6 Emva koko, uSawule wathi kumaKeni:+ “Hambani, washiyeni ama-Amaleki, ukuze ndinganitshayeli kunye nawo.+ Kuba nina nabathanda ngokungagungqiyo bonke abantu bakwaSirayeli+ ngelaa xesha babenyuka bephuma eYiputa.” Ngoko amaKeni emka phakathi kwama-Amaleki.