6 Ezi zinto ke bazalwana, ndiye ndazibhala ndisebenzisa igama lam nelika-Apolo+ ukuze kuncedakale nina, nokuze xa nibona umzekelo wethu nifunde lo mthetho uthi: “Ningagqithi kwizinto ezibhaliweyo,” ukuze ningaziphakamisi+ nize nikhethe abanye abantu ngaphezu kwabanye.