7 Kodwa amaSirayeli akazange athembeke ngezinto ekwakuthiwe mazitshatyalaliswe, kuba uAkan+ unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathatha kwizinto ekwakuthiwe mazitshatyalaliswe.+ Le nto yamenza uYehova waba nomsindo kakhulu kumaSirayeli.+