Footnote
a Abafuyi bezinja banokuzikhetha izinja abafuna zidibane nezinja zabo ukuze zibe namantshontsho anemilenze emifutshane okanye uboya obude kunabazali. Noko ke, lo mahluko ezinjeni udla ngokubangelwa kukungabikho kwemizila ethile yemfuza. Ngokomzekelo, ingqeqe iba ncinane ngenxa yokungakhuli kakuhle kwentlala emathanjeni, nto leyo ebangela ubufutshane.