17 “Wena ke, nyana womntu, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Yithi kuzo zonke iintlobo zeentaka nakuwo onke amarhamncwa, “Qokelelanani nize. Qokelelanani macala onke kumbingelelo wam endinilungiselele wona, umbingelelo omkhulu ezintabeni zakwaSirayeli.+ Niza kutya inyama nisele negazi.+