Footnote
b Abo baye baphulukana nobunyulu babo ngenxa yokudlwengulwa okanye ngenxa yokuxhatshazwa besengabantwana banokuthuthuzeleka kukwazi ukuba uThixo usabajonga ‘njengabangenatyala nanjengabamsulwa.’ (Filipi 2:15, NW) Ngokufanayo nabaphi na abaye babandakanyeka kuhenyuzo ngaphambi kokuba bazuze ulwazi ngemigaqo yeBhayibhile banokuthuthuzeleka kukwazi ukuba ngenxa yokuba benokholo kwintlawulelo kaYesu, baye ‘bahlanjululwa’ emehlweni kaThixo. (1 Korinte 6:11) UmKristu oye wawela ekuziphatheni okubi kodwa ke oguquke ngokunyanisekileyo waza wabuyela ezingqondweni usenokuphinda abe ngococekileyo phambi koThixo. Amaqabane omtshato anothando nolwazelelelo ngokufuthi aye akulungela ukuxolela phantsi kwezi meko.