Footnote
b Ukuba uye ngokusemfihlekweni walinga ukutshaya, nceda ufune uncedo ngokwazisa abazali bakho ngengxaki onayo. (IMizekeliso 28:13) Basenokukhathazeka ngokwazi ngale ngxaki yakho. Kodwa ukuba bangamaKristu, emva kokuba kuthomalele ukukhathazeka, baya kunikel’ ingqalelo kwindlela yokukunceda ukuba ukuphephe ukuphindaphinda eso siphoso. Abaveleli bebandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova basenokuba luncedo kakhulu yaye babe lukhuthazo kuwe kulo mbandela.—Yakobi 5:14, 15.