IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwex inqa. 31
  • Wavuya Kakhulu Xa Wayebona Imiphumo Yokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wavuya Kakhulu Xa Wayebona Imiphumo Yokushumayela
  • Amava
  • Amanqaku Afanayo
  • Uthuthuzela Abanye Nangona Enengxaki Yempilo
    Amava
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Baqhubeka Beshumayela Ngexesha Lekhorona
    Amava
  • “Hayi Uyolo Lomntu Ofumene Ubulumko”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
Amava
ijwex inqa. 31
UDesicar uthumela imiyalezo kubantu abaziyo.

Wavuya Kakhulu Xa Wayebona Imiphumo Yokushumayela

Omnye udade ekuthiwa nguDesicar owayekhulisa umntwana yedwa, wayefuna ukwandisa inkonzo yakhe ngokuba nguvulindlela. Uhlala eVenezuela kwilizwe elisokolayo. Kodwa wayefuna ukuba nguvulindlela, ibe wayenza nyhani loo nto. Wayevuya kakhulu, kwavele kwaqala ikhorona.

Xa yayiqala, kwabanzima kakhulu kuDesicar ukutshintsha indlela ashumayela ngayo. Kwakunzima kuye ukubhala iileta. Wayengakwazi nokusebenzisa izinto zevideoconference xa eshumayela, kuba idata iduru kakhulu kwindawo ahlala kuyo. Uthi, “Yandityhafisa lento. Ndazibona sendingakwazi ukushumayela ngendlela ebendisenza ngayo. Ndandicinga ukuba kuyandohlula ukuba nguvulindlela othe ngxi.”

Kwathi kusenjalo ngoJanuwari 2021, iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yaseVenezuela yathi kuza kubakho iphulo elikhethekileyo lokushumayela. Kwenziwa amalungiselelo okuba kudlalwe iintshumayelo zeBhayibhile kwizitishi eziyi-60 zerediyo, neziyi-7 ze-TV. Yonke lento yayiza kwenzeka kwiimpelaveki eziyi-5 zalo nyanga. AmaNgqina aye akhuthazwa ukuba ameme abantu abanomdla ukuba bamamele ezi ntshumayelo. Isebe laye lanika abazalwana noodade imibuzo nezibhalo ababeza kuzisebenzisa xa befowunela abantu, nakwiileta zabo. Enye into, isebe lakhuthaza abazalwana noodade ukuba bashumayele ebantwini ngokubathumelela imiyalezo. Lento yayiqala ukwenziwa eVenezuela.

UDesicar wayejonge phambili kweli phulo. Nangona wayengazange washumayela ngokusebenzisa imiyalezo ngaphambili, kodwa wazixelela ukuba uza kuzama. Kodwa wayedinga uncedo. Uthi, “Andizazi ncam izinto zeteknoloji.” Ngoko waye wacela intombi yakhe ukuba imfundise. Emva kwexesha nje elifutshane, uDesicar wayesele ekulungele ukushumayela.

UDesicar

UDesicar wabhalela abantu abaninzi abaziyo, ebamema ukuba bazokumamela ezi ntshumayelo. Wavuya kakhulu xa wayebona imiphumo yokushumayela. Abantu abaninzi awayebamemile baye bazimamela ezi ntshumayelo, babuza nemibuzo. Abanye zange bakwazi ukumamela kodwa bambuza ukuba bekuthethwa ngantoni. Uthi, “Ndaye ndabhala amanqaku ndaza ndabathumelela. Zange ndenza amabuyelo angaphezulu kwayi-5 ngenyanga, kodwa eli phulo lindenze ndenza ayi-112.”a

UDesicar wamema nosisi wakhe ongakhonziyo, ohlala ngasendlini yakhe ukuba amamele ezi ntshumayelo kwisitishi serediyo. Uthi, “Wavuma, ndandingayilindelanga tu loo nto. Ndandisiya endlini yakhe simamele sobabini qho ngeCawa ngo-8 ekuseni. Wayenemibuzo emininzi.” Wangena nakwiSikhumbuzo Sokufa kukaYesu esasiqhutywa ngevideoconference. Waza wavumela noDesicar ukuba asebenzise i-intanethi yakhe xa eshumayela.

UDesicar uthi, “Ndimbulela kakhulu uYehova. Ndiyababulela nabadala bebandla lam ngokundikhuthaza. Bandincede ndaphinda ndakuvuyela ukushumayela.” (Yeremiya 15:16) UDesicar usenguvulindlela, ibe usafunda nabo banomdla awabafumana xa wayebhala imiyalezo.

a AmaNgqina kaYehova athobela imithetho yezinto zokusetyenziswa kweintanethi xa eshumayela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share