IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 76
  • Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kwenziwa ntoni kwiHolo YoBukumkani?
  • Kutheni umele uye?
  • Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Le Yindawo Esinqulela Kuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Kutheni Simele Sihlanganisane Ukuze Sinqule?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Amalungiselelo Eendawo Zokukhonza
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 76
Umfana ujonge abantu abangena kwiHolo YoBukumkani

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?

Kabini evekini, amaNgqina KaYehova aya kwiindawo akhonzela kuzo ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani. Kwenziwa ntoni kuzo, ibe ungancedakala njani ngokuya?

  • Kwenziwa ntoni kwiHolo YoBukumkani?

  • Kutheni umele uye?

  • Oko kuthethwa lolunye ulutsha

Kwenziwa ntoni kwiHolo YoBukumkani?

KwiHolo YoBukumkani kufundiswa ngeBhayibhile. Ukuya kwakho kungakunceda:

  • ufunde inyaniso ngoThixo.

  • uqonde ukuba kutheni izinto ezenzekayo zisenzeka.

  • ube ngumntu obhetele.

  • ufumane abahlobo bokwenene.

Ngaba Ubusazi? Indawo amaNgqina KaYehova akhonzela kuyo ibizwa ngokuba yiHolo YoBukumkani kuba eyona nto kuthethwa ngayo pha buBukumkani bukaThixo.​—Mateyu 6:9, 10; 24:14; Luka 4:43.

Kutheni umele uye?

Izinto ozifunda pha ziza kukunceda. Imigaqo ekuthethwa ngayo iza kukunceda ‘ube nobulumko.’ (IMizekeliso 4:5) Loo nto ithetha ukuba iBhayibhile ingakunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo. Ingakunceda uphendule nemibuzo efana nale:

  • Yintoni injongo yobomi?

  • Ngaba simele sityhole uThixo ngokusokola kwethu?

  • Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?

Nantsi eminye yemixholo yeentetho eziye zinikelwe kwiHolo YoBukumkani:

  • Kutheni Umele Ukhokelwe YiBhayibhile?

  • Unokulufumana Phi Uncedo Xa Usengxakini?

  • Oko Sikwenzelwa Bubukumkani BukaThixo Ngoku.

“Omnye endifunda naye eklasini wakhe weza kwiiHolo YoBukumkani. Wahlala kunye nentsapho yasekhaya saza sajongisana naye njengoko kufundwa. Emva kokuba siphumile, wandixelela indlela azithande ngayo iimpendulo zabantu. Waphinda wathi ecaweni yakhe abanazo iincwadi zeBhayibhile njengathi.”​—UBrenda.

Ngaba Ubusazi? Akungenwa ngamali kwiHolo YoBukumkani ibe akuqokelelwa nkongozelo.

Ukuncokola nabantu kuza kukukhuthaza. IBhayibhile ithi esinye sezizathu zokuba amaKristu adibane ‘kukukhuthazana.’ (Hebhere 10:24, 25) Ukuncokola nabantu ababeka uThixo kuqala kuneziqu zabo kweli hlabathi lithi ndim phambili, kuyakhuthaza.

Emva kosuku olude ndiye ndizive ndiphantsi ndidiniwe, kodwa ukuncokola nabantu abakwiHolo YoBukumkani kundenza ndizive bhetele. Ndigoduka ndonwabile kube ngathi akusasi.”​—UElisa.

Ngaba Ubusazi? Kukho amabandla amaNgqina KaYehova angaphezulu kwayi-120 000 ehlabathini lonke ibe adibana kwiindawo ezingaphezu kweziyi-60 000. Nyaka ngamnye kwakhiwa, ubuncinane, iiHolo ZoBukumkani eziyi-1 500 kuba lisoloko lisanda inani labantu abayayo.a

Oko kuthethwa lolunye ulutsha

UJessica

“Xa ndandisesesikolweni, omnye endandifunda naye wayemana esiya kwiHolo YoBukumkani ibe wayekuthanda ukubona abantu abangalinganiyo ngeminyaka befunda kunye iBhayibhile. Kutshanje nomqeshi wam uye waya, ibe yena uthande indlela iBhayibhile esetyenziswa ngayo. Ukubona indlela awayonwabe ngayo kuye kwandonwabisa nam.”​—UJessica.

UTimothy

“Ukuya kwiHolo YoBukumkani kundinika isiqabu kwiingxaki zam. Sifundiswa indlela yokuphila ubomi obunenjongo, ukuba ngumntu obhetele nezinye izinto ezininzi. Xa ndisimka kwiHolo YoBukumkani ndiziva ndihlaziyekile.”​—UTimothy.

UJacob

“Enye indoda endayimema kwiHolo YoBukumkani yathi: ‘Bendisiya nje kuba bendifuna ukuzibonela ukuba nifundisa ubuxoki. Kuthe kanti ndim lo ukholelwa ubuxoki.’ Kuthe kanti ndim lo ukholelwa ubuxoki. Wayithanda nendlela amaNgqina KaYehova anobubele ngayo. Wathi: ‘Nangona ndiqala ukunibona ingathi yiminyaka sisazana!’”​—UJacob.

UMadison

“Ngamanye amaxesha ndandisithi, ‘siza kuthi siphuma nje eholweni, ndihambe.’ Kodwa kuye kube mnandi, ndiyilibale yonke loo nto. Xa siphuma eholweni, ndiye ndincokole nabantu, ndingayazi nento ibindenza ndifune ukuhamba. Ukuba bendingayi kwiHolo YoBukumkani, ngendingenabo aba bahlobo ndinabo ngoku.”​—UMadison.

a Ukuze ufumane iHolo YoBukumkani, yiya kwindawo ethi, “Iintlanganiso Zebandla ZamaNgqina KaYehova” uze ucofe indawo ethi, “Fumana Indawo Ekufutshane Nawe.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share