IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 131
  • Ithini IBhayibhile Ngokuqhunkqa Nangokunxiba Izacholo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ithini IBhayibhile Ngokuqhunkqa Nangokunxiba Izacholo?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ngaba Amabhinqa Afanele Abufihle Ubuhle Bawo?
    Vukani!—2005
  • Ndinokuzisebenzisa Njani Ngokufanelekileyo Izithambiso Zokuzihombisa?
    Vukani!—1990
  • Abazali Bam Baya Kundivumela Nini Ukuba Ndisebenzise Izinto Zokuthambisa?
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 131
Ibhinqa linxibe intsimbi yomqala

Ithini IBhayibhile Ngokuqhunkqa Nangokunxiba Izacholo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ayikugxeki ukuqhunkqa, ukunxiba izacholo okanye ezinye iindlela zokuzilungisa nangona ingathethi kakhulu ngazo. Kunokuba ithethe kakhulu ngobuhle, iBhayibhile ithi simele ‘sifake isivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali.’​—1 Petros 3:3, 4.

IBhayibhile ayikugxeki ukuzilungisa

  • Amabhinqa athembekileyo aseBhayibhileni ayezilungisa. URebheka owatshata nonyana ka-Abraham uIsake wayenxibe ikhonkco lempumlo legolide, izacholo zegolide ezifakwa ezandleni nezinye izacholo ezibiza imali eninzi awayeziphiwe nguAbraham owayeza kuba nguyise-zala. (Genesis 24:22, 30, 53) NoEstere wanikwa ‘izinto zakhe zokuthambisa’ xa wayeza kuba yikumkanikazi kuBukhosi BasePersi. (Estere 2:7, 9, 12) Kuyabonakala ukuba wayenikwe izinto zokuthambisa ezahlukahlukeneyo.

  • Imizekeliso eseBhayibhileni ithetha kakuhle ngezacholo. Ngokomzekelo, umntu onika omnye icebiso elihle ufaniswa ‘necici legolide. . . kwindlebe evayo.’ (IMizekeliso 25:12) NoThixo wafanisa indlela awayesiphatha ngayo isizwe sakwaSirayeli nomyeni onika umtshakazi wakhe amacici, izacholo ezifakwa engalweni nasemqaleni. Ezo zinto zenza esi sizwe ‘saba sihle kakhulu.’​—Hezekile 16:11-13

Ubuxoki ngokuqhunkqa nokunxiba izacholo

Ubuxoki: Kweyoku-1 kaPetros 3:3, iBhayibhile iyakugxeka ‘ukolukwa kweenwele nokufakwa kwezihombo zegolide.’

Inyaniso: Le vesi ibonisa ukuba eyona nto ibalulekileyo eBhayibhileni bubuhle bangaphakathi kunokuzilungisa ngaphandle. (1 Petros 3:3-6) Zikhona nezinye iivesi zeBhayibhile eziyibonisayo loo nto.​—1 Samuweli 16:7; IMizekeliso 11:22; 31:30; 1 Timoti 2:9, 10

Ubuxoki: ‘Isithambiso esimnyama’ sasiqatywa emehlweni nguKumkanikazi uIzebhele ongendawo ibe oko kubonisa ukuba ukuqhunkqa akufanelekanga.​—2 Kumkani 9:30.

Inyaniso: UIzebhele owayekhafula nowayengumbulali wagwetywa ngenxa yezinto ezimbi awayezenza kungekhona ngenxa yendlela awayekhangeleka ngayo.​—2 Kumkani 9:7, 22, 36, 37.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share