IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwex inqa. 2
  • Baxelele Ukuba Uyabathanda

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baxelele Ukuba Uyabathanda
  • Amava
  • Amanqaku Afanayo
  • “UThixo Akamkhethi Wabuso Bamntu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Unobangela Oyintloko Wempikiswano
    Vukani!—1994
Amava
ijwex inqa. 2
UZlatka uthandaza kuYehova ukuze athethe nomyeni wakhe

Baxelele Ukuba Uyabathanda

UOng-li waseBulgaria liNgqina likaYehova. Ebefundela uZlatka iBhayibhile onomyeni ongenamdla eBhayibhileni. UOng-li uthi: “Xa sasifunda ngentsapho, ndayiphindaphinda into yokuba kubalulekile ukuxelela umyeni wakho nabantwana bakho ukuba uyabathanda. Yamkhathaza le nto, kuba uthi zange wamxelela umyeni wakhe nentombi yakhe ena-9 ukuba uyabathanda!”

Wade wathi, “Ndingabenzela nantoni na, kodwa kunzima kum ukuthi ‘ndiyakuthanda.’ Umama zange watsho ukuba uyandithanda, nomakhulu zange watsho kuye.” UOng-li wambonisa eBhayibhileni ukuba uYehova waxelela uYesu ukuba uyamthanda. (Mateyu 3:17) Wamkhuthaza uZlatka ukuba ayithandazele le meko aze azame ukumxelela umyeni nomntwana wakhe ukuba uyabathanda.

UOng-li uthi: “Emva kwentsuku ezimbini, uZlatka wandixelela evuya ukuba uye wathandaza kuYehova ecela uncedo. Waye wathi kumyeni wakhe ufunde eBhayibhileni ukuba umfazi kubalulekile ukuba amthande aze amthobele umyeni wakhe. Uthi wathula nje kancinci, emva koko wamxelela ukuba umthanda nyhani! Waza watsho nakwintombi yakhe ukuba uyayithanda! Wathi: ‘Kudala ndingakwazi ukuchaza indlela endivakalelwa ngayo, kodwa ngoku uYehova uye wandinceda ndakwazi ukuxelela intsapho yam ukuba ndiyayithanda, ndonwabe nyhani ngoku.’

UOng-li uphinda athi: “Kugqithe iveki nje enye, ndadibana nomyeni kaZlatka, wathi kum: ‘Abantu abaninzi bebesithi uZlatka makangafundi iBhayibhile nawe, kodwa ukufunda kwakhe iBhayibhile kusincede nyhani, ngoku kumnandi emtshatweni wethu.’”

UOng-li ufundela uZlatka iBhayibhile

UOng-li usaqhubeka efunda iBhayibhile nabantu ekuhlaleni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share