IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 94
  • Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Zihlole
  • Kutheni ndikudinga ukulungiswa?
  • Ndingenza njani ukuze ndivume xa ndilungiswa?
  • Ngaba Ukuthiyile Ukugxekwa?
    Vukani!—1991
  • Ndinokumelana Njani Nokugxekwa?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Mfundise Ukuba Angatyhafi
    Vukani!—2019
  • Ndinokuqhubana Njani Nokugxekwa Ngabazali Bam?
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 94
Abantu abaninzi balungisa into ezotywe yintombazana.

ULUTSHA LUYABUZA

Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?

  • Zihlole

  • Kutheni ndikudinga ukulungiswa?

  • Ndingenza njani ukuze ndivume xa ndilungiswa?

  • Bathini oontanga bakho?

Zihlole

Ngamanye amaxesha, sonke siyakudinga ukulungiswa, ukufumana icebiso eliza kusinceda siphucule umsebenzi wethu okanye indlela esicinga ngayo. Ucinga ngaloo nto, jonga ezi meko zilandelayo.

  1. ● Utitshala wakho ukuxelela ukuba khange uyenze kakuhle iproject yakho. Uthi “Kufuneka uyiphinde uze uyenze kakuhle.”

    Uza kuthini?

    1. Awuzukumhoya. (‘Utitshala akandithandi.’)

    2. Uza kummamela. (‘Ndiza kulithatha icebiso lakhe ndilisebenzise naxa ndisenza omnye umsebenzi wesikolo.’)

  2. ● Umama wakho ukuxelela ukuba igumbi olala kulo limdaka kodwa usandokuliklina.

    Uza kuthini?

    1. Awuzukumhoya. (‘Usoloko enje.’)

    2. Uza kummamela. (‘Nyhani bendinokwenza bhetele kunale.’)

  3. ● Udade wakho omncinci ukuxelela ukuba akayithandi le nto yakho yokusoloko umxelela into amakayenze.

    Uza kuthini?

    1. Awuzukumhoya. (‘Akanokuthetha loo nto yena.’)

    2. Uza kummamela. (‘Mhlawumbi kufuneka ndimphathe kakuhle.’)

Abanye abantu abasebatsha kuthiwa banochuku, kuba bakhawuleza bacaphuke xa belungiswa nokuba kungento encinci. Nawe unjalo? Ukuba unjalo, uyaphoswa. Ngoba? Kaloku xa uvuma ukulungiswa, loo nto iza kukunceda ngoku futhi ikuncede naxa umdala.

Umfana ilumkisa umhlobo wayo ukuba umtya angawuqhoboshanga uza kumwisa aze onzakale.

Ungaphoswa yinto ofanele uyive kuba ungafuni ukuyiva

Kutheni ndikudinga ukulungiswa?

  • Awufezekanga. IBhayibhile ithi: “Sonke sihlala sizenza iimpazamo.” (Yakobi 3:2) Ngenxa yaloo nto, sonke siyakudinga ukulungiswa.

    “Ndizama ukumane ndikhumbula ukuba asifezekanga nokuba yinto eqhelekileyo ukwenza impazamo. Xa ndilungiswa ndiye ndizame ukufunda kuloo nto nokuba ndingaphindi ndiyenze.”​—UDavid.

  • Ungaphucula. IBhayibhile ithi: “Fundisa umntu osisilumko, uza kulumka ngakumbi.” (IMizekeliso 9:9) Ukulungiswa kungakunceda ukuba uyafuna.

    “Ndandingayithandi into yokulungiswa. Ndandicinga ukuba indenza ndibe ngumntu ombi. Kodwa ngoku ndiye ndivume ukulungiswa ndide ndizicelele. Ndifuna ukwazi ukuba ndingalungisa phi.”​—USelena.

Yinyani ukuba kukho umahluko phakathi kokuzicelela ukulungiswa nokuba ulungiswe ungakhange ucele. Xa ecinga mhla wafumana ikhadi elimcebisa ngento engakhange acele, uNatalie uthi, “Ndothuka kakhulu ndaza ndatyhafa. Ndandisenza konke endinako ndaske ndalulekwa.”

Kwakhe kwenzeka into efanayo nakuwe? Ukuba uthi ewe, ungenza ntoni?

Ndingenza njani ukuze ndivume xa ndilungiswa?

  • Mamela.

    IBhayibhile ithi: “Umntu onolwazi uyawabamba amazwi akhe, nomntu oqondayo uhlala ezolile.” (IMizekeliso 17:27) Sukumphazamisa umntu xa ethetha nawe. Ungathethi ungacinganga kuba uza kuthetha into oza kuzisola ngayo.

    “Ndisoloko ndifuna ukuzithethelela xa ndilungiswa. Endaweni yokuzithethelela, kufuneka ndifunde kuloo nto ndilungiswa kuyo ndize ndiphucule.”—USara.

  • Mamela le ithethwayo ungajongi umntu oyithethayo.

    Usenokuzibona ufuna ukuchaza iimpazamo zalo mntu ukulungisayo. Kodwa kubhetele usebenzise icebiso leBhayibhile elithi ‘khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe nokucaphuka.’ (Yakobi 1:19) Idla ngokuba khona inyani kule nto ithethwayo. Ungaphoswa yinto ofanele uyive ngenxa yokuba ungafuni ukuyiva.

    “Xa abazali bam bendilungisa ndandidla ngokuba nomsindo, ndithi ‘ndiyayazi, ndiyayazi.’ Kodwa xa ndiye ndamamela ndize ndiyisebenzise into abayithethayo ndiye ndibone izinto ezintle.”​—UEdward.

  • Sukutyhafa.

    Into yokuba ulungiswe ayithethi ukuba wohlulakele. Ithetha nje ukuba uyazenza iimpazamo njengabanye abantu. Nalo mntu ukulungisayo ukhe adinge ukulungiswa naye. Ide iBhayibhile ithi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni ohlala esenza okulungileyo.”​—INtshumayeli 7:20.

    “Umhlobo wam wandilungisa kwinto endandingacingi ukuba ndidinga ukulungisa kuyo. Ndambulela ngokunyaniseka kwakhe kodwa ndabe ndikhubekile. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndabona ukuba ibikhona inyani kulaa nto ebeyithetha. Ngenxa yamazwi wakhe, ndabona apho kwakufuneka ndiphucule khona. Ukuba wayengathethanga ndandingazokuqaphela kwanto.”​—USophia.

  • Zimisele ukuphucula

    IBhayibhile ithi “isilumko siyavuma xa silungiswa.” (IMizekeliso 15:5) Xa usamkela ukulungiswa, uza kulibala ukuba ubukhe wakhathazeka uze uxakeke kukulungisa le nto kufuneka uphucule kuyo. Yiba nendlela oza kuyenza ngayo loo nto uze emva kweenyanga ezimbalwa ujonge ukuba uye waphucula nyhani na.

    “Ukwamkela ukulungiswa kudibene nokunyaniseka. Kaloku kufuneka ungaziqhathi uze uvume iimpazamo zakho, uxolise ngenxa yazo uze ujonge indlela yokuphucula.”​—UEmma.

Nantsi into ebalulekileyo: IBhayibhile ithi: “Njengokuba intsimbi ilolwa ngentsimbi, nomntu ulola umhlobo wakhe.” (IMizekeliso 27:17) Xa ulungiswa kulolwa wena. Loo nto iza kukunceda ngoku naxa umdala.

Bathini oontanga bakho?

URenato.

“Awusoloko ulungiswa ngumntu omdala. Ungalungiswa nguntanga wakho okanye umntu omncinci kunawe kodwa loo nto ayithethi ukuba akukho nto onokuyifunda kuloo mntu. Kungenzeka ukuba ukwazi kakuhle ibe ufuna wonwabe. Xa ulungiswa yamkela uze uyisebenzise loo nto.”​—URenato.

UShae.

“Abantu abaninzi baba nochuku xa belungiswa baze balindele ukuba abanye abantu babacingele. Loo nto inokubenza basoloko becinga ngeziqu zabo, baze bangakufuni ukulungiswa. Ndifunde ukuba xa ukhawuleza wamkele ukulungiswa, izinto ziza kuqala ukukulungela, zilungele nabantu abasondele kuwe.”​—UShae.

Izinto Esizifundileyo: Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?

Mamela. Sukumphazamisa umntu xa ethetha nawe. Ungathethi ungacinganga kuba uza kuthetha into oza kuzisola ngayo.

Mamela le ithethwayo ungajongi umntu oyithethayo. Khawuleza ukuva, ucothe ekuzithetheleleni. Ukulungiswa kuza kukunceda.

Sukutyhafa. Into yokuba ulungiswe ayithethi ukuba wohlulakele. Ithetha nje ukuba uyazenza iimpazamo njengabanye abantu.

Zimisele ukuphucula. Lungisa kule nto kuthiwa phucula kuyo. Yiba nendlela oza kuyenza ngayo loo nto uze ujonge ukuba uye waphucula nyhani na.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share