17 Ukuphakama kwentsika nganye kwakuziikubhite eziyi-18,+ yaye ingqukuva eyayiphezu kwayo yayiyeyekopolo; ukuphakama kwaloo ngqukuva kwakuziikubhite ezintathu, umnatha ophinyeneyo neerharnati ezazikuwo onke amacala ayo zaziyikopolo.+ Intsika yesibini nomnatha wayo yayifana nayo.