Ithini IBhayibhile Ngemfazwe Yenyukliya?
Ihlabathi lethu lisengozini kuba kusenokwenzeka imfazwe yenyukliya nanini na. Lento ibangelwa yinto yokuba awona mazwe anamandla aqhubeka elungisa ibe esenza nezinye izixhobo ezininzi zenyukliya. Ngenxa yaloo nto ayothusi into yokuba abantu besoyika kuba njengokuba zisiya zisanda izixhobo zenyukliya, sisengozini yokuba ingaqala nanini na imfazwe yenyukliya. Kukho nenye into ebenza ixhala abantu, bathi xa kunokubakho nje ilizwe elinye elisebenzisa ibhombu yenyukliya, loo nto iza kwenza ukuba kuqale imfazwe yenyukliya emhlabeni wonke eza kumosha umhlaba. I-Bulletin of the Atomic Scientists ithi, “siphila kwixesha apho ingozi yemfazwe yenyukliya inokwenzeka nanini na.”
Ngaba nyhani ingenzeka imfazwe yenyukliya? Ukuba kunjalo, ngaba umhlaba uza kusinda? Singenza njani ukuba sinexhala lokuba kungenzeka imfazwe yenyukliya? Ithini iBhayibhile?
Kweli nqaku
Ngaba iBhayibhile yathi iArmagedon iza kuba yimfazwe yenyukliya?
Ngaba incwadi yeBhayibhile iSityhilelo ithetha ngemfazwe yenyukliya?
Ngaba iBhayibhile yathi kuza kwenzeka imfazwe yenyukliya?
IBhayibhile ayithethi ngokungqalileyo ngemfazwe yenyukliya. Kodwa into enokubangela imfazwe yenyukliya yindlela abazenza ngayo izinto nabacinga ngayo leyo yayithethiwe yiBhayibhile.
Khawujonge ezi vesi zilandelayo ucinge ngezinto ezenzekayo ngoku emhlabeni:
Iivesi zeBhayibhile: Abafundi bakaYesu babuza: “Siza kubona ngantoni xa ukho naxa sekuza kupheliswa ihlabathi?” UYesu wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe.”—Mateyu 24:3, 7.
Izinto ezenzeka emhlabeni: Amazwe anezixhobo zenyukliya nakwaziyo ukuzenza, ngawo asoloko esilwa.
“Kule minyaka emhlabeni kukho ubundlobongela obuninzi ibe imilo eyenzekayo iya isanda kakhulu.”—IThe Armed Conflict Location & Event Data Project.
Ivesi YeBhayibhile: “Ngexesha lesiphelo ukumkani wasemzantsi uza kulwa [nokumkani wasemntla].”—Daniyeli 11:40.
Izinto ezenzeka emhlabeni: Awona mazwe aziintshaba kunye nalawo awancedisayo ayalwisana kuba efuna ukuba ngawona anamandla emhlabeni wonke, njengokuba iBhayibhile yayitshilo.
“Nangona amazwe anezixhobo zenyukliya engazisebenzisi ukuze alwisane asaqhubeka esenza ezona zixhobo ziza kuba namandla nakakhulu zenyukliya. Kule minyaka iyi-10 idlulileyo amazwe aye ayalwisana ibe lento ingenwe nangawona mazwe anamandla kakhulu exhasa amaqela angafaniyo.”—I-The Uppsala Conflict Data Program
Iivesi zeBhayibhile: ‘Ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu baza kuba nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi ukuzibamba, babe ziindlobongela.’—2 Timoti 3:1-3.
Izinto ezenzeka emhlabeni: Abantu abaninzi namhlanje abathandi ukuvumelana nabanye ibe neenkokheli zehlabathi zinjalo. Endaweni yokuba zizilungise kakuhle izinto zisoloko zigrogrisana ibe zisoyikisana. Ezo zinto zizo ezinokwenza kubekho imfazwe yenyukliya.
“Kuza kusoloko kukho imilo emosha kakhulu ukuba abantu abafumani ndlela yokusebenzisa kakuhle.”—US. Saran noJ. Harman, kwiWorld Economic Forum.
Ngaba uThixo angavuma ukuba kwenzeke imfazwe yenyukliya?
IBhayibhile ayitsho. Iyatsho kodwa ukuba kule mihla yethu kuza kubakho “izinto ezoyikekayo.” (Luka 21:11) Ngokomzekelo kwiMfazwe Yehlabathi Yesibini kwaye kwaliwa kwaze kwasetyenziswa neebhombu zeathom. IBhayibhile iyachaza ukuba kutheni uThixo ezivumele iimfazwe. Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela ividiyo ethi, Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
Ngaba umhlaba uza kusinda?
Ewe. Nokuba abantu bangasebenzisa izixhobo zenyukliya, uThixo akasoze avume ukuba zimoshe umhlaba wonke. IBhayibhile ithi umhlaba uza kusinda ibe abantu baza kuhlala kuwo ngonaphakade.
Abanye abantu bacinga ukuba emhlabeni kuza kushiyeka abantu abambalwa, abasokolayo abangenakutya nabaphila kwindawo emdaka emva kokuba kwenzeke imfazwe yenyukliya. Kodwa, iBhayibhile ibonisa ukuba nantoni na eyenzekileyo emhlabeni ngenxa yemfazwe iza kulungiswa.
UThixo ufuna siphile kamnandi sonwabile emhlabeni omhle
UMdali wethu udale umhlaba wakwazi ukuzilungisa. Ibe uThixo uza kusebenzisa amandla akhe ukuze awulungise ngokupheleleyo umhlaba. Uza kuhlala ulikhaya elihle labantu ngonaphakade.—INdumiso 37:11, 29; ISityhilelo 21:5.
Yintoni onokuyenza ukuba “unexhala lemfazwe yenyukliya”?
Abanye abantu banento ebizwa ngokuba “lixhala lenyukliya,” elichazwa ngokuba “luloyiko lwemfazwe yenyukliya” nemiphumo yayo. Izinto ezithenjiswa yiBhayibhile namacebiso ayo anokubanceda abo bantu ukuze bangabi naxhala kakhulu. Njani?
IBhayibhile ithembisa ukuba emhlabeni kuseza kuba mnandi kakhulu ibe nabantu abaza kuphila kuwo baza konwaba. Ukufunda ngelo themba kufana nokufaka ‘iankile yomphefumlo,’ enceda abantu bangabi nexhala. (Hebhere 6:19) Enye into enokusinceda singabi naxhala kukungazikhathazi ngezinto ezininzi ezisenokwenzeka kwixesha elizayo, kodwa sihoye ezo zenzekayo ngolo suku. Kuba noYesu watsho wathi, “usuku ngalunye luneengxaki ezilulingeneyo.”—Mateyu 6:34.
Siza kuba senza kakuhle xa siyihoyile impilo yethu nezinto esizicingayo. Loo nto singayenza nangokuphepha ukumamela izinto ezithethwa ngabantu, izinto abazicingayo nabaziqikelelayo ngezinto ezidibene nenyukliya kube kungeyomfuneko ukuzingxamela izinto ezinjalo kuba zinokusenza ixhala. Le nto ayithethi ukuba asiyihoyanga into eyenzekayo kodwa ithetha ukuba sizama ukuphepha nantoni na eza kusenza sibe nexhala sibe singenakukwazi ukuyinqanda okanye sixhalabele into engasoze yenzeke.
Khawukhe uziphe ixesha lokucinga ngezinto ezintle ezenzekayo ebomini bakho endaweni yokumamela iindaba ezimbi.
IBhayibhile isiqinisekisa ukuba siza kuphila kamnandi kwixesha elizayo
Ukufunda ngamathemba esiwanikwa nguThixo kunokukunceda ube nethemba, uvuyo, uze ube noxolo lwengqondo.
Ngaba iBhayibhile yathi iArmagedon iza kuba yimfazwe yenyukliya?
Abanye abantu badibanisa iArmagedon nemfazwe yenyukliya eza kwenzeka emhlabeni wonke. Ngokuqinisekileyo banombono womonakalo omkhulu oza kwenziwa yimfazwe enjalo.
Kodwa iBhayibhile xa ithetha ‘ngeArmagedon’ ithetha ngemfazwe eza kuba iphakathi “kookumkani bomhlaba wonke,” okanye oorhulumente babantu kunye noThixo.a (ISityhilelo 16:14, 16) IArmagedon ayizukuba yimfazwe etshabalalisa kwanto njengokuba ibhombu yenyukliya inokwenza njalo. Kodwa kule mfazwe, uThixo uza kutshabalalisa kuphela abantu abenza izinto ezimbi aze aqiniseke ukuba abantu abashiyekileyo bakhuselekile ibe baseluxolweni.—INdumiso 37:9, 10; Isaya 32:17, 18; Mateyu 6:10.
Ngaba iBhayibhile yathi kuza kwenzeka imfazwe yenyukliya?
Kuba uYehovab uThixo enamandla uza kuwasebenzisa ukuze aphelise zonke iimfazwe ezenziwa ngamazwe aze atshabalalise zonke izixhobo zabo zokulwa. Lento uza kuyenza esebenzisa uBukumkani bakhe obungurhulumente wasezulwini nobuza kulawula yonke into eyenzeka emhlabeni.—Daniyeli 2:44.
UBukumkani bukaThixo buza kufundisa abantu indlela yokuphila ngoxolo nokuphilisana kakuhle. Kuba kuza kube kulawula urhulumente omnye emhlabeni wonke, abazubakho oorhulumente abaphikisanayo nabantu abazukufundiswa ukulwa ezimfazweni! (Mika 4:1-3) Kuza kuba mnandi nyhani. “Umntu ngamnye uza kuhlala phants komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiiya, kungabikho mntu uboyikisayo.”—Mika 4:4.
a Funda inqaku elithi “Yintoni Imfazwe YeArmagedon?”
b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?”