32 UYeremiya wathabatha omnye umqulu waza ke wawunika uBharuki unyana kaNeriya, unobhala,+ owathi wabhala kuwo ngomlomo+ kaYeremiya onke amazwi encwadi leyo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda wayitshisayo emlilweni;+ yaye kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi ngakumbi anjengalawo.