Footnote
e Abanye kwaba bantu bancedwe ngamayeza aselwayo. Amanye ala mayeza enza udakada avelise i-insulin engakumbi, wambi athintela ukuba iswekile ingabi ninzi egazini yaye amanye enza i-insulin ikwazi ukungena kwiiseli. (Abantu abane-Type 1 diabetes abadli ngokunikwa amayeza aselwayo.) Okwangoku, i-insulin ayinakuselwa, kuba umzimba uyayicola le protini yaye iyaphelelwa ngaphambi kokuba iye kufika egazini. Nokuba umntu usebenzisa i-insulin okanye amayeza aselwayo kusafuneka azilolonge yaye atye ukutya okusempilweni.