi Korea
Kukho inkqubela eyenzekayo eMzantsi Korea, apho urhulumente aye wabagatya abo bazazela zabo zingavumiyo ukuba babandakanyeke kwezomkhosi. Kule minyaka ingama-50 idluleyo, abazalwana bethu abangaphezu kwe-13 000 baye bavalelwa entolongweni yaye sithethanje bamalunga nama-500 abasentolongweni. Isigqibo abasenzileyo nokuziphatha kwabo kakuhle njengamaKristu kuye kwanikela ubungqina obuhle kubaphathi-ntolongo namagosa karhulumente, yaye oko kuyamkholisa uThixo wethu uYehova. (1 Pet. 2:20) Sele kufakwe izicelo ezingama-488 kwiKomiti Yamalungelo Abantu YeZizwe Ezimanyeneyo, yaye izicelo ezibini ezenziwa ngowama-2006 zamkelwa yile nkundla. Okwangoku, abazalwana bethu banethemba lokuba urhulumente uya kumisela umthetho oya kubangela ukuba abantu bakwazi ukwenza eminye imisebenzi engenakuthanani nezomkhosi.
ERwanda
Bonke ootitshala baseRwanda kwafuneka baye kwinkomfa eyayiqhutywa ngoAprili 2008, kuquka ootitshala abaninzi abangamaNgqina kaYehova. Izicelo zokungabandakanyeki, ezenziwa ngabo bazazela ziqeqeshwe ngeBhayibhile, zakhatywa. Ngenxa yoko, amaNgqina angama-215 angazange avume ukuya kule nkomfa agxothwa yaye oodade ababini bavalelwa entolongweni kangangeeveki eziliqela. Le nkomfa yayibandakanya nemibandela yezopolitiko neyezomkhosi, yaye abo babekho bayalelwa ukuba babe nenxaxheba kwimibhiyozo yezopolitiko neyobuzwe. Abo babezama ukumka kuloo nkomfa babethintelwa ngamajoni. Ukususela ngelo xesha, abantwana abangama-90 bamaNgqina kaYehova baye bagxothwa esikolweni ngenxa yokungavumi ukucula umhobe wesizwe okanye ukukhahlela indwe. Siqinisekile ukuba uYehova uya kubomeleza abazalwana noodadewethu nabantwana babo ukuze bakwazi ukugcina ingqibelelo nasemva kwale ntshutshiso yakutshanje.
ESpeyin
Urhulumente waseSpeyin wawamkela umthetho obandakanya amaNgqina kaYehova akwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo, njengamalungu entsapho yaseBheteli nabaveleli abahambahambayo. Lo mthetho wawugqala abo bakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo “njengabalungiseleli abamiselweyo . . . abazinikele kumsebenzi wobuvangeli okanye wokushumayela, kwimfundiso yonqulo nakweminye imisebenzi eyimfuneko ekuxhaseni unqulo lwabo.” Lo mthetho wamiselwa kanye xa oorhulumente bamanye amazwe bethandabuza ukuba amaNgqina kaYehova akwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo, angabalungiseleli abafanele baxhamle amalungelo afunyanwa ngabalungiseleli bezinye iinkonzo.
INKUNDLA YASEYUROPHU YAMALUNGELO ABANTU
AmaNgqina kaYehova aseArmenia, eAzerbaijan, eFransi, eGeorgia, eOstriya, eRashiya, eTurkey, naseUkraine anezicelo ezingama-24 ezingekaphendulwa yiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu eseStrasbourg, eFransi. Ezi zicelo ziphathelele amalungelo abantu abahlala kummandla olawulwa siSivumelwano SaseYurophu Samalungelo Abantu, elinye lawo lilungelo lokungavumi ukungena emkhosini xa umntu isazela sakhe singamvumeli. Ezinye izicelo ziphathelele ukutshutshiswa nokucalucalulwa ngenxa yonqulo, ukuvalwa ngokusemthethweni kombutho wamaNgqina kaYehova olungelelanisa umsebenzi wawo, ukuphazamisa kukarhulumente ilungelo labanquli lokuhlanganisana, nelungelo lomzali oliNgqina lokuqeqesha umntwana wakhe ukuba abe liNgqina likaYehova.
EOstriya
NgoJulayi 31, 2008, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yawisa isigwebo esincumisayo kwityala eliphakathi kwamaNgqina kaYehova nxamnye neOstriya. Le nkundla yathi imithetho yaseOstriya ephathelele unqulo isingela phantsi ilungelo lamaNgqina kaYehova lokunqula ngokukhululekileyo kuba kusetyenziswa inkqubo yolawulo entlu-mbini, ezinye iinkonzo zonqulo zijongelwa phantsi yaye ngaloo ndlela kujongelwa phantsi abemi abathile. Esi sigwebo senziwa emva kweminyaka engama-30 abazalwana bethu bezama ukuba unqulo lwabo lwamkelwe ngurhulumente waseOstriya. Isigwebo senkundla sasisithi: “[Ukulindiswa ixesha elide kangaka] akwamkelekanga kwaphela kwinkonzo ekudala ikho emhlabeni jikelele, ekudala ikho nakweli lizwe, neyaziwa kakuhle ngurhulumente, njengenkonzo yamaNgqina kaYehova.” Urhulumente waseOstriya ngoku kufuneka enze uhlengahlengiso kumthetho osetyenziswa kwelo, onokwenza abazalwana bethu baxhamle amalungelo afanayo nalawo afunyanwa zezinye iinkonzo eziphambili eOstriya.
EAzerbaijan
NgoNovemba 2007, kwamangalelwa amapolisa kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu, ngokusingela phantsi ilungelo lethu lenkululeko yonqulo. Nangona amaNgqina kaYehova ebhaliswe ngokusemthethweni eAzerbaijan, baninzi kakhulu abazalwana abaye babanjwa nabaye baphathwa kakubi. Amaqela amakhulu amapolisa axhobileyo angena kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, ahluthe iincwadi nenye impahla yabazalwana, ababambe aye kubavalela, athuke abazalwana noodade, ababethe nokubabetha. Kuba amapolisa engayeki ukugqogqa abazalwana, inkundla iye yawumela ngeenyawo lo mbandela ukuze uchotshelwe ngokukhawuleza. Siyathemba ukuba kungekudala abazalwana bethu baya kuvunyelwa ukuba bahlanganisane ngenkululeko bengoyiki ukuphazanyiswa ngamapolisa.
EFransi
NgoFebruwari 2005, kwamangalelwa urhulumente waseFransi kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu, ngokufuna irhafu engekho mthethweni kuMbutho WamaNgqina KaYehova AseFransi. Asikazi enoba le nkundla iya kuvuma kusina na ukuchophela eli tyala. Abachasi baye banyelisa iinkolelo zethu kangangokuba, kulo nyaka uphelileyo kangangezihlandlo ezingama-70, kuye konakaliswa iiHolo zethu ZoBukumkani. Sekunjalo, abazalwana baseFransi banethemba lokuba kungekudala inkundla iya kuvuma ukuba urhulumente uye wabonakalisa ucalucalulo, aze amaNgqina kaYehova eli lizwe akhululeke.
ERashiya
NgoDisemba 2001, amaNgqina kaYehova aseRashiya amangala kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu ngenxa yokutyholwa ngokuphindaphindiweyo kwamaNgqina kaYehova ngokungekho mthethweni. NgoJuni 2004, iNkundla YesiXeko SaseMoscow yaxhasa isigqibo esasenziwe yinkundla encinane sokuvala ngokusemthethweni umsebenzi wamaNgqina kaYehova aseMoscow nombutho wawo. Ubukhulu becala, abazalwana baseMoscow basakwazi ukuqhuba iintlanganiso nokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Noko ke, eMoscow nakweminye imimandla yaseRashiya, abasemagunyeni baye baphazamisa iintlanganiso neendibano zethu baza baphatha kakubi abazalwana noodadewethu. Ngokomzekelo, ngoJulayi, kwidolophu yaseChekhov ekumgama weekhilomitha ezimalunga nama-60 ngakumzantsi weMoscow, kwatshiswa iHolo yoBukumkani. Nangona abacimi-mlilo babizwa ngokukhawuleza, abo babebukele bathi abacimi-mlilo abazange benze nzame zokucima loo mlilo yaye amapolisa akakavumi ukwenza uphando ngalo mbandela. Nangona bejamelene nobunzima nenkcaso, abazalwana noodadewethu baseRashiya baqhubeka bethembekile yaye bethembele kwinkxaso kaYehova.
UYehova uthembisa ukuba akukho sixhobo sinxamnye nabakhonzi bakhe siya kuphumelela. (Isa. 54:17) Kwanezona meko zimaxongo, zingakhokelela “ekuhanjiselweni phambili kweendaba ezilungileyo.” Ngenxa yoko, abakhonzi bakaThixo bazimisele ukuqhubeka ‘bemi beqinile moyeni mnye, bezama kunye ngamphefumlo mnye ngenxa yokholo kwiindaba ezilungileyo, yaye bangothuswa ngabo bamelene nabo.’ (Fil. 1:12, 16, 18, 27, 28) Ncedani ‘niqhubeke nibathandazela’ abazalwana noodadewethu abasehlabathini lonke abakholose ngoYehova, ‘igwiba labo noMsindisi wabo.’—2 Tes. 3:1; INdu. 18:2.
UKUNIKEZELWA KWEZAKHIWO ZAMASEBE
Kwakuyimincili yodwa kwisebe laseMzantsi Afrika, ngoMgqibelo, Novemba 10, 2007, xa abazalwana noodade abamalunga nama-4 000 babehlanganisene kunikezelwa isakhiwo esandisiweyo sokushicilela, indawo yokutyela, nezindlu zokuhlala.
Abo babeye kubona isakhiwo esandisiweyo sokushicilela baba nemincili xa bebona umatshini wokushicilela iMAN Roland Lithoman, ushicilela amashumi amawaka eeBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni. Umatshini wokudibanisa iincwadi sele udibanise imibhalo engaphezu kwesigidi yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngeelwimi ezili-16 zaseAfrika. Iindwendwe zaboniswa icandelo elandisiweyo kwisebe lokuthumela ekugcinwa kulo iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni zamabandla amalunga nama-8 000 akumazwe alishumi, akumazantsi eAfrika.
NgoJuni 7, 2008, kwanikezelwa isakhiwo sesebe saseNigeria, eLagos, esikumgama weekhilomitha ezingama-360 ngakumzantsi-mpuma weBheteli eseIgieduma. Iofisi yaseLagos inezindlu zokuhlala ezingama-24, indawo yokugcina iincwadi, nesakhiwo seeofisi. Imicimbi emininzi inyanyekelwa eLagos, isixeko salapho esinamashishini. Kwesi sakhiwo sitsha kukho nendawo yokuhlala amalungu entsapho yaseBheteli alanda izinto ezivela kwamanye amazwe nathenga izinto ezifunekayo esebeni, nalawo avela naya kwisikhululo senqwelo-moya. ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli siza kuqhutyelwa kule ofisi yaseLagos, de kugqitywe umsebenzi wokwandisa isakhiwo saseIgieduma. Ngokwenene, uYehova uyawusikelela umsebenzi wokushumayela eAfrika, nasemhlabeni wonke.
UKUXHOTYISELWA UKWENZA UKUTHANDA KUKATHIXO
Simbulela ngokwenene uYehova kuba uye wasixhobisa ‘ngento yonke elungileyo ukuze senze ukuthanda kwakhe, esenza kuthi ngoYesu Kristu oko kukholekileyo emehlweni akhe.’ (Heb. 13:21) Ngenxa yokuba uYehova eye wazibonakalisa ukuba unako “ukwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo,” ngokusuk’ emazantsi eentliziyo zethu sithi: “Kuye makube luzuko ngalo ibandla nangaye uKristu Yesu kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade.”—Efe. 3:20, 21.
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
Ukubhalisa Inkonzo—Ibhaliselwa Ntoni Yaye Ibhaliswa Njani?
Kumazwe ngamazwe, iinkonzo zibhaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Kwamanye amazwe njengaseArmenia naseAzerbaijan, kukho umthetho ovumayo ukuba inkonzo icele ukubhaliswa ngokusemthethweni. Ukuba isicelo sayo siyamkelwa, loo nkonzo iya kugqalwa njengesemthethweni kwelo lizwe. Kwamanye amazwe, kubhaliswa ngokweendidi ezimbini. Kudidi lokuqala, kubhaliswa iicawa eziphambili. Oku kwahlulahlulwa kuneengenelo ezininzi, kuquka ukungahlawuli irhafu. Kudidi lwesibini, kubhaliswa iicawa ezincinane, ezintsha nezingaziwayo.
Kwamanye amazwe, njengaseGeorgia naseMerika, akukho mthetho ungqalileyo wokubhaliswa kweenkonzo. Kumazwe anjalo, umgaqo-siseko ukhulula wonke umntu ukuba anqule ngendlela ayithandayo. Nangona kula mazwe iinkonzo zingabhaliswa ngokusemthethweni, inkonzo inako ukucela ukubhalisa umbutho wayo ngokusemthethweni. Ukuba eso sicelo samkelwe, loo nkonzo inokusebenzisa loo mbutho xa isenza imisebenzi yayo, esenokuquka ukushicilela nokupapasha iincwadi nokuba nesakhiwo.
[Imaphu ekwiphepha 21]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
AUSTRIA
FRANCE
SPAIN
GREECE
ERITREA
RWANDA
ARMENIA
AZERBAIJAN
RUSSIA
KAZAKHSTAN
UZBEKISTAN
TAJIKISTAN
SOUTH KOREA
[Umfanekiso okwiphepha 11]
IBandla laseSiaya ekuthethwa isiLuo kulo
[Umfanekiso okwiphepha 13]
“INguqulelo Yehlabathi Elitsha” epheleleyo okanye inxalenye yayo ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-70
[Umfanekiso okwiphepha 22]
UKonstantinos Kotidis
[Umfanekiso okwiphepha 22]
UStylianos Ioannidis
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Indawo yokuhlala entsha eseLagos, eNigeria
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Indawo Yokushicilela, Kwisebe laseMzantsi Afrika