Top left: Marek M. Berezowski/Anadolu Agency via Getty Images; bottom left: Halfpoint Images/Moment via Getty Images; center: Zhai Yujia/China News Service/VCG via Getty Images; top right: Ismail Sen/Anadolu Agency via Getty Images; bottom right: E+/taseffski/via Getty Images
HLALANI NITHE QWA!
Unyaka Ka-2023 Wenze Abantu Banexhala—Ithini IBhayibhile?
Izinto ezenzeke ngo-2023 emhlabeni wonke zibonise ukuba siphila kumaxesha iBhayibhile ewachaza ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Jonga ukuba ezi zinto zenzekayo namhlanje zazichazwe kwangaphambili yiBhayibhile.
IBhayibhile Nezinto Ezenzekayo Emhlabeni
“Niza kuva ngeemfazwe kwiindawo ngeendawo.”—Mateyu 24:6.
“Kuya kusibakho imilo emininzi emhlabeni.”a
Jonga inqaku elithi “Ngubani Oza Kukhusela Abantu?” nelithi “Kusetyenziswe Imali Engaphezu Kwe-R39 Triliyon Emkhosini.”
“Kuza kubakho iinyikima kwiindawo ngeendawo.”—Marko 13:8.
“Oko kwaqala u-2023, kuye kwakho iinyikima eziyi-13 ezenze umonakalo omkhulu emhlabeni wonke, ibe akuzange kwenzeke iinyikima ezinje kunyaka nje omnye oko saqalisa ukugcina ingxelo.”b
Jonga inqaku elithi “Kwenzeke Iinyikima ETurkey NaseSyria.”
“Izinto ezoyikekayo.”—Luka 21:11.
“Ngoku umhlaba awukho shushu njee, kodwa imozulu imbi kakhulu kangangokuba sekungathi umhlaba uyatsha.”—UAntónio Guterres, ongunobhala-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo.c
Jonga inqaku elithi “Ubushushu Obungaqhelekanga Emhlabeni Ngenxa Yehlobo Lika-2023.”
“Indlala.”—Mateyu 24:7.
“U-2023 uye waba ngomnye unyaka oye wenza kwanzima ebantwini ukuba bondle iintsapho zabo.”d
Jonga inqaku elithi “Ukunqaba Kokutya Emhlabeni Ngenxa Yemfazwe Nemozulu.”
“Amaxesha ekunzima ukuwanyamezela.”—2 Timoti 3:1
“Umntu omnye kwabasibhozo emhlabeni wonke unesigulo esiphazamisa iimvakalelo.”e
Jonga inqaku elithi “Baninzi Abantwana Abanezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo.”
Yintoni esinokuyilindela ngo-2024?
Akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka ngo-2024. Kodwa izinto ezenzeka emhlabeni zibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo, okanye urhulumente wasezulwini, uza kulawula endaweni yoorhulumente babantu aze aphelise izinto ezibuhlungu nezibangela ixhala.—Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:4.
Okwangoku xa sinexhala, singacela ukuba uThixo asincede. IBhayibhile ithi:
“Ndithembela kuwe xa ndisoyika.”—INdumiso 56:3.
Singabonisa njani ukuba siyamthemba uThixo? Siyakumema ukuba ufunde ngesithembiso seBhayibhile esithetha ngekamva apho kungazukwenzeka zinto zibuhlungu. Khawuzame incoko efundisa ngeBhayibhile yamahala uze ubone indlela eninokuncedakala ngayo nentsapho yakho zizithembiso eziseBhayibhileni.
a I-Foreign Affairs, “A World at War: What Is Behind the Global Explosion of Violent Conflict?” ebhalwe nguEmma Beals noPeter Salisbury, ngo-Oktobha 30, 2023.
b I-Earthquake News, “Year 2023: Number of Major Earthquakes on Course for Record,” ngoMeyi, 2023.
c IZizwe Ezimanyeneyo, “Secretary-General’s Opening Remarks at Press Conference on Climate,” ngoJulayi 27, 2023.
d I-World Food Programme, “A Global Food Crisis.”
e I-World Health Organization, “World Mental Health Day 2023,” ngo-Oktobha 10, 2023.