Footnote
a Ukuba uxhatshazwa ngumzali olikhoboka lotywala, ufuna uncedo. Zityand’ igila kumntu omkhulu omthembileyo. Ngokomzekelo, phakathi kwamaNgqina kaYehova, ulutsha lunokuziva lukhululekile ukuthetha nabadala basebandleni okanye amanye amaKristu akhulileyo. Ulwalathiso oluluncedo ekuncedeni amaxhoba okuxhatshazwa luyafumaneka kuVukani! kaOktobha 8, 1991.