IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 177
  • Yintoni Umthetho Omkhulu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Umthetho Omkhulu?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Impendulo yeBhayibhile
  • Uthetha ukuthini uMthetho Omkhulu?
  • Unceda ngantoni uMthetho Omkhulu?
  • Ngaba uMthetho Omkhulu wenzelwe nje ukuze sibe nezinto esizifumana kwabanye?
  • Ungawusebenzisa njani uMthetho Omkhulu?
  • UMthetho Omkhulu—Uyasebenza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Umthetho Omkhulu—Kutheni Usasebenza Nje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • UMthetho Omkhulu—Imfundiso Yehlabathi Lonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Sebenzisa UMthetho Omkhulu Kubulungiseleli Bakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 177
Umntu ufunda ivesi yeBhayibhile ebizwa ngokuba nguMthetho Omkhulu.

Yintoni UMthetho Omkhulu?

Impendulo yeBhayibhile

Ayikho into ethetha ‘ngoMthetho Omkhulu’ eBhayibhileni. Kodwa abanye baye basebenzise la mazwi xa bethetha ngomthetho wokuziphatha owafundiswa nguYesu. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.” (Mateyu 7:12; Luka 6:31) UMthetho Omkhulu uchazwa nangale ndlela: “Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12, iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

  • Uthetha ukuthini uMthetho Omkhulu?

  • Unceda ngantoni uMthetho Omkhulu?

  • Ngaba uMthetho Omkhulu wenzelwe nje ukuze sibe nezinto esizifumana kwabanye?

  • Ungawusebenzisa njani uMthetho Omkhulu?

Uthetha ukuthini uMthetho Omkhulu?

UMthetho Omkhulu usikhuthaza ukuba siphathe abanye ngendlela esifuna ukuphathwa ngayo. Ngokomzekelo, abantu abaninzi bayavuya xa abanye bebaphatha ngentlonipho, ngobubele, nangothando. Ngoko ke, kufanelekile ukuba abanye sibaphathe ngendlela efanayo.

Unceda ngantoni uMthetho Omkhulu?

UMthetho Omkhulu usebenza kuzo zonke izinto. Ngokomzekelo . . .

  • Uqinisa imitshato.—Efese 5:28, 33.

  • Unceda abazali ekukhuliseni abantwana.—Efese 6:4.

  • Unceda abahlobo, abamelwane nabantu abasebenza kunye bavane.—IMizekeliso 3:27, 28; Kolose 3:13.

UMthetho Omkhulu ngumgaqo odibanisa phantse zonke izinto ezikwiTestamente Endala. Lo myalelo kaYesu wokuziphatha “yeyona nto uyifundisayo uMthetho [iincwadi zokuqala eziyi-5 zeBhayibhile] nabaProfeti [iincwadi ezineziprofeto].” (Mateyu 7:12) Ngamanye amazwi, uMthetho Omkhulu ushwankathela eyona nyaniso ibalulekileyo ifundiswa kwiTestamente Endala: ukuthanda ummelwane.—Roma 13:8-10.

Ngaba uMthetho Omkhulu wenzelwe nje ukuze sibe nezinto esizifumana kwabanye?

Hayi. Eyona nto ifundiswa nguMthetho Omkhulu kukupha abanye. Xa uYesu wayesinika lo myalelo, wayengathethi ngendlela esimele sibaphathe ngayo abantu nje kuphela, kodwa wayethetha ngendlela esimele siziphathe ngayo neentshaba zethu. (Luka 6:27-31, 35) Ngenxa yaloo nto, lo Mthetho usifundisa ukuba sibaphathe kakuhle bonke abantu.

Ungawusebenzisa njani uMthetho Omkhulu?

  1. 1. Yiba ngumntu oqaphelayo. Bahoye abantu abakwindawo okuyo. Ngokomzekelo, usenokubona umntu osindwa zizinto azithengileyo, uve ukuba ummelwane wakho ulaliswe esibhedlele, okanye uqaphele ukuba umntu osebenza naye akonwabanga. Xa ‘ubacingela abanye,’ unokufumana amathuba okuthetha okanye wenze into eza kubanceda.—Filipi 2:4.

  2. 2. Yiba novelwano. Zifake kwizihlangu zomnye umntu. Ubuza kuziva njani ukuba ubukwingxaki efanayo? (Roma 12:15) Xa uzama ukuqonda indlela abanye abaziva ngayo, loo nto inokukwenza ufune ukubanceda.

  3. 3. Yiba ngumntu okwaziyo ukutshintsha. Khumbula ukuba abantu abafani. Izinto abantu abafuna ukwenzelwa zona zisenokungafani nofuna ukwenzelwa zona wena. Kuzo zonke izinto onokubenzela zona, zama ukubenzela izinto abaza kuzixabisa.—1 Korinte 10:24.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share