16 UEliya wathi kukumkani: “Uthi uYehova, ‘Wena uthumele abathunywa ukuba baye kubuza kuBhahali-zebhubhi uthixo wase-Ekron.+ Akukho Thixo na kwaSirayeli?+ Kutheni ungabuzanga kuye? Ngoko awuzukuyishiya le bhedi ulele kuyo, kuba uza kufa ngokuqinisekileyo.’”