IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 29
  • Ngaba Ndimele Ndithandaze Kwiingcwele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndimele Ndithandaze Kwiingcwele?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • IiNgcwele
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Ngaba Sifanele Sithandaze Kwiingcwele?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ngaba Kufanelekile Ukuthandaza “Kwiingcwele”?
    Vukani!—2010
  • Zinokukunceda Njani Iingcwele Zokwenene?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 29

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa / Umthandazo / Ngaba Ndimele Ndithandaze Kwiingcwele?

Impendulo yeBhayibhile

Akunjalo. IBhayibhile ithi simele sithandaze kuThixo kuphela egameni likaYesu. UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Nimele nithandaze ngale ndlela: Bawo wethu osezulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9, INew American Bible) Akazange abayalele ukuba bathandaze kwiingcwele, kwiingelosi okanye komnye umntu.

UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ndiyindlela nenyaniso nobomi. Akukho mtu uzayo kuBawo ngaphandle kwam.” (Yohane 14:6, NAB) NguYesu kuphela obekwe nguThixo ukuba asingxengxezele kuye.—Hebhere 7:25.

Yintoni eyenzekayo xa ndithandaza kuThixo nakwiingcwele?

KwiMithetho Elishumi, uThixo wathi: “Mna, NKOSI, uThixo wakho, ndinguThixo onekhwele.” (Eksodus 20:5, NAB) ‘Unekhwele’ njani uThixo? Umbhalo osemazantsi ephepheni kwiNew American Bible uthi “ufuna uzinikele kuye yedwa.” UThixo ufuna izenzo zokunyaniseka okanye ukunqula—kuquka umthandazo—zenziwe kuye kuphela.—Isaya 48:11.

Simenza buhlungu uThixo ukuba sithandaza komnye umntu, iingcwele okanye iingelosi. Xa umpostile uYohane wazama ukunqula ingelosi, yamnqanda. Yathi: “Ungakwenzi oko! Ndingukhonzi kunye nawe nabazalwana bakho abangqinela uYesu. Nqula uThixo.”—ISityhilelo 19:10, NAB

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share