22 Ngoko nangoko, lo mfazi ulumkileyo waya kubo bonke abantu, baza bayinqumla intloko kaShebha unyana kaBhikeri, bayiphosa kuYowabhi. Yena wavuthela uphondo, baza bachithakala, bemka esixekweni, ngamnye waya ekhayeni lakhe,+ yena uYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.